I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 13:1-25

13  Ngonyaka wamashumi amabini anesithathu kaYehowashe+ unyana ka-Ahaziya+ ukumkani wakwaYuda, uYehowahazi+ unyana kaYehu+ waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya iminyaka elishumi elinesixhenxe.  Waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova+ waza waqhubeka esukela isono sikaYerobhoham+ unyana kaNebhati, awonisa ngaso uSirayeli.+ Akazange aphambuke kuso.  Yaye umsindo kaYehova+ wavutha nxamnye noSirayeli, kangangokuba wamnikela esandleni sikaHazayeli+ ukumkani waseSiriya nasesandleni sikaBhen-hadadi+ unyana kaHazayeli yonke imihla yakhe.  Ekuhambeni kwexesha uYehowahazi wambongoza+ uYehova, kangangokuba uYehova wamphulaphula;+ kuba wayeyibonile ingcinezelo kaSirayeli,+ ngenxa yokuba ukumkani waseSiriya wayemcinezele.+  Ngenxa yoko uYehova wamnika umsindisi uSirayeli,+ kangangokuba waphuma phantsi kwesandla saseSiriya, yaye oonyana bakaSirayeli baqhubeka behlala emakhayeni abo njengakuqala.+  (Kuphela nje abazange bashenxe kwisono sendlu kaYerobhoham, awonisa ngaso uSirayeli.+ Wahamba kuso;+ kwanesibonda esingcwele+ sema eSamariya.)  Kuba akazange amshiyele bantu uYehowahazi ngaphandle kwabakhweli-mahashe abangamashumi amahlanu neenqwelo ezilishumi namadoda ahamba ngeenyawo alishumi lamawaka,+ ngenxa yokuba ukumkani waseSiriya wayebatshabalalisile,+ ukuze abenze babe njengothuli xa kubhulwa.+  Ke eminye imicimbi kaYehowahazi nako konke awakwenzayo namandla akhe, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?  Ekugqibeleni uYehowahazi walala kookhokho bakhe, baza bamngcwaba eSamariya;+ yaye uYehowashe+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 10  Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe kaYehowashe ukumkani wakwaYuda, uYehowashe+ unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya iminyaka elishumi elinesithandathu. 11  Waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova.+ Akazange ashenxe kuzo zonke izono zikaYerobhoham unyana kaNebhati, awonisa ngazo uSirayeli.+ Wahamba kuzo. 12  Ke eminye imicimbi kaYehowashe nako konke awakwenzayo namandla akhe nendlela awalwa ngayo+ noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 13  Ekugqibeleni uYehowashe walala kookhokho bakhe, yaye uYerobhoham+ wahlala etroneni yakhe. Waza ke yena uYehowashe wangcwatywa eSamariya nookumkani bakwaSirayeli.+ 14  Ke uElisha+ wayegula sisifo esasiza kumbulala.+ Ngoko uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wehla weza kuye waza walilela ebusweni bakhe wathi: “Bawo,+ bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli nabakhweli-mahashe bakhe!”+ 15  Yaye uElisha wathi kuye: “Thabatha isaphetha neentolo.” Ngoko wazithabathela isaphetha neentolo. 16  Yaye wahlabela mgama wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Beka isandla sakho kwisaphetha.” Ngako oko wasibeka isandla sakhe kuso, emva koko uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezandla+ zikakumkani. 17  Wandula ke wathi: “Vula ifestile ngasempuma.” Ngoko wayivula. Ekugqibeleni uElisha wathi: “Tola!” Ngoko watola. Ke kaloku wathi: “Utolo lukaYehova losindiso, utolo losindiso+ nxamnye neSiriya! Yaye ngokuqinisekileyo uya kuyixabela iSiriya eAfeki+ ide iphele.” 18  Wahlabela mgama wathi: “Thabatha iintolo.” Waza wazithabatha. Wandula ke wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Betha emhlabeni.” Ngoko wabetha kathathu waza wayeka.+ 19  Yaye umntu kaTHIXO oyinyaniso+ wacaphuka; kungoko wathi: “Bekufanele ukuba lubethe izihlandlo ezihlanu okanye ezithandathu! Ngaloo ndlela ubuya kuba uyixabele wayigqiba ngokuqinisekileyo iSiriya, kodwa ngoku uya kuyixabela izihlandlo ezithathu iSiriya.”+ 20  Emva koko uElisha wafa baza bamngcwaba.+ Yaye kwakukho amatutu+ amaMowabhi+ awayesiza njalo kwelo lizwe ekuthwaseni konyaka. 21  Yaye kwathi njengoko babengcwaba enye indoda, kaloku, khangela babona amatutu. Kwaoko bayiphosa loo ndoda kwindawo awayengcwatywe kuyo uElisha baza bemka. Xa indoda leyo yadibana namathambo kaElisha, ngoko nangoko yaphila+ yaza yema ngeenyawo zayo.+ 22  Ke yena uHazayeli+ ukumkani waseSiriya, wamcinezela+ uSirayeli yonke imihla kaYehowahazi. 23  Noko ke, uYehova wambabala,+ waba nenceba+ kuye waza wajika wabuyela kuye ngenxa yomnqophiso wakhe+ noAbraham,+ uIsake+ noYakobi;+ akazange afune ukumonakalisa,+ yaye akazange afune ukumlahla phambi kobuso bakhe de kube ngoku. 24  Ekugqibeleni uHazayeli ukumkani waseSiriya wafa, waza uBhen-hadadi unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 25  UYehowashe unyana kaYehowahazi wazithabatha kwakhona esandleni sikaBhen-hadadi unyana kaHazayeli izixeko awayezithabathe ngemfazwe esandleni sikaYehowahazi uyise. UYehowashe wamxabela izihlandlo ezithathu, waza wazibuyisa izixeko zakwaSirayeli.+

Umbhalo osemazantsi