I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Samuweli 5:1-25

5  Ekuhambeni kwexesha zonke izizwe zakwaSirayeli zeza kuDavide+ eHebron+ zaza zathi: “Khangela! Thina silithambo lakho nenyama yakho.+  Kokubini izolo nangaphambili+ ngoxa uSawule wayengukumkani phezu kwethu, nguwe owawukhupha nowawungenisa uSirayeli.+ NoYehova wathi kuwe, ‘Wena uya kwalusa+ abantu bam amaSirayeli, yaye wena uya kuba yinkokeli+ kaSirayeli.’”  Ngoko onke amadoda amakhulu+ akwaSirayeli eza kukumkani eHebron, waza uKumkani uDavide wenza umnqophiso+ kunye nawo eHebron phambi koYehova; emva koko amthambisa+ uDavide njengokumkani phezu koSirayeli.+  UDavide wayeneminyaka engamashumi amathathu ubudala ukuba ngukumkani kwakhe. Walawula njengokumkani kangangeminyaka engamashumi amane.+  EHebron walawula njengokumkani phezu koYuda kangangeminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu;+ yaye eYerusalem+ walawula njengokumkani kangangeminyaka engamashumi amathathu anesithathu phezu koSirayeli wonke noYuda.  Ngenxa yoko ukumkani namadoda akhe baya eYerusalem nxamnye namaYebhusi+ angabemi belo lizwe, baza bona bathi kuDavide: “Akusayi kungena apha, kodwa iimfama neziqhwala ngokuqinisekileyo ziya kukugxotha,”+ becinga oku: “UDavide akasayi kungena apha.”  Noko kunjalo, uDavide walithimba igwiba leZiyon,+ oko kukuthi, isiXeko sikaDavide.+  Ngoko uDavide wathi ngaloo mini: “Nabani na oxabela amaYebhusi,+ makahambe ngembobo yamanzi,+ aye kuhlangabezana neziqhwala neemfama, ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide!” Kungenxa yoko le nto bathi: “Lowo uyimfama nosisiqhwala abayi kungena endlwini.”  Yaye uDavide wahlala apho kwigwiba, yaye labizwa ngokuba sisiXeko sikaDavide; waza uDavide wakha macala onke esusela eSigangeni+ nangaphakathi. 10  Ngaloo ndlela uDavide waya esiba mkhulu ngokuba mkhulu,+ noYehova uTHIXO wemikhosi+ wayenaye.+ 11  Waza uHiram+ ukumkani waseTire wathumela abathunywa+ kuDavide, kwanemithi yomsedare+ nabo basebenza ngemithi nabo basebenza ngamatye eendonga, baza bamakhela indlu uDavide.+ 12  Yaye uDavide wazi ukuba uYehova ummisele ngokuqinileyo njengokumkani phezu koSirayeli+ nokuba wayebuphakamisile+ ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.+ 13  Ngelo thuba, uDavide waqhubeka ethabatha amashweshwe+ nabafazi+ abangakumbi eYerusalem emva kokufika kwakhe evela eHebron; yaye uDavide waqhubeka ezalelwa oonyana abangakumbi neentombi. 14  Ngawo la amagama abo wabazalelwa eYerusalem: uShamuwa+ noShobhabhi+ noNatan+ noSolomon,+ 15  noIbhare noElishuwa+ noNefege+ noYafiya,+ 16  noElishama+ noEliyada noElifelete.+ 17  Yaye amaFilisti eva ukuba babemthambisile uDavide njengokumkani phezu koSirayeli.+ Onke ke amaFilisti enyuka eze kufuna uDavide. Akuva ngako uDavide, wehla ke waya kwindawo ekunzima ukuyifikelela.+ 18  Yaye amaFilisti eza aza ahambahamba entilini yamaRefa.+ 19  UDavide wabuza+ kuYehova, esithi: “Ndinyuke na nxamnye namaFilisti? Uya kuwanikela na esandleni sam?” Wathi uYehova kuDavide: “Nyuka, kuba nakanjani na ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.”+ 20  Ngoko uDavide weza eBhahali-peratsim,+ yaye uDavide wawaxabela apho. Wathi yena: “UYehova uzityhobozele iintshaba zam+ phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi.” Kungenxa yoko le nto wabiza igama laloo ndawo ngokuba yiBhahali-peratsim.+ 21  Azishiya apho izithixo zawo,+ waza ke uDavide namadoda akhe bazithabatha bemka nazo.+ 22  Kamva enyuka+ kwakhona amaFilisti aza ahambahamba entilini yamaRefa.+ 23  UDavide wabuza+ kuYehova, kodwa yena wathi: “Uze ungenyuki. Jikela emva kwawo, uze ke ufike kuwo ngaphambi kwamatyholo emibhaka.+ 24  Yaye kothi, ekuveni kwakho isandi sokumatsha kumphezulu wamatyholo emibhaka, ngelo xesha wenze ngokuzimisela,+ ngenxa yokuba ngelo xesha uYehova uya kube ephumile phambi kwakho ukuya kuxabela iqela lamaFilisti.”+ 25  Ngako oko uDavide wenza ngaloo ndlela, kanye njengoko uYehova wayemyalele,+ wawaxabela+ amaFilisti ukususela eGebha+ ukuya kufikelela eGezere.+

Umbhalo osemazantsi