Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 20:1-21

20  Ngaloo mihla uHezekiya wagulela ukufa.+ Ngako oko uIsaya+ unyana ka-Amotsi umprofeti weza kuye waza wathi kuye: “Utsho uYehova ukuthi, ‘Nikela imiyalelo kwindlu yakho,+ kuba wena eneneni uya kufa akuyi kuphila.’”+  Waza waguquka wakhangela eludongeni+ yaye wathandaza kuYehova,+ esithi:  “Owu Yehova, ndiyakubongoza, khawuncede ukhumbule+ ukuba ndiye ndahamba+ ngenyaniso+ phambi kwakho nangentliziyo epheleleyo,+ yaye okulungileyo emehlweni akho ndikwenzile.”+ Yaye uHezekiya walila kakhulu.+  Kwathi uIsaya engekafiki phakathi enkundleni lafika ilizwi likaYehova kuye,+ lisithi:  “Buya umva, uthi kuHezekiya inkokeli+ yabantu bam, ‘Utsho uYehova uTHIXO+ kaDavide ukhokho wakho ukuthi: “Ndiwuvile+ umthandazo wakho.+ Ndizibonile iinyembezi zakho.+ Yabona ndiyakuphilisa.+ Ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova.+  Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kongeza iminyaka elishumi elinesihlanu kwiintsuku zakho, yaye ndiya kukuhlangula wena nesi sixeko entendeni kakumkani waseAsiriya, kwaye ndiya kusikhusela+ esi sixeko ngenxa yam nangenxa kaDavide umkhonzi wam.”’”+  UIsaya wahlabela mgama wenjenje: “Nina, thabathani isicumba+ samakhiwane omileyo.” Ngoko basithabatha baza basibeka phezu kwethumba,+ emva koko waphila ngokuthe ngcembe.+  Ngelo xesha, uHezekiya wathi kuIsaya: “Uyintoni na umqondiso+ wokuba uYehova uza kundiphilisa ndize ngokuqinisekileyo ndinyuke ngomhla wesithathu ndiye endlwini kaYehova?”  UIsaya wathi: “Nanku umqondiso+ wakho ovela kuYehova wokuba uYehova uya kulenza ilizwi alithethileyo: Ngaba isithunzi siya kuya ngaphambili izinyuko ezilishumi okanye siya kubuyela umva izinyuko ezilishumi?” 10  Wandula ke uHezekiya wathi: “Kuyinto elula ngesithunzi ukuzolula izinyuko ezilishumi, hayi ukuba isithunzi sibuyele umva izinyuko ezilishumi.”+ 11  UIsaya umprofeti wamemeza kuYehova; yaye wasibuyisa umva isithunzi esasihle ngezinyuko, oko kukuthi, ngezinyuko zika-Ahazi sabuya umva izinyuko ezilishumi.+ 12  Ngelo xesha uBherodaki-bhaladan+ unyana kaBhaladan ukumkani waseBhabhiloni+ wathumela iileta+ nesipho kuHezekiya; kuba wayevile ukuba uHezekiya wayegula. 13  Yaye uHezekiya wabaphulaphula waza wababonisa yonke indlu yakhe yobuncwane,+ isilivere negolide+ neoli yebhalsam+ neoli elungileyo nendawo yakhe yokugcina izikrweqe nako konke okwafumanekayo kubuncwane bakhe. Akuzange kubekho nto angazange ababonise yona uHezekiya endlwini yakhe nakulo lonke ulawulo lwakhe.+ 14  Emva koko uIsaya umprofeti weza kuKumkani uHezekiya waza wathi kuye:+ “Aye athini la madoda yaye ebevela phi na ekuzeni kwawo kuwe?”+ Ngoko uHezekiya wathi: “Ebevela ezweni elikude, eBhabhiloni.” 15  Yaye wahlabela mgama wathi: “Abone ntoni na endlwini yakho?” UHezekiya wathi: “Abone yonk’ into esendlwini yam. Akukho nto ndingawabonisanga yona kubuncwane bam.”+ 16  Ke kaloku uIsaya wathi kuHezekiya: “Live ilizwi likaYehova,+ 17  ‘“Khangela! Kuza imihla, ekuya kuthi ngayo konke okusendlwini yakho+ noko kwaqwetywa ngookhokho bakho kude kube ngulo mhla kuthwalelwe eBhabhiloni.+ Akukho nto iya kusala,”+ utsho uYehova. 18  “Abanye boonyana bakho abaya kuphuma kuwe abo uya kubazala baya kuthatyathwa+ baze babe ngamagosa enkundla+ kwibhotwe likakumkani waseBhabhiloni.”’”+ 19  UHezekiya wathi kuIsaya: “Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo.”+ Yaye wahlabela mgama wathi: “Akunjalo na, ukuba kuya kuqhubeka kukho uxolo nenyaniso+ ngemihla yam?”+ 20  Ke eminye imicimbi kaHezekiya namandla akhe onke nendlela awenza ngayo ichibi+ nomsele+ waza wezisa amanzi esixekweni, azibhalwanga na encwadini+ yemicimbi yookumkani bakwaYuda? 21  Ekugqibeleni uHezekiya walala kookhokho bakhe;+ yaye uManase+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi