Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2Ku 2:1-25

2  Xa uYehova wayeza kuthabathela uEliya+ emazulwini ngesaqhwithi somoya,+ uEliya noElisha+ babevela eGiligali.+  Yaye uEliya wathi kuElisha: “Khawuncede uhlale apha, ngenxa yokuba uYehova undithume eBheteli.” Kodwa uElisha wathi: “Njengoko uYehova ephila+ nomphefumlo wakho uphila,+ andiyi kukushiya.”+ Ngoko behla baya eBheteli.+  Bandula ke oonyana babaprofeti+ ababeseBheteli beza kuElisha baza bathi kuye: “Ngaba ngokwenene uyazi ukuba namhlanje uYehova uza kuyithabatha inkosi yakho ingabi saba yintloko yakho?”+ Waza wathi: “Nam, ndikwazi kakuhle oko.+ Yithini cwaka.”  Waza uEliya wathi kuye: “Elisha, khawuncede uhlale apha, ngenxa yokuba uYehova undithume eYeriko.”+ Kodwa wathi: “Njengoko uYehova ephila nomphefumlo wakho uphila, andiyi kukushiya.” Ngoko beza eYeriko.  Bandula ke oonyana babaprofeti ababeseYeriko baya kuElisha baza bathi kuye: “Ngaba ngokwenene uyazi ukuba namhlanje uYehova uza kuyithabatha inkosi yakho ingabi saba yintloko yakho?” Waza wathi: “Nam, ndikwazi kakuhle oko. Yithini cwaka.”+  Waza uEliya wathi kuye: “Khawuncede uhlale apha, ngenxa yokuba uYehova undithume eYordan.”+ Kodwa wathi: “Njengoko uYehova ephila nomphefumlo wakho uphila, andiyi kukushiya.”+ Ngoko baqhubeka behamba bobabini.  Yaye kwakukho amadoda angamashumi amahlanu angawoonyana babaprofeti awahambayo aya kuma mgama aza akhangela;+ kodwa, bona bobabini bema ngaseYordan.  Wandula ke uEliya wathabatha umnweba wakhe+ wawusonga waza wabetha amanzi, aza ahlukana aya ngapha nangapha, kangangokuba bobabini bawela kumhlaba owomileyo.+  Kwathi kamsinya nje bakuba bewelile uEliya wathi kuElisha: “Cela into emandikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithatyathwe kuwe.”+ Waza wathi uElisha: “Ndicela ukuba iinxalenye ezimbini+ zomoya wakho+ zize kum.”+ 10  Ke yena wathi: “Ucele+ into enzima. Ukuba undibonile xa ndithatyathwa kuwe, kuya kwenzeka kuwe ngolo hlobo; kodwa ukuba akundibonanga, akuyi kwenzeka.” 11  Kwathi besahamba, behamba bethetha, kaloku, khangela! inqwelo yokulwa yomlilo namahashe omlilo,+ zabahlula bobabini; yaye uEliya wenyukela emazulwini ngesaqhwithi somoya.+ 12  Ngalo lonke elo xesha uElisha wayekubona oko, yaye wayedanduluka esithi: “Bawo, bawo,+ nqwelo yokulwa kaSirayeli nabakhweli-mahashe bakhe!”+ Yaye akazange aphinde ambone. Ngenxa yoko wazibamba izambatho zakhe wazikrazula zaba ziziqwenga ezibini.+ 13  Emva koko wathabatha umnweba+ kaEliya owawuwe kuye, wabuyela emva waya kuma ngakunxweme lweYordan. 14  Wandula ke wathabatha umnweba owawuwe kuEliya waza wabetha amanzi+ wathi: “Uphi na uYehova uTHIXO kaEliya, Yena kanye?”+ Ekuwabetheni kwakhe amanzi, ahlukana aya ngapha nangapha, wawela uElisha. 15  Xa oonyana babaprofeti ababeseYeriko bambonayo bemgama, bathi: “Umoya+ kaEliya uhleli kuElisha.” Ngako oko beza kumhlangabeza baza baqubuda+ kuye emhlabeni. 16  Yaye bahlabela mgama bathi kuye: “Yabona ke, kukho amadoda angamashumi amahlanu akunye nabakhonzi bakho, abantu abangamakroti. Nceda, wavumele ahambe aye kufuna inkosi yakho. Kusenokwenzeka ukuba umoya+ kaYehova uyiphakamisile wandula ke wayiphosa kwenye yeentaba okanye kwenye yeentlambo.” Kodwa wathi: “Ningawathumeli.” 17  Yaye baqhubeka bembongoza de waneentloni, kangangokuba wathi: “Thumelani.” Baza ke bathumela amadoda angamashumi amahlanu; aqhubeka ke efuna kangangeentsuku ezintathu, kodwa akazange amfumane. 18  Ekubuyeleni kwawo kuye, wayehleli eYeriko.+ Wandula ke wathi kuwo: “Anditshongo na kuni ukuthi, ‘Musani ukuhamba’?” 19  Ekuhambeni kwexesha amadoda esixeko athi kuElisha: “Yabona ke, imeko yesixeko ilungile,+ kanye njengoko inkosi yam ibona; kodwa amanzi+ mabi, nelizwe libangela ukuphuma kwezisu.”+ 20  Waza wathi: “Ndizisele isitya esincinane esitsha uze ufake ityuwa kuso.” Ngoko bamlandela sona. 21  Wandula ke waphuma waya emthonjeni wamanzi waza waphosa ityuwa kuwo,+ wathi: “Utsho uYehova ukuthi, ‘La manzi ndiwenza aphile.+ Akayi kuphinda abangele ukufa okanye ukuphuma kwezisu.’” 22  Yaye loo manzi asaphilile de kube ngulo mhla,+ ngokwelizwi elathethwa nguElisha. 23  Wenyuka ke apho waya eBheteli.+ Ngoxa wayesenyuka ngendlela, kwaphuma amakhwenkwe amancinane+ esixekweni aza amgculela+ esithi kuye: “Nyuka, mpandlandini!+ Nyuka, mpandlandini!” 24  Ekugqibeleni wajika waza wawabona, wawaqalekisa+ egameni likaYehova. Kwandula ke kwaphuma iimazi zamabhere ezimbini+ phakathi kwemithi, zaqwenga kubo abantwana abangamashumi amane anesibini.+ 25  Kwaye wahamba ukusuka apho waya kwiNtaba yeKarmele,+ waza emva koko wabuyela eSamariya.

Umbhalo osemazantsi