I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 16:1-20

16  Ngonyaka weshumi elinesixhenxe kaPeka unyana kaRemaliya, uAhazi+ unyana kaYotham ukumkani wakwaYuda waba ngukumkani.  UAhazi wayeneminyaka engamashumi amabini ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu; ibe akazange enze okulungileyo emehlweni kaYehova uThixo wakhe njengoDavide ukhokho wakhe.+  Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli,+ wadlulisa nonyana wakhe emlilweni,+ ngokuvumelana nezinto ezicekisekayo+ zeentlanga ezo uYehova wazigxothayo ngenxa yoonyana bakaSirayeli.  Yaye waqhubeka ebingelela eqhumisa nombingelelo kwiindawo eziphakamileyo+ nasezindulini+ naphantsi kwayo yonke imithi enabileyo.+  Kungelo xesha awathi uRetsin+ ukumkani waseSiriya noPeka+ unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli beza kulwa neYerusalem baza bamngqinga uAhazi, kodwa abazange bakwazi ukulwa.+  Ngelo xesha uRetsin ukumkani waseSiriya wayibuyisela iElati+ kwaEdom, emva koko wawatshayela amaYuda e-Elati; yaye amaEdom angena e-Elati aza ahlala khona kude kube namhla.  Ngoko uAhazi wathumela abathunywa kuTigelati-pilesere+ ukumkani waseAsiriya, esithi: “Ndingumkhonzi wakho+ nonyana wakho. Nyuka uze kundisindisa+ entendeni kakumkani waseSiriya nasentendeni kakumkani wakwaSirayeli, abandivukelayo.”  Ngako oko uAhazi wathabatha isilivere negolide eyafumanekayo endlwini kaYehova nakubuncwane bendlu kakumkani+ waza wathumelela ukumkani waseAsiriya isinyobo.+  Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula waza ukumkani waseAsiriya wenyuka waya eDamasko,+ wayithimba+ waza wakhokelela abantu bayo ekuthinjweni eKire,+ yaye uRetsin+ wambulala. 10  Wandula uKumkani uAhazi+ waya kuhlangabezana noTigelati-pilesere+ ukumkani waseAsiriya eDamasko, yaye wabona isibingelelo+ esasiseDamasko. Ngoko uKumkani uAhazi wathumelela u-Uriya umbingeleli ukuma kwesibingelelo nomlinganiselo waso ngokusetyenzwa kwaso konke.+ 11  U-Uriya+ umbingeleli wasakha isibingelelo.+ Wasenza ke isibingelelo u-Uriya njengako konke abemthumelele kona uKumkani uAhazi eDamasko, engekabuyi uKumkani uAhazi eDamasko. 12  Xa ukumkani wafikayo evela eDamasko, ukumkani wasibona isibingelelo; waza ukumkani wasondela esibingelelweni+ wenza umnikelo kuso.+ 13  Yaye waqhubeka eqhumisela+ ngomnikelo wakhe otshiswayo+ nomnikelo wakhe wokudla okuziinkozo+ waza wathulula nomnikelo wakhe othululwayo+ wafefa nangegazi lemibingelelo yobudlelane eyayisesibingelelweni. 14  Isibingelelo sobhedu+ esasiphambi koYehova wasisusa phambi kwendlu, phakathi kwesibingelelo sakhe nendlu kaYehova,+ waza wasibeka kwicala elingakumntla wesibingelelo sakhe. 15  Yaye uKumkani uAhazi wahlabela mgama emyalela, u-Uriya+ umbingeleli, esithi: “Qhumisela umnikelo otshiswayo wakusasa esibingelelweni esikhulu,+ nomnikelo wokudla okuziinkozo wangokuhlwa+ nomnikelo otshiswayo kakumkani+ nomnikelo wakhe wokudla okuziinkozo nomnikelo otshiswayo wabo bonke abantu belizwe nomnikelo wabo wokudla okuziinkozo neminikelo yabo ethululwayo; yaye lonke igazi lomnikelo otshiswayo nalo lonke igazi lombingelelo uze ulifefe phezu kwaso. Ke sona isibingelelo sobhedu, ndiya kukhe ndinikele ingqalelo kuso.” 16  Yaye u-Uriya+ umbingeleli wenza ngokuvumelana nako konke oko uKumkani uAhazi wayemyalele kona.+ 17  Ngaphezu koko, uKumkani uAhazi wawaphula+ amacala+ eenqwelwana+ waza wazishenxisa kuzo izitya;+ yaye walothula ulwandle+ kwiinkunzi zeenkomo zobhedu+ ezaziphantsi kwalo waza walubeka endleleni egangathiweyo. 18  Isakhiwo esifulelweyo sesabatha ababesakhile endlwini kakumkani nesango langaphandle likakumkani wazishenxisa endlwini kaYehova ngenxa kakumkani waseAsiriya. 19  Ke eminye imicimbi ka-Ahazi, oko wakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 20  Ekugqibeleni uAhazi walala kookhokho bakhe yaye wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide;+ yaye uHezekiya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi