I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 24:1-20

24  Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni, yaye uYehoyakim waba ngumkhonzi wakhe+ iminyaka emithathu. Noko ke, wajika waza wamvukela.  Yaye uYehova wamthumelela amatutu amaKhaledi+ namatutu amaSiriya namatutu amaMowabhi+ namatutu oonyana baka-Amoni, yaye waqhubeka ewathumela nxamnye noYuda ukuba amtshabalalise, ngokwelizwi likaYehova+ awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti.  Oko kwenzeka nxamnye noYuda ngokomyalelo kaYehova, ukuze amshenxise+ phambi kwakhe ngenxa yezono zikaManase,+ ngako konke oko wakwenzayo;  nangenxa yegazi elimsulwa+ awaliphalazayo, kangangokude azalise iYerusalem ngegazi elimsulwa, yaye uYehova akazange avume ukuxolela.+  Ke eminye imicimbi kaYehoyakim+ nako konke awakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?  Ekugqibeleni uYehoyakim walala kookhokho bakhe,+ yaye uYehoyakin unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.  Ukumkani waseYiputa akazange+ aphume kwakhona kwilizwe lakhe,+ kuba ukumkani waseBhabhiloni wayekuthabathe konke oko kwakukokukakumkani waseYiputa+ ukususela kwintlambo+ yaseYiputa ukuya kufikelela kuMlambo umEfrate.+  UYehoyakin+ wayeneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iinyanga ezintathu eYerusalem.+ Igama likanina lalinguNehushta intombi kaElnatan waseYerusalem.  Yaye waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke oko kwenziwa nguyise.+ 10  Ebudeni belo xesha abakhonzi bakaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni benyuka beza eYerusalem, kangangokuba isixeko sangqingwa.+ 11  Yaye uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni weza nxamnye neso sixeko, ngoxa abakhonzi bakhe babesilalele.+ 12  Ekuhambeni kwethuba uYehoyakin ukumkani wakwaYuda waphuma waya kukumkani waseBhabhiloni,+ yena nonina+ nabakhonzi bakhe neenkosana zakhe namagosa akhe enkundla; kwaye ukumkani waseBhabhiloni wamthabatha ngonyaka wesibhozo+ wokuba ngukumkani kwakhe. 13  Wandula ke wabukhupha bonke ubuncwane bendlu kaYehova nabo bonke ubuncwane bendlu kakumkani,+ waza wayaphula yonke impahla yegolide+ eyayenziwe nguSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova, kanye njengoko uYehova wayethethile. 14  Wayithabathela ekuthinjweni+ yonke iYerusalem nazo zonke iinkosana+ nawo onke amadoda angamakroti,+ anamandla—wathabathela ekuthinjweni ishumi lamawaka—nazo zonke iingcibi+ nabakhi bodonga lokukhusela. Akukho namnye owasala ngasemva ngaphandle kodidi olusweleyo+ lwabantu belo lizwe. 15  Ngaloo ndlela uYehoyakin+ wamthabathela ekuthinjweni eBhabhiloni;+ nonina kakumkani+ nabafazi bakakumkani namagosa akhe enkundla+ namadoda abalaseleyo elizwe wabaqhuba njengabantu abathinjiweyo ukusuka eYerusalem ukuya eBhabhiloni. 16  Onke ke amadoda angamakroti, amawaka asixhenxe, neengcibi nabakhi bodonga lokukhusela, iwaka, onke amadoda anamandla okulwa imfazwe, ukumkani waseBhabhiloni wabazisa eBhabhiloni njengabantu abathinjiweyo.+ 17  Ngaphezu koko, ukumkani waseBhabhiloni+ wenza uMataniya uyisekazi+ ukumkani esikhundleni sakhe. Waza walitshintsha igama lakhe languZedekiya.+ 18  UZedekiya+ wayeneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka elishumi elinanye eYerusalem. Igama likanina lalinguHamutali+ intombi kaYeremiya waseLibhena. 19  Yaye waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke okwenziwa nguYehoyakim.+ 20  Kuba ngenxa yomsindo+ kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, de wabasusa phambi kwakhe.+ Yaye uZedekiya wamvukela ukumkani waseBhabhiloni.+

Umbhalo osemazantsi