I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Tesalonika 1:1-12

1  UPawulos noSilvano noTimoti,+ babhalela ibandla labaseTesalonika elimanyene noThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu:  Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo nakwiNkosi uYesu Kristu.+  Kufanelekile ukuba sihlale simbulela uThixo ngenxa yenu,+ bazalwana, kuba ukholo lwenu lukhula+ ngokugqithiseleyo yaye ukuthandana kwenu kuyanda.+  Kangangokuba siyaqhayisa+ ngani phakathi kwamabandla kaThixo ngenxa yonyamezelo nokholo lwenu kuzo zonke iintshutshiso neembandezelo enizinyamezelayo.+  Oku kububungqina bomgwebo wobulungisa kaThixo,+ okhokelela ekubalelweni kwenu ekuthini nifanelwe bubukumkani bukaThixo,+ enibandezeleka ngenxa yabo.+  Oku kuzis’ engqalelweni ukuba kububulungisa kuye uThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abo banibandezelayo,+  aze nina babandelwayo, anikhulule  kunye nathi ekutyhilekeni+ kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla+  isemlilweni odangazelayo, ibaphindezela+ abo bangamaziyo uThixo+ nabo bangazithobeliyo+ iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.+  Bona aba baya kuva isohlwayo sesigwebo+ sentshabalalo engunaphakade+ bemke phambi kweNkosi nakuzuko lwamandla ayo,+ 10  ekufikeni kwayo ukuze izukiswe ngabangcwele+ bayo nokuze ngaloo mini bamangaliswe yiyo bonke ababonisa ukholo, kuba nabamkela ngokholo ubungqina esabunikelayo kuni. 11  Ngoko ke sihlala sinithandazela, ukuba uThixo wethu anibalele ekuthini nilufanelekele ubizo lwakhe+ aze ngamandla akhe akuphelelise konke ukulunga nomsebenzi wokholo; 12  ukuze igama leNkosi yethu uYesu lizukiswe kuni,+ nani nizukiswe kuye,+ ngokobubele obungasifanelanga+ bukaThixo wethu nobeNkosi uYesu Kristu.

Umbhalo osemazantsi