I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Samuweli 10:1-19

10  Kwathi emva koko wafa ukumkani woonyana baka-Amoni,+ waza uHanuni unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.+  UDavide wathi: “Ndiya kumenzela ububele bothando uHanuni unyana kaNahashe, kanye njengoko uyise wandenzela ububele bothando.”+ Ngako oko uDavide wathumela ngabakhonzi bakhe+ ukuba amthuthuzele ngenxa kayise, baza abakhonzi bakaDavide bafika kwilizwe loonyana baka-Amoni.  Noko ke, iinkosana zoonyana baka-Amoni zathi kuHanuni inkosi yazo: “Ngaba uDavide ubeka uyihlo na emehlweni akho ngokuba akuthumelele abathuthuzeli? UDavide akabathumelanga kuwe na abakhonzi bakhe ukuze basigocagoce isixeko, basihlole+ baze basibhukuqe?”+  Ngoko uHanuni wabathabatha abakhonzi bakaDavide wabacheba isiqingatha seendevu zabo+ yaye wazicanda phakathi izambatho zabo ukuya kutsho ezimpundu waza wabandulula.+  Kamva abantu bakuxela oku kuDavide, kwaoko wathumela ukuba bahlangatyezwe, ngenxa yokuba amadoda lawo ayeziva ethotyiwe kakhulu; yaye ukumkani wahlabela mgama wathi: “Hlalani eYeriko+ zide zikhule kakhulu iindevu zenu. Nandule ke nibuye.”  Ekuhambeni kwexesha oonyana baka-Amoni babona ukuba balivumba elibi+ kuDavide, yaye oonyana baka-Amoni bathumela baza baqesha amaSiriya aseBhete-rehobhi+ namaSiriya aseTsobha,+ amadoda angamashumi amabini amawaka ahamba ngeenyawo, nokumkani waseMahaka,+ amadoda aliwaka, naseIshetobhi, ishumi elinesibini lamawaka amadoda.  Akuva ngako uDavide, wandula ke wathumela uYowabhi nawo wonke umkhosi namadoda anamandla.+  Oonyana baka-Amoni baphuma bakha uluhlu lwedabi ngasesangweni, kwanamaSiriya aseTsobha nawaseRehobhi,+ nawaseIshtobhi nawaseMahaka ewodwa endle.+  Xa uYowabhi wabona ukuba abahlaseli abasedabini bangaphambili nangasemva kwakhe, kwaoko wanyula athile kuwo onke amadoda abalaseleyo+ kwaSirayeli waza wakha uluhlu ukuze ahlangabezane namaSiriya. 10  Abanye abantu wabanikela esandleni sika-Abhishayi+ umntakwabo, ukuba akhe uluhlu ukuze ahlangabeze oonyana baka-Amoni.+ 11  Waza wahlabela mgama wathi: “Ukuba amaSiriya athe omelela ngakumbi kunam, umele ke ube lusindiso lwam; kodwa ukuba oonyana baka-Amoni bona bathe bomelela ngakumbi kunawe, nam ndimele ndize kukusindisa.+ 12  Yomelela, ukuze sizibonakalise sinesibindi+ ngenxa yabantu bakowethu nangenxa yezixeko zoThixo wethu;+ ke yena uYehova, uya kwenza okulungileyo emehlweni akhe.”+ 13  UYowabhi nabantu ababenaye basondela edabini nxamnye nabaseSiriya, yaye bona basaba besuka phambi kwakhe.+ 14  Ke bona oonyana baka-Amoni babona ukuba amaSiriya asabile, nabo basaba phambi koAbhishayi baza ke ngoko bangena esixekweni.+ Emva koko uYowabhi wabuya koonyana baka-Amoni waza weza eYerusalem.+ 15  Athi amaSiriya akubona ukuba oyisiwe phambi koSirayeli, ahlanganisana ndawonye. 16  Ngoko uHadadezere+ wathumela waza wakhupha amaSiriya awayekummandla woMlambo;+ andula ke eza eHelam, enoShobhaki+ intloko yomkhosi kaHadadezere phambi kwawo. 17  Xa kwanikelwa ingxelo kuDavide, ngoko nangoko wahlanganisa wonke uSirayeli yaye bawela iYordan baya eHelam. Ke kaloku amaSiriya akha uluhlu ukuze ahlangane noDavide aza alwa naye.+ 18  Asaba+ ke amaSiriya phambi koSirayeli; uDavide wabulala kumaSiriya amakhulu asixhenxe abaqhubi beenqwelo+ namashumi amane amawaka abakhweli-mahashe, noShobhaki intloko yomkhosi wawo wamxabela wafela apho.+ 19  Xa bonke ookumkani,+ abakhonzi bakaHadadezere, babonayo ukuba boyisiwe phambi koSirayeli,+ ngokukhawuleza benza uxolo noSirayeli baza bamkhonza;+ yaye amaSiriya oyika ukuzama ukubasindisa oonyana baka-Amoni kwakhona.+

Umbhalo osemazantsi