I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Petros 1:1-21

1  USimon Petros, ikhoboka+ nompostile+ kaYesu Kristu, ubhalela abo bazuze ukholo, abanelungelo elilinganayo nelethu,+ ngenxa yobulungisa+ boThixo wethu noMsindisi uYesu Kristu:+  Ngamana ningandiselwa+ ububele obungasifanelanga noxolo ngenxa yolwazi lwenu oluchanileyo+ ngoThixo noYesu iNkosi yethu,  njengoko amandla akhe obuthixo esinike ngesisa zonke izinto eziphathelele ubomi+ nozinikelo lobuthixo,+ ngolwazi oluchanileyo lwalowo wasibizayo+ ngozuko+ nesidima.  Ngezi zinto usinike ngesisa izithembiso ezixabisekileyo nezizuke kakhulu,+ ukuze ngazo nibe nesabelo kwimvelo+ yobuthixo,+ nikuphephile nje ukonakala okusehlabathini+ okungenxa yenkanuko.  Ngoko ke, yenzani umgudu wenyameko,+ nize elukholweni lwenu nongezelele isidima,+ esidimeni ulwazi,+  elwazini ukuzeyisa,+ ekuzeyiseni unyamezelo, ekunyamezeleni uzinikelo lobuthixo,+  kuzinikelo lobuthixo umsa wobuzalwana, kumsa wobuzalwana uthando.+  Kuba ukuba ezi zinto zikho kuni yaye ziyaphuphuma, ziya kunithintela ekubeni ngabangasebenzi nto okanye abangenasiqhamo+ ngokubhekisele kulwazi oluchanileyo lweNkosi yethu uYesu Kristu.  Kuba nabani na ezingekhoyo kuye ezi zinto, uyimfama, uwavalile amehlo akhe ekukhanyeni,+ yaye uye wakulibala+ ukuhlanjululwa+ kwakhe kwizono zakhe zakudala. 10  Ngenxa yoko, bazalwana, yenzani unako-nako wokuqinisekisa ngobizo lwenu+ nokunyulwa kwenu;+ kuba ukuba niqhubeka nizenza ezi zinto anisayi kuze nisilele.+ 11  Enyanisweni, ngaloo ndlela niya kubonelelwa ngokutyebileyo ngokungeniswa+ kubukumkani obungunaphakade+ beNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.+ 12  Ngenxa yesi sizathu ndiya kusoloko ndityekele ekunikhumbuzeni+ ngezi zinto, nangona nizazi yaye nimi ngokuqinileyo kwinyaniso+ ekhoyo kuni.+ 13  Kodwa ndikugqala kulungile, lo gama ndisekulo mnquba,+ ukunivusa ngendlela yokunikhumbuza,+ 14  ndisazi njengoko kunjalo ukuba ukudilika komnquba wam kuza kwenzeka kamsinya,+ kanye njengoko kwaneNkosi yethu uYesu Kristu yandibonisayo.+ 15  Ngoko nam ndiza kwenza unako-nako wokuba ngalo lonke ixesha, emva kokumka kwam,+ nikwazi ukuzikhankanya ezi zinto. 16  Hayi khona, akubanga ngokulandela amabali obuxoki+ ayilwe ngobuqhetseba esathi saniqhelanisa namandla nobukho beNkosi yethu uYesu Kristu,+ kodwa kwaba ngokuthi sibe ngamangqina okuzibonela ubungangamela bayo.+ 17  Kuba yamkela kuThixo uYise imbeko nozuko,+ xa kwabhekiswa kuyo amazwi anjengala evela kubungangamela bozuko: “Lo ngunyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.”+ 18  Ewe, la mazwi saweva+ ephuma ezulwini ngoxa sasinayo entabeni engcwele.+ 19  Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto+ elenziwa laqiniseka ngakumbi;+ yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane+ esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi,+ ezintliziyweni zenu. 20  Kuba niyakwazi oku kuqala, ukuba akukho siprofeto seSibhalo siphuma nakuyiphi na inkcazelo yobuqu.+ 21  Kuba isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu,+ kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo+ njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.+

Umbhalo osemazantsi