I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 21:1-26

21  UManase+ wayeneminyaka elishumi elinesibini ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu. Igama likanina lalinguHefetsibha.  Yaye wenza okubi emehlweni kaYehova,+ izinto ezicekisekayo zeentlanga+ ezo uYehova wazigxothayo phambi koonyana bakaSirayeli.  Ngoko waphinda wazakha iindawo eziphakamileyo ezo uHezekiya uyise wayezitshabalalisile,+ wamisa nezibingelelo zikaBhahali, wenza nesibonda esingcwele, kanye njengoko uAhabhi+ ukumkani wakwaSirayeli wenzayo; yaye waqalisa ukuqubuda+ kuwo wonke umkhosi wamazulu+ waza wawukhonza.+  Wakha izibingelelo endlwini kaYehova,+ leyo uYehova wayethe ngayo: “Ndiya kulibeka eYerusalem igama lam.”+  Yaye waqhubeka esakhela wonke umkhosi wamazulu+ izibingelelo kwiintendelezo ezimbini zendlu kaYehova.+  Wadlulisa unyana wakhe emlilweni,+ waza waqhelisela umlingo,+ wahlaba izihlabo, wenza abaneshologu+ nabaxeli-ziganeko kwangaphambili abaziinkunkqele.+ Wenza okubi emehlweni kaYehova ngomlinganiselo omkhulu, ukuze amcaphukise.  Ngaphezulu, wabeka umfanekiso oqingqiweyo+ kwisibonda esingcwele awayesenzile endlwini+ uYehova awayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Kule ndlu naseYerusalem, leyo ndiyinyuleyo kuzo zonke iintlanga zakwaSirayeli, ndiya kubeka igama lam kuse kwixesha elingenammiselo.+  Andiyi kuphinda kwakhona ndilwenze unyawo lukaSirayeli lubhadule emhlabeni endawunika ookhokho bakhe,+ kuphela nje ukuba uye wanyameka ukwenza ngokuvisisana nako konke endimyalela kona,+ nangokuphathelele wonke umthetho uMoses umkhonzi wam awamyalela wona.”  Yaye abazange baphulaphule,+ kodwa uManase waqhubeka ebalukuhla ukuba benze okubi+ ngaphezu kweentlanga+ ezo uYehova wayezibhubhisile phambi koonyana bakaSirayeli. 10  UYehova waqhubeka ethetha ngabakhonzi bakhe abaprofeti,+ esithi: 11  “Ngenxa yokuba uManase+ ukumkani wakwaYuda enze ezi zinto zicekisekayo,+ wenze ngokungendawo ngakumbi kunako konke oko kwenziwa ngama-Amori+ awayengaphambi kwakhe, wamonisa+ kwanoYuda ngezithixo zakhe ezinezothe. 12  Kungenxa yoko le nto uYehova uTHIXO kaSirayeli ethe, ‘Yabona ndizisa intlekele eYerusalem+ nakwaYuda, ekuya kuthi ukuba nabani na uyeva ngayo zithi nzwi iindlebe zakhe zombini.+ 13  Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kolulela eYerusalem ulutya lokulinganisa+ olwalusetyenziswe eSamariya+ nesixhobo sokulinganisa esasisetyenziswe endlwini ka-Ahabhi;+ ndiya kuyisula+ icoceke iYerusalem kanye njengoko ubani esisula sicoceke isitya esingenamqheba, esisula sicoceke aze asiqubude.+ 14  Yaye ndiya kuyishiya intsalela+ yelifa lam+ ndize ndiyinikele esandleni seentshaba zayo, ize iphangwe zizo zonke iintshaba zayo,+ 15  ngenxa yokuba benza okubi emehlweni am yaye babendicaphukisa ngokuqhubekayo ukususela kwimini abaphuma ngayo ookhokho babo eYiputa kude kube ngalo mhla.’”+ 16  Kwakukho negazi elimsulwa elininzi elaphalazwa+ nguManase, de wayizalisa iYerusalem ukusuka kwelinye icala kuse kwelinye, ngaphandle kwesono sakhe awamonisa ngaso uYuda ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.+ 17  Ke eminye imicimbi kaManase nako konke awakwenzayo nesono sakhe awona ngaso, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 18  Ekugqibeleni uManase walala kookhokho bakhe+ yaye wangcwatywa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza;+ yaye uAmon unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 19  UAmon+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka emibini+ eYerusalem. Igama likanina lalinguMeshulemete intombi kaHarutse waseYotebha. 20  Yaye waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova, kanye njengoko wenzayo uManase uyise.+ 21  Waqhubeka ehamba ngayo yonke indlela awayehamba ngayo uyise,+ waqhubeka ekhonza nezithixo ezinezothe+ ezazikhonzwa nguyise yaye equbuda kuzo. 22  Ngaloo ndlela wamshiya uYehova+ uTHIXO wookhokho bakhe, yaye akazange ahambe ngendlela kaYehova.+ 23  Ekugqibeleni abakhonzi baka-Amon bamenzela iyelenqe baza bambulala+ ukumkani endlwini yakhe. 24  Kodwa abantu belo lizwe babaxabela bonke abo babemenzele iyelenqe+ uKumkani uAmon. Bandula abantu belo lizwe benza uYosiya+ unyana wakhe ukumkani esikhundleni sakhe. 25  Ke eminye imicimbi ka-Amon, oko wakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 26  Ngoko bamngcwaba engcwabeni lakhe emyezweni kaUza;+ yaye uYosiya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi