I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 7:1-20

7  Ke kaloku uElisha wathi: “Phulaphulani ilizwi likaYehova.+ Utsho uYehova ukuthi, ‘Ngomso malunga neli xesha umlinganiselo weseha yomgubo ocolekileyo uya kube uxabisa ishekele, nemilinganiselo emibini yeseha yerhasi ixabise ishekele esangweni laseSamariya.’”+  Umphathi-mkhosi awayezixhase+ ngesandla sakhe ukumkani wamphendula umntu kaTHIXO oyinyaniso wathi: “Nokuba uYehova angenza amasango ezikhukula emazulwini,+ ingenzeka le nto?”+ Yaza yona yathi: “Uya kuyibona ngamehlo akho,+ kodwa akuyi kuyidla.”+  Kwakukho amadoda amane aneqhenqa, awayesesangweni;+ yaye athi enye kwenye: “Sihlalele ntoni na apha side sife?  Ukuba besithe, ‘Masingene esixekweni,’ xa indlala isesixekweni, besiya kufela apho.+ Yaye ukuba sihlala apha, siya kufa. Ngoko yizani masiye kungenela inkampu yamaSiriya. Ukuba asigcina siphila, siya kuphila; kodwa ukuba aye asibulala, siya kufa.”+  Ngako oko aphakama ukutshona kwelanga ukuba aye kungena enkampini yamaSiriya; aya kufikelela kummandla ongaphandle kwenkampu yamaSiriya, kwaye, khangela! kwakungekho mntu apho.  UYehova wabangela ukuba inkampu yamaSiriya ive+ isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, isandi somkhosi omkhulu wamajoni,+ kangangokuba athi omnye komnye: “Khangela! Ukumkani wakwaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHiti+ nookumkani baseYiputa+ ukuba basihlasele!”  Ngoko nangoko asukuma aza asaba ukutshona kwelanga+ eshiya iintente zawo namahashe awo+ namaesile awo—inkampu injengoko yayinjalo—asaba nemiphefumlo yawo.+  Xa aba baneqhenqa bafika kummandla ongaphandle kwenkampu, bangena kwenye intente baza badla, basela bathabatha apho isilivere negolide nezambatho yaye bemka baya kuziqhusheka kude. Emva koko babuya baza bangena kwenye intente, bathabatha izinto apho yaye bemka baya kuziqhusheka kude.+  Ekugqibeleni bathi omnye komnye: “Ayilunganga le nto siyenzayo. Le mini yimini yeendaba ezilungileyo!+ Ukuba siyathingaza, size silinde kude kuse, siya kuba netyala.+ Ngoko yizani masingene endlwini kakumkani senze ingxelo.” 10  Ngoko bafika babiza abagcini-masango+ besixeko baza babaxelela, bathi: “Siye safika enkampini yamaSiriya, yaye, khangela! bekungekho mntu apho nasandi samntu, ngaphandle kwamahashe ebebotshelelwe namaesile ebebotshelelwe neentente zinjengoko bezinjalo.”+ 11  Kwaoko abagcini-masango bamemeza baza bangena ngaphakathi endlwini bakuxela oko kukumkani. 12  Ngoko nangoko ukumkani wavuka ngobusuku waza wathi kubakhonzi bakhe:+ “Mandinixelele into esiyenziwe ngamaSiriya.+ Ayazi ukuba silambile;+ aye aphuma enkampini aya kuzifihla emasimini,+ esithi, ‘Baza kuphuma esixekweni, yaye siya kubabamba bephila, size singene esixekweni.’” 13  Wandula ke omnye wabakhonzi bakhe waphendula wathi: “Khawubayeke bathabathe amahashe amahlanu kwaseleyo esixekweni.+ Khangela! Ayafana naso sonke isihlwele sikaSirayeli esiseleyo kuso. Khangela! Ayafana naso sonke isihlwele sikaSirayeli esitshabaleleyo.+ Masithumele size sibone.” 14  Ngako oko bathabatha iinqwelo ezimbini namahashe yaye ukumkani wabathuma kwinkampu yamaSiriya, esithi: “Hambani niye kubona.” 15  Babalandela bada baya kufikelela eYordan; yaye khangela! indlela yonke yayizele zizambatho nempahla+ eyayilahlwe ngamaSiriya ngoxa ayesimka ngokukhawuleza.+ Bandula ke abathunywa babuya baza baya kuxela kukumkani. 16  Abantu baphuma baya kuphanga+ inkampu yamaSiriya; yaye ke umlinganiselo weseha yomgubo ocolekileyo waxabisa ishekele, yaye imilinganiselo yeeseha ezimbini zerhasi yaxabisa ishekele, ngokwelizwi+ likaYehova. 17  Ukumkani wamisela umphathi-mkhosi awayezixhasa+ ngesandla sakhe ukuba aphathe esangweni; yaye abantu baqhubeka bemnyathela+ esangweni, wada wafa, kanye njengoko umntu kaTHIXO oyinyaniso wayethethile,+ ekuthetheni kwakhe ngexesha ukumkani wayehlile weza kuye. 18  Ngaloo ndlela kwenzeka kanye njengoko umntu kaTHIXO oyinyaniso wayithethile kukumkani, esithi: “Imilinganiselo yeeseha ezimbini zerhasi iya kuxabisa ishekele nomlinganiselo weseha yomgubo ocolekileyo uya kuxabisa ishekele ngomso ngeli xesha esangweni laseSamariya.”+ 19  Kodwa umphathi-mkhosi wamphendula umntu kaTHIXO oyinyaniso wathi: “Nokuba uYehova angenza amasango ezikhukula emazulwini, kungenzeka ngokweli lizwi na?”+ Yathi yona: “Uya kuyibona ngamehlo akho, kodwa akuyi kuyidla.”+ 20  Kwenzeka ngaloo ndlela kuye,+ xa abantu baqhubeka bemnyathela+ esangweni kangangokude afe.

Umbhalo osemazantsi