Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Tim. 1:1-18

1  UPawulos, umpostile kaKristu Yesu ngokuthanda kukaThixo+ ngokwesithembiso sobomi+ esinaso ngokumanywa noKristu Yesu,+  ubhalela uTimoti, umntwana oyintanda:+ Ngamana ububele obungasifanelanga, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo noKristu Yesu iNkosi yethu, zingaba nawe.+  Ndiyambulela uThixo, endinikela kuye inkonzo engcwele+ ngesazela esihlambulukileyo,+ kanye njengoko nookhokho+ benzayo, kuba ndingazange ndiyeke ukukukhumbula kwizikhungo zam,+ ubusuku nemini  ndilangazelela ukukubona,+ njengoko ndikhumbula iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo.  Kuba ndikhumbula ukholo+ olukuwe olungenalo naluphi na uhanahaniso,+ nolwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi nakunyoko uYunike, kodwa endinentembelo yokuba lukho nakuwe.  Ndiyakukhumbuza ke ukuba usikhwezele njengomlilo+ isiphiwo+ owasinikwa nguThixo ekukubekeni kwam izandla.+  Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala,+ kodwa owamandla+ nowothando nowengqondo ephilileyo.+  Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngobungqina obungeNkosi yethu,+ nangokuba libanjwa kwam ngenxa yayo,+ ndaweni yoko yiba nenxaxheba ekubandezelekeni+ ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo.+  Yena wasisindisa+ waza wasibiza ngobizo olungcwele,+ kungengamisebenzi yethu,+ kodwa ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga ukuze afezekise injongo yakhe. Wasenzela obu bubele bungasifanelanga ngoKristu Yesu kwantlandlolo,+ 10  waza ke ngoku wabubonakalisa+ ngokucacileyo ngokufika koMsindisi wethu, uKristu Yesu, oye wakubhangisa ukufa+ kodwa wabukhanyisa+ ubomi+ nokungonakali+ ngeendaba ezilungileyo,+ 11  endamiselwa ukuba ngumshumayeli nompostile nomfundisi wazo.+ 12  Kungenxa yoko kanye le nto ndibandezeleka+ nje, kodwa andinazintloni.+ Kaloku ndiyakholwa, kwaye ndinentembelo yokuba uya kukulondoloza+ oko andibekele kona de kube yiloo mini.+ 13  Bambelela emazwini aphilileyo+ owaweva kum ngokholo nothando olukuKristu Yesu.+ 14  Yilondoloze kakuhle loo nto uyiphathisiweyo,+ ngoncedo lomoya oyingcwele ohleliyo kuthi.+ 15  Uyayazi into yokuba bandinikele umva+ bonke abantu besithili saseAsiya.+ UFigelo noHermogene ngabanye babo. 16  Kodwa ngamana iNkosi ingayenzela inceba yona indlu kaOnesiforo,+ kuba ngokufuthi wayendizisela ukuhlaziyeka,+ yaye akazange abe neentloni ngemixokelelwane yam.+ 17  Kunoko, wathi akuba seRoma, wandifuna wada wandifumana.+ 18  Ngamana iNkosi uYehova ingamenzela inceba+ ngaloo mini.+ Uyazi kakuhle nawe inkonzo awayinikelayo e-Efese.

Umbhalo osemazantsi