I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Samuweli 8:1-18

8  Kwathi ke emva koko uDavide wawaxabela amaFilisti+ waza wayoyisa,+ yaye uDavide wayithabatha iMetege-ama esandleni samaFilisti.  Waqhubeka waxabela amaMowabhi+ waza wawalinganisa ngolutya, ewalalisa phantsi emhlabeni, ukuze alinganise izintya ezimbini zokuwabulala, nolutya olupheleleyo ukuze awagcine ephila;+ aza amaMowabhi aba ngabakhonzi bakaDavide+ bokuzisa unikelo.+  Waza uDavide wahlabela mgama waxabela uHadadezere+ unyana kaRehobhi ukumkani weTsobha+ njengoko wayesiya kubuyisela ulawulo lwakhe kuMlambo umEfrate.+  Yaye uDavide wathimba kuye iwaka elinamakhulu asixhenxe labakhweli-mahashe namashumi amabini amawaka amadoda ahamba ngeenyawo;+ waza uDavide wawanqumla imisipha+ onke amahashe atsala iinqwelo,+ kodwa washiya kuwo amahashe alikhulu atsala iinqwelo.  Xa iSiriya yaseDamasko+ yeza kuncedisa uHadadezere ukumkani waseTsobha, wandula ke uDavide waxabela kumaSiriya amadoda angamashumi amabini anesibini amawaka.+  Ngokubhekele phaya, uDavide wamisa iinkampu zomkhosi+ eSiriya yaseDamasko; aza amaSiriya aba ngabakhonzi bakaDavide bokuzisa unikelo.+ Yaye uYehova waqhubeka emsindisa uDavide naphi na apho wayesiya khona.+  Ngaphezu koko, uDavide wathabatha amakhaka+ egolide abusazinge awayekubakhonzi bakaHadadezere, wawazisa eYerusalem.  NaseBheta naseBherotayi, izixeko zikaHadadezere, uKumkani uDavide wathabatha ubhedu oluninzi kakhulu.+  Ke kaloku uToyi ukumkani waseHamati+ weva ukuba uDavide uxabele wonke umkhosi wamajoni kaHadadezere.+ 10  Ngoko uToyi wathumela uYoram unyana wakhe kuKumkani uDavide ukuba ambuze ngentlalo-ntle+ yakhe aze avuyisane naye ngenxa yokuba wayelwe noHadadezere ngokokude amxabele (kuba uHadadezere wayeqeqeshelwe ukulwa noToyi); nasesandleni sakhe wayenempahla yesilivere nempahla yegolide nempahla yobhedu.+ 11  Nezi uKumkani uDavide wazingcwalisela uYehova, kunye nesilivere negolide awayeyingcwalisile ivela kuzo zonke iintlanga awayezoyisile,+ 12  eSiriya nakwaMowabhi+ nakoonyana baka-Amoni nakumaFilisti+ nakuAmaleki+ nakumaxhoba kaHadadezere unyana kaRehobhi ukumkani weTsobha.+ 13  Waza uDavide wazenzela igama akubuya ekuxabeleni amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa+—ishumi elinesibhozo lamawaka.+ 14  Wabeka iinkampu zomkhosi kwaEdom.+ Kulo lonke elakwaEdom wabeka iinkampu zomkhosi, nawo onke amaEdom aba ngabakhonzi bakaDavide;+ uYehova waqhubeka emsindisa uDavide naphi na apho wayesiya khona.+ 15  UDavide waqhubeka elawula wonke uSirayeli;+ yaye uDavide wayeqhubeka ebenzela izigwebo nobulungisa+ bonke abantu bakhe.+ 16  Kwaye uYowabhi+ unyana kaTseruya wayephethe umkhosi; uYehoshafati+ unyana ka-Ahiludi wayegcina ingxelo. 17  UTsadoki+ unyana ka-Ahitubhi noAhimeleki+ unyana ka-Abhiyatare babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala. 18  UBhenaya+ unyana kaYehoyada wayephethe amaKereti+ namaPeleti.+ Ke bona oonyana bakaDavide, baba ngababingeleli.+

Umbhalo osemazantsi