I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 15:1-38

15  Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe kaYerobhoham ukumkani wakwaSirayeli, uAzariya+ unyana ka-Amatsiya+ ukumkani wakwaYuda waba ngukumkani.  Wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka engamashumi amahlanu anesibini eYerusalem.+ Igama likanina lalinguYekoliya waseYerusalem.  Yaye waqhubeka esenza oko kuthe tye emehlweni kaYehova, ngokuvisisana nako konke oko uAmatsiya uyise wakwenzayo.+  Kuphela nje iindawo eziphakamileyo azizange zithi shwaka.+ Abantu babesabingelela beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+  Ekugqibeleni uYehova wambetha ukumkani,+ yaye waqhubeka eneqhenqa+ de kwayimini yokufa kwakhe, waqhubeka ehlala endlwini yakhe ekhululekile kwizabelo,+ ngoxa uYotham+ unyana kakumkani wayongamele indlu, egweba+ abantu belo lizwe.  Ke eminye imicimbi ka-Azariya nako konke awakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yookumkani bakwaYuda?  Ekuhambeni kwethuba uAzariya walala kookhokho bakhe,+ baza bamngcwaba nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide; yaye uYotham unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.+  Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo ka-Azariya+ ukumkani wakwaYuda, uZekariya+ unyana kaYerobhoham waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya iinyanga ezintandathu.  Yaye waqhubeka esenza oko kubi emehlweni kaYehova, kanye njengoko ookhokho bakhe benzayo.+ Akazange ashenxe kwizono zikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ 10  Wandula uShalum unyana kaYabheshe wenza iyelenqe+ nxamnye naye waza wamxabela+ eIbleyam+ wambulala yaye walawula esikhundleni sakhe. 11  Ke eminye imicimbi kaZekariya, nantso ibhalwe encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli. 12  Elo yayililizwi likaYehova+ awalithetha kuYehu, esithi:+ “Oonyana+ baya kuhlala etroneni yakwaSirayeli ngenxa yakho.” Yaye kwaba njalo.+ 13  Ke yena uShalum unyana kaYabheshe, waba ngukumkani ngonyaka wamashumi amathathu anesithoba kaUziya+ ukumkani wakwaYuda, yaye waqhubeka elawula inyanga yonke eSamariya.+ 14  Wandula uMenahem+ unyana kaGadihi weza eSamariya evela eTirtsa+ waza wamxabela uShalum+ unyana kaYabheshe eSamariya wambulala; kwaye walawula esikhundleni sakhe. 15  Ke eminye imicimbi kaShalum neyelenqe lakhe+ awalenzayo, zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli. 16  Kungoko awathi uMenahem wayixabela iTifesa nako konke okwakukuyo nommandla wayo ophuma eTirtsa, ngenxa yokuba ayizange ivule, yaye wayixabela. Wabaqhaqha bonke abafazi abamithiyo kuyo.+ 17  Ngonyaka wamashumi amathathu anesithoba+ ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uMenahem unyana kaGadihi waba ngukumkani kwaSirayeli iminyaka elishumi eSamariya. 18  Yaye waqhubeka esenza oko kubi emehlweni kaYehova.+ Akazange ashenxe kuzo zonke izono zikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli,+ yonke imihla yakhe. 19  UPuli+ ukumkani waseAsiriya+ wafika kwelo lizwe. UMenahem wanika+ uPuli iitalente eziliwaka zesilivere,+ ukuze izandla zakhe zibe naye zibomeleze ubukumkani esandleni sakhe.+ 20  Ngoko uMenahem wayibiza isilivere leyo kuSirayeli, nakuwo onke amadoda anamandla+ nangamakroti, ukuze anike ukumkani waseAsiriya amashumi amahlanu eeshekele zesilivere endoda nganye. Ukumkani waseAsiriya wabuya, yaye akazange ahlale apho kwelo lizwe. 21  Ke eminye imicimbi kaMenahem+ nako konke awakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 22  Ekugqibeleni uMenahem walala kookhokho bakhe, yaye uPekahiya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 23  Ngonyaka wamashumi amahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPekahiya unyana kaMenahem waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya iminyaka emibini.+ 24  Yaye waqhubeka esenza oko kubi emehlweni kaYehova.+ Akazange ashenxe kwizono zikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ 25  Wandula ke uPeka+ unyana kaRemaliya umphathi-mkhosi wakhe+ wamenzela iyelenqe+ waza wamxabela eSamariya kwinqaba yokuhlala yendlu kakumkani+ noArgobhi noAriye, yaye kwakukho amadoda angamashumi amahlanu akoonyana bakaGiliyadi awayekunye naye. Ngoko wambulala waza walawula esikhundleni sakhe. 26  Ke eminye imicimbi kaPekahiya nako konke awakwenzayo, nako kubhalwe kwincwadi+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli. 27  Ngonyaka wamashumi amahlanu anesibini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka+ unyana kaRemaliya+ waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya iminyaka engamashumi amabini. 28  Yaye waqhubeka esenza oko kubi emehlweni kaYehova.+ Akazange ashenxe kwizono zikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ 29  Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, uTigelati-pilesere+ ukumkani waseAsiriya+ wafika waza wathabatha i-Iyon+ neAbheli-bhete-mahaka+ neYanowa neKedeshe+ neHatsore+ neGiliyadi+ neGalili,+ nawo wonke umhlaba wakwaNafetali,+ abantu wabathabathela ekuthinjweni eAsiriya.+ 30  Ekugqibeleni uHosheya+ unyana kaElaha wenzela uPeka unyana kaRemaliya iyelenqe+ waza wamxabela+ wambulala; yaye walawula esikhundleni sakhe ngonyaka wamashumi amabini kaYotham+ unyana kaUziya. 31  Ke eminye imicimbi kaPeka nako konke awakwenzayo, nako kubhalwe encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli. 32  Ngonyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya ukumkani wakwaSirayeli, uYotham+ unyana kaUziya+ ukumkani wakwaYuda waba ngukumkani. 33  Wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eYerusalem. Igama likanina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.+ 34  Yaye waqhubeka esenza oko kulungileyo emehlweni kaYehova.+ Wenza ngokuvisisana nako konke okwenziwa ngu-Uziya uyise.+ 35  Ziindawo eziphakamileyo kuphela ezingazange zithi shwaka. Abantu babesabingelela beqhumisa nombingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+ Nguye owakha isango eliphezulu lendlu kaYehova.+ 36  Ke eminye imicimbi kaYotham, oko wakwenzayo, akubhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?+ 37  Ngaloo mihla uYehova wathumela+ uRetsin+ ukumkani waseSiriya noPeka+ unyana kaRemaliya nxamnye noYuda. 38  Ekugqibeleni uYotham walala kookhokho bakhe waza wangcwatywa nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide ukhokho wakhe;+ yaye uAhazi+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi