I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Samuweli 6:1-23

6  Kwakhona uDavide wahlanganisa onke amadoda abalaseleyo kwaSirayeli,+ amashumi amathathu amawaka.  Wandula ke uDavide nabo bonke abantu ababenaye besuka baza baya eBhahale-yuda+ ukuze bayinyuse beyisusa apho ityeya+ kaTHIXO oyinyaniso, apho libizwa khona igama, igama+ likaYehova wemikhosi,+ ohleli phezu kweekherubhi.+  Noko ke, bayikhwelisa enqwelweni entsha+ ityeya kaTHIXO oyinyaniso, ukuze bayithwale beyisusa endlwini ka-Abhinadabhi,+ eyayisendulini; yaye u-Uza noAhiyo,+ oonyana baka-Abhinadabhi, babeqhuba loo nqwelo intsha.  Ngoko bayithwala beyisusa endlwini ka-Abhinadabhi, eyayisendulini—inetyeya kaTHIXO oyinyaniso; yaye uAhiyo wayehamba phambi kweTyeya.  Kwaye uDavide nendlu yonke kaSirayeli babebhiyoza phambi koYehova ngazo zonke iintlobo zezixhobo zomthi wejunipha nangeehadi+ nangomrhubhe+ nangeentambula+ nangamakhenkcekhenkce nangamacangci.+  Beza kufikelela esandeni sikaNakon, waza u-Uza+ wolulela isandla sakhe kwityeya kaTHIXO oyinyaniso wayibamba,+ ngokuba iinkomo zaziyigungqisa.  Wavutha ke umsindo kaYehova+ ku-Uza yaye uTHIXO oyinyaniso wambetha+ apho ngenxa yeso senzo sokungahloneli Thixo, wafela apho kufuphi netyeya kaTHIXO oyinyaniso.+  UDavide waba nomsindo ngenxa yokuba uYehova etyhobozele ku-Uza, yaza loo ndawo yabizwa ngokuba yiPeretse-uza kude kube namhla.+  Yaye uDavide wamoyika uYehova+ ngaloo mini waza wathi: “Iya kuza njani na kum ityeya kaYehova?”+ 10  UDavide akazange avume ukuyishenxisa ityeya kaYehova ayise kuye kwisiXeko sikaDavide.+ Ngoko uDavide wathi mayithwalelwe ecaleni kwindlu kaObhedi-edom+ umGati.+ 11  Ityeya kaYehova yaqhubeka ihlala endlwini kaObhedi-edom umGati iinyanga ezintathu; yaye uYehova waqhubeka emsikelela+ uObhedi-edom nendlu yakhe yonke.+ 12  Ekugqibeleni kwanikelwa ingxelo kuKumkani uDavide, kusithiwa: “UYehova uyisikelele indlu kaObhedi-edom nako konke okwakhe ngenxa yetyeya kaTHIXO oyinyaniso.” Waya ke uDavide waza wayinyusa ityeya kaTHIXO oyinyaniso eyikhupha endlwini kaObhedi-edom wayisa kwisiXeko sikaDavide enemihlali.+ 13  Kwathi ke xa abathwali+ betyeya kaYehova babehambe amanyathelo amathandathu, yena ngoko nangoko wabingelela ngenkunzi yenkomo nethole elityetyisiweyo.+ 14  UDavide wayengqungqa phambi koYehova ngamandla akhe onke, lonke elo xesha uDavide ebhinqe iefodi+ yelinen. 15  Yaye uDavide nendlu yonke kaSirayeli bayinyusa ityeya+ kaYehova ngemikhwazo yovuyo+ nesandi sesigodlo.+ 16  Kwathi ke yakufika ityeya kaYehova kwisiXeko sikaDavide, uMikali,+ intombi kaSawule, wakhangela phantsi ngefestile waza wabona uKumkani uDavide exhumaxhuma yaye engqungqa phambi koYehova; yaye wamdelela+ entliziyweni yakhe.+ 17  Ngoko bayingenisa ityetya kaYehova baza bayibeka endaweni yayo ngaphakathi ententeni uDavide awayeyimisele yona;+ emva koko uDavide wanikela imibingelelo etshiswayo+ nemibingelelo yobudlelane+ phambi koYehova. 18  Akugqiba uDavide ukunikela imibingelelo etshiswayo nemibingelelo yobudlelane, wandula ke wabasikelela+ abantu egameni likaYehova+ wemikhosi. 19  Ngokubhekele phaya, wabahlulela+ bonke abantu, isihlwele siphela sakwaSirayeli, indoda kwakunye nomfazi, ngamnye iqebengwana lesonka elibusazinge neqebengwana ledatilisi neqebengwana lerasintyisi,+ ekwathi emva koko bonke abantu baya elowo endlwini yakhe. 20  Ke kaloku uDavide wabuya ukuze asikelele indlu yakhe,+ yaye uMikali,+ intombi kaSawule, waphuma wahlangabeza uDavide waza ke wathi: “Hayi indlela athe wazizukisa ngayo ukumkani wakwaSirayeli namhlanje+ xa athe wazityhila namhlanje emehlweni amakhobokazana abakhonzi bakhe, kanye njengoko ezityhila omnye wabantu abaziziphukuphuku!”+ 21  UDavide wathi kuMikali: “Bekuphambi koYehova, lowo wanyula mna kunoyihlo nendlu yakhe yonke ukuze andibeke ukuba ndiphathe+ njengenkokeli phezu kwabantu bakaYehova uSirayeli, yaye ndiza kubhiyoza phambi koYehova.+ 22  Ndiza kuzenza ndijongelwe phantsi nangaphezu koku,+ kwaye ndiza kuthobeka emehlweni am; kumakhobokazana la uwakhankanyileyo, kuwo ndizimisele ukuzizukisa.”+ 23  Ngoko, uMikali yena,+ intombi kaSawule, akazange abe namntwana kwada kwangumhla wokufa kwakhe.

Umbhalo osemazantsi