I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 22:1-20

22  UYosiya+ wayeneminyaka esibhozo ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka engamashumi amathathu ananye eYerusalem. Igama likanina lalinguYedida intombi ka-Adaya waseBhotsekati.+  Waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova+ nokuhamba ngayo yonke indlela kaDavide ukhokho wakhe,+ yaye akazange aphambukele ngasekunene okanye ngasekhohlo.+  Kwathi ngonyaka weshumi elinesibhozo kaKumkani uYosiya ukumkani wathumela uShafan+ unyana ka-Atsaliya unyana kaMeshulam unobhala endlwini kaYehova, esithi:  “Yiya kuHilekiya+ umbingeleli omkhulu,+ aqokelele isimbuku semali+ eziswa endlwini kaYehova+ leyo ihlanganiswe ngabagcini-mnyango+ ebantwini;  mabayinikele esandleni sabo benza umsebenzi,+ abo bamiselweyo, endlwini kaYehova, baze bayinike abo benza umsebenzi endlwini kaYehova ukuze bavale iintanda zendlu,+  bayinike iingcibi nabakhi nabaxholi bamatye, baze bathenge amaplanga namatye aqingqiweyo ukuze balungise indlu.+  Kuphela nje kuze kungabalelwa mali kwabo ibekwe esandleni sabo,+ kuba basebenza ngokuthembeka.”+  Kamva uHilekiya+ umbingeleli omkhulu wathi kuShafan+ unobhala:+ “Ndiyifumene incwadi yomthetho+ endlwini kaYehova.” Ngoko uHilekiya wamnika uShafan incwadi, waza wayifunda.  Wandula ke uShafan unobhala weza kukumkani waza wamphendula ukumkani wathi: “Abakhonzi bakho bayithulule imali eye yafumaneka endlwini, yaye baqhubeka beyinikela esandleni sabo benza umsebenzi, abo bamiselweyo, endlwini kaYehova.”+ 10  Yaye uShafan unobhala wahlabela mgama wamxelela ukumkani, esithi: “Kukho incwadi+ endiyinikwe nguHilekiya umbingeleli.” Yaye uShafan wayifunda phambi kokumkani. 11  Kwathi kamsinya nje akuba ukumkani ewevile amazwi encwadi yomthetho, ngoko nangoko wazikrazula izambatho zakhe.+ 12  Wandula ke ukumkani wayalela uHilekiya umbingeleli noAhikam+ unyana kaShafan noAkebhore unyana kaMikaya noShafan unobhala noAsaya+ umkhonzi kakumkani, esithi: 13  “Hambani, niye kubuza+ kuYehova ngenxa yam nangenxa yabantu nangenxa kaYuda wonke ngokuphathelele amazwi ale ncwadi efunyenweyo; kuba kukhulu ukuvutha komsindo kaYehova+ nxamnye nathi ngenxa yokuba ookhokho bethu+ bengazange bawaphulaphule amazwi ale ncwadi ngokwenza ngokuvisisana nako konke okubhalwe ngathi.”+ 14  Ngako oko uHilekiya umbingeleli noAhikam noAkebhore noShafan noAsaya baya kuHulida umprofetikazi+ umfazi kaShalum unyana kaTikiva unyana kaHarehasi, umgcini wezambatho,+ njengoko wayehlala eYerusalem kwisahlulo sesibini; baza bathetha naye.+ 15  Ekuphenduleni yena wathi kubo: “Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi,+ ‘Yithini kwindoda enithume kum: 16  “Utsho uYehova ukuthi, ‘Yabona ndizisa intlekele+ kule ndawo nakubemi bayo,+ kwanawo onke amazwi+ ale ncwadi afundwe ngukumkani wakwaYuda;+ 17  ngenxa yokuba beye bandishiya baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo+ ukuze bandicaphukise ngawo wonke umsebenzi wezandla zabo,+ yaye umsindo wam uyavutha nxamnye nale ndawo kwaye awuyi kucinywa.’”’+ 18  Mayela nokumkani wakwaYuda onithume ukuba niye kubuza kuYehova, nize nithi kuye, ‘Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi: “Ngokubhekisele kumazwi owevileyo,+ 19  ngenxa yokuba intliziyo yakho+ ibithambile kangangokuba uye wazithoba+ ngenxa kaYehova ekuveni kwakho endikuthethileyo nxamnye nale ndawo nabemi bayo ukuba iza kuba yinto yokukhwankqiswa nesiqalekiso,+ wandula wena wazikrazula+ izambatho zakho walila phambi kwam, mna, ewe mna, ndivile,” utsho uYehova.+ 20  “Kungenxa yoko le nto ndikuhlanganisela+ kookhokho bakho, yaye ngokuqinisekileyo uya kuhlanganiselwa engcwabeni lakho ngoxolo,+ yaye amehlo akho awayi kuyikhangela yonke intlekele endiyizisa kule ndawo.”’” Bayizisa impendulo kukumkani.

Umbhalo osemazantsi