I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Tesalonika 3:1-18

3  Okokugqibela, bazalwana, qhubekani nisithandazela,+ ukuze ilizwi likaYehova+ liqhubeke lihamba ngokukhawuleza+ yaye lizukiswa kanye njengoko enyanisweni linjalo kuni;  nokuze sihlangulwe kubantu abenzakalisayo nabangendawo,+ kuba ukholo asinto banayo bonke abantu.+  Kodwa iNkosi ithembekile, yaye iya kuniqinisa ize inigcine kulowo ungendawo.+  Ngaphezu koko, sinentembelo+ eNkosini, ukuba niyazenza kwaye niya kuqhubeka nizenza izinto esiziyalelayo.+  Yanga iNkosi ingaqhubeka izalathisa ngokunempumelelo iintliziyo zenu ekuthandeni+ uThixo nakunyamezelo+ ngenxa kaKristu.  Ke kaloku siyaniyala,+ bazalwana, egameni leNkosi uYesu Kristu, ukuba nizikhwebule+ nakuwuphi na umzalwana ohamba ngokungalungelelananga+ kungekhona ngokuvumelana nesithethe enasamkela kuthi.+  Kuba niyayazi ngokwenu indlela enifanele nisixelise ngayo,+ ngenxa yokuba asizange siziphathe ngokungalungelelananga phakathi kwenu+  singazange sitye kutya kuvela nakubani na ngesisa.+ Kunoko, besisebenza sibulaleka+ ubusuku nemini ukuze singabi luxanduva nakubani na kuni.+  Asikuko ukuba asinagunya,+ kodwa kukuze sizinikele njengomzekelo kuni ukuba nisixelise.+ 10  Kaloku, naxa sasikunye nani, saninika umyalelo wokuba:+ “Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.”+ 11  Kuba siva ukuba abathile bahamba ngokungalungelelananga+ phakathi kwenu, bengasebenzi konke konke kodwa begxuphuleka koko kungafuni bona.+ 12  Abo banjalo siyabayala, sibabongoza ngayo iNkosi uYesu Kristu ukuba basebenze ngokuzolileyo, batye ukutya abazizuzele ngokwabo.+ 13  Ke nina, bazalwana, ningayeki ukwenza okulungileyo.+ 14  Kodwa ukuba kukho nabani na ongawathobeliyo amazwi+ ethu akule ncwadi, mphawuleni onjalo,+ ninganxulumani naye,+ ukuze abe neentloni.+ 15  Noko ke ningamgqali njengotshaba, kodwa qhubekani nimluleka+ njengomzalwana. 16  Ngamana iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo rhoqo ngandlela zonke.+ INkosi mayibe nani nonke. 17  Nguwo ke lo umbuliso wam, mna Pawulos, ngesandla sam;+ ndiwubhala njengomqondiso kuzo zonke iincwadi. 18  Ububele obungasifanelanga+ beNkosi yethu uYesu Kristu mabube nani nonke.

Umbhalo osemazantsi