Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2Ku 12:1-21

12  Ngonyaka wesixhenxe kaYehu,+ uYehowashe+ waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka engamashumi amane eYerusalem. Igama likanina lalinguTsibhiya waseBher-shebha.  UYehowashe waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova yonke imihla yakhe leyo uYehoyada umbingeleli wayemyala ngayo.+  Ziindawo eziphakamileyo kuphela ezingazange zithi shwaka.+ Abantu babesabingelela beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.  UYehowashe wathi kubabingeleli:+ “Yonke imali yeminikelo engcwele+ eziswe endlwini kaYehova,+ imali alinganiselwe ngayo ngamnye,+ imali yemiphefumlo ngokwexabiso lomntu,+ yonke imali ekuthe qatha entliziyweni yakhe ngamnye ukuba ayizise endlwini kaYehova,+  ababingeleli mabazithabathele yona, ngamnye kulowo amqhelileyo;+ yaye bona mabavale iintanda zendlu naphi na apho kufunyanwa khona uthanda.”+  Ngonyaka wamashumi amabini anesithathu kaKumkani uYehowashe, ababingeleli babengekazivali iintanda zendlu.+  Ngoko uKumkani uYehowashe wabiza uYehoyada+ umbingeleli nababingeleli waza wathi kubo: “Kutheni na ningazivali iintanda zendlu? Ke kaloku, ningaphinde nithabathe mali kwabo nibaqhelileyo, kodwa nikelani ngayo ukuze kuvalwe iintanda zendlu.”+  Ababingeleli bavuma ukuba bangathabathi mali ebantwini kwakhona nokuba bangazivali iintanda zendlu.  UYehoyada umbingeleli wathabatha isikhongozelo+ waza wagqobhoza umngxuma esicikweni saso wasibeka ecaleni kwesibingelelo ngasekunene xa umntu engena endlwini kaYehova, yaye apho ababingeleli, abagcini-mnyango,+ babeka yonke imali+ eyayisiziswa endlwini kaYehova. 10  Yaye kwakusithi kamsinya nje bakubona ukuba kukho imali eninzi esikhongozelweni, unobhala+ kakumkani nombingeleli omkhulu beze, bayibophe baze bayibale imali eyayifumaneka endlwini kaYehova.+ 11  Yaye banikela ngemali eyayilinganisiwe ezandleni zabo babesenza+ umsebenzi ababemiselwe endlwini kaYehova. Baza bona bahlawula ngayo abo babesebenza ngomthi nabakhi ababesebenza endlwini kaYehova, 12  nabo babexhola amatye nabaqingqi bamatye,+ bathenga namaplanga namatye aqingqiweyo okuvala iintanda zendlu kaYehova nako konke okwakuchithiwe endlwini ukuze ilungiswe. 13  Ngokuphathelele indlu kaYehova akuzange kwenziwe zitya zasilivere, nazicima-mlilo,+ nazitya,+ namaxilongo,+ nalo naluphi na uhlobo lwempahla yegolide nempahla yesilivere ngemali eyayiziswe endlwini kaYehova;+ 14  kuba babeyinika abasebenzi, yaye babelungisa indlu kaYehova ngayo.+ 15  Yaye babengafuni ngxelo+ kumadoda ababeyinika wona imali ukuba ayinike abasebenzi,+ ngenxa yokuba ayesebenza ngokuthembeka.+ 16  Ke yona imali yeminikelo yetyala+ nemali yeminikelo yesono, yayingaziswa endlwini kaYehova. Ngoko yaba yeyababingeleli.+ 17  Wandula uHazayeli+ ukumkani waseSiriya wenyuka waya kulwa nxamnye neGati+ waza wayithimba, emva koko uHazayeli wabhekisa ubuso bakhe+ ngaseYerusalem ukuba aye kulwa nayo.+ 18  UYehowashe ukumkani wakwaYuda wathabatha iminikelo engcwele+ leyo uYehoshafati noYehoram noAhaziya ookhokho bakhe, ookumkani bakwaYuda, babeyingcwalisile neminikelo yakhe engcwele nayo yonke igolide eyayifumaneka kubuncwane bendlu kaYehova nasendlwini kakumkani waza wayithumela+ kuHazayeli ukumkani waseSiriya. Ngoko wemka eYerusalem. 19  Ke eminye imicimbi kaYehowashe nako konke awakwenzayo, akubhalwanga na encwadini+ yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 20  Noko ke, abakhonzi bakhe+ bamanyana, benza iyelenqe+ baza bamxabela uYehowashe endlwini+ yeSiganga,+ endleleni eyehlela eSila. 21  Yaye uYozakare unyana kaShimeyati noYehozabhadi+ unyana kaShomere, abakhonzi bakhe, ngabo abamxabelayo, wafa. Ngako oko bamngcwaba nookhokho bakhe kwiSixeko sikaDavide; waza uAmatsiya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi