I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 14:1-29

14  Ngonyaka wesibini kaYehowashe+ unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli, uAmatsiya+ unyana kaYehowashe ukumkani wakwaYuda waba ngukumkani.  Wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka engamashumi amabini anesithoba eYerusalem. Igama likanina lalinguYehowadin+ waseYerusalem.  Yaye waqhubeka esenza oko kuthe tye emehlweni kaYehova,+ kuphela nje akazange abe njengoDavide ukhokho wakhe.+ Wenza konke oko kwakwenziwe nguYehowashe uyise.+  Kuphela ziindawo eziphakamileyo ezingazange zithi shwaka.+ Abantu babesabingelela beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+  Kwathi kamsinya nje bakuba ubukumkani buqinile esandleni sakhe, wabaxabela+ abakhonzi bakhe abaxabela ukumkani uyise.+  Ke bona oonyana babaxabeli akazange ababulale, ngokuvisisana noko kwakubhalwe encwadini yomthetho kaMoses lowo uYehova wamyalela ngawo, esithi:+ “Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, noonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; kodwa ngamnye makabulawelwe isono sakhe.”+  Yena wawaxabela amaEdom+ kwiNtlambo yeTyuwa,+ amadoda alishumi lamawaka, waza wayithimba iSela emfazweni, yaye igama layo labizwa ngokuba yiYoketeli kude kube namhla.  Wandula ke uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehowashe unyana kaYehowahazi unyana kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza. Masikhangelane ebusweni.”+  Waza uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, esithi: “Ukhula olunameva olwaluseLebhanon lwathumela kumsedare+ owawuseLebhanon, lusithi, ‘Intombi yakho yinike unyana wam njengomfazi.’ Noko ke, kwadlula irhamncwa lasendle elaliseLebhanon laza lalunyathela ukhula olunameva.+ 10  Umxabele+ okunene uEdom, yaye intliziyo yakho ikuphakamisile.+ Nandipha imbeko yakho+ uze uhlale endlwini yakho. Kutheni na ngoko, ufanele ubambane+ phantsi kweemeko ezingentle+ uze uwe, wena noYuda?” 11  Yaye uAmatsiya akazange aphulaphule.+ Ngoko uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wenyuka, baza bakhangelana ebusweni,+ yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe+ yakwaYuda. 12  Yaye uYuda woyiswa phambi koSirayeli,+ kangangokuba basaba, ngamnye waya ententeni yakhe. 13  UAmatsiya ukumkani wakwaYuda unyana kaYehowashe unyana ka-Ahaziya wathinjwa nguYehowashe ukumkani wakwaSirayeli eBhete-shemeshe, emva koko beza eYerusalem waza waqhekeza udonga eYerusalem kwiSango lakwaEfrayim+ ukuya kufikelela kwiSango leMbombo,+ amakhulu amane eekubhite. 14  Yaye wathabatha yonke igolide nesilivere nayo yonke impahla eyayifumaneka endlwini kaYehova+ nakubuncwane bendlu kakumkani nabathinjwa wandula wabuyela eSamariya. 15  Ke eminye imicimbi kaYehowashe, oko wakwenzayo namandla akhe nendlela awalwa ngayo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 16  Ekugqibeleni uYehowashe walala kookhokho bakhe+ waza wangcwatywa eSamariya+ nookumkani bakwaSirayeli, yaye uYerobhoham+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 17  UAmatsiya+ unyana kaYehowashe ukumkani wakwaYuda waqhubeka ephila emva kokufa kukaYehowashe+ unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli iminyaka elishumi elinesihlanu.+ 18  Ke eminye imicimbi ka-Amatsiya, ayibhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?+ 19  Bamanyana baza bamenzela iyelenqe+ eYerusalem, waza wasabela eLakishe;+ kodwa bamsukela eLakishe baza bambulalela apho.+ 20  Ngoko bamthwala ngamahashe waza wangcwatyelwa+ eYerusalem nookhokho bakhe kwisiXeko sikaDavide.+ 21  Ngoko bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya,+ ngelo xesha wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala,+ baza bamenza ukumkani esikhundleni sikayise uAmatsiya.+ 22  Yena wakha iElati+ waza wayibuyisela kwaYuda emva kokuba ukumkani elele kookhokho bakhe. 23  Ngonyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYehowashe ukumkani wakwaYuda, uYerobhoham+ unyana kaYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waba ngukumkani eSamariya iminyaka engamashumi amane ananye. 24  Yaye waqhubeka esenza oko kubi emehlweni kaYehova. Akazange ashenxe kuzo zonke izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ 25  Nguye owabuyisela umda wakwaSirayeli ukususela ekungeneni eHamati+ ukuya kufikelela kulwandle lwaseArabha,+ ngokwelizwi likaYehova uTHIXO wakwaSirayeli owathetha ngomkhonzi wakhe uYona+ unyana ka-Amitayi, umprofeti owayevela eGati-hefere.+ 26  Kuba uYehova wayeyibonile inkxwaleko kaSirayeli.+ Kwakungekho namnye owayengeloncedo okanye ongento yanto, kwakungekho namncedi kwaSirayeli.+ 27  Yaye uYehova wayethembisile ukungalisusi igama likaSirayeli phantsi kwamazulu.+ Ngenxa yoko wamsindisa+ ngesandla sikaYerobhoham unyana kaYehowashe. 28  Ke eminye imicimbi kaYerobhoham nako konke awakwenzayo namandla akhe, indlela awalwa ngayo nendlela awabuyisela ngayo iDamasko+ neHamati+ kuYuda kwaSirayeli, akubhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 29  Ekugqibeleni uYerobhoham walala kookhokho bakhe, nookumkani bakwaSirayeli, yaye uZekariya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi