I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kumkani 11:1-21

11  Ke kaloku uAtaliya+ unina ka-Ahaziya,+ wabona ukuba unyana wakhe ufile. Ngoko wasuka watshabalalisa yonke inzala yobukumkani.+  Noko ke, uYehoshebha+ intombi kaKumkani uYehoram, udade boAhaziya, wathabatha uYehowashe+ unyana ka-Ahaziya waza wamba phakathi koonyana bakakumkani ababeza kubulawa, yena nempelesi yakhe, wabasa kwigumbi elingaphakathi lezingqengqelo, bamfihla+ ebusweni buka-Ataliya, yaye akazange abulawe.  Yaye waqhubeka enaye endlwimi kaYehova ezimele iminyaka emithandathu, ngoxa uAtaliya wayelawula kwelo lizwe.+  Ngonyaka wesixhenxe uYehoyada+ wathumela waza wathabatha iintloko zamakhulu abalindi bamaKariya+ nezeembaleki,+ wazizisa kuye endlwini kaYehova waza wenza umnqophiso+ nazo, wazifungisa+ endlwini kaYehova, emva koko wazibonisa unyana kakumkani.  Yaye wahlabela mgama waziyalela, esithi: “Yiyo le into eniza kuyenza: Makuze isahlulo sesithathu senu ngesabatha size siyilinde ngokungqongqo indlu kakumkani;+  yaye esinye isahlulo sesithathu siza kuba kwiSango+ lesiSeko, esinye isahlulo sesithathu sibe kwisango elisemva kweembaleki; nize niyilinde ngokungqongqo indlu+ nitshintshane.  Yaye kukho izahlulo ezibini phakathi kwenu eziphumayo zonke ngesabatha, yaye zimele ziyilinde ngokungqongqo indlu kaYehova ngenxa kakumkani.  Yaye nimele nimrhawule ukumkani macala onke, ngamnye enezixhobo esandleni sakhe; yaye nabani na ongena eluhlwini uya kubulawa. Nize niqhubeke nikunye nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekungeneni kwakhe.”  Iintloko zamakhulu+ zenza ngokuvumelana nako konke oko uYehoyada umbingeleli wayekuyalele. Ngoko zathabatha nganye amadoda ayo awayengena ngesabatha,+ kunye nalawo ayephuma ngesabatha, zeza kuYehoyada umbingeleli. 10  Ke kaloku umbingeleli wanika iintloko zamakhulu imikhonto namakhaka abusazinge awayengakaKumkani uDavide, awayesendlwini kaYehova.+ 11  Yaye iimbaleki+ zema nganye nezixhobo zayo esandleni sayo, ukususela ngakwicala lasekunene lendlu ukuya kufikelela kwicala lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni+ nangasendlwini, macala onke kufuphi nokumkani. 12  Wandula ke wamkhupha unyana+ kakumkani waza wambeka isithsaba+ neSingqino;+ yaye bamenza ukumkani+ baza bamthambisa.+ Baqhwaba izandla+ besithi: “Makaphile ukumkani!”+ 13  Wathi akusiva uAtaliya isandi sokubaleka kwabantu, kwaoko weza ebantwini endlwini kaYehova.+ 14  Wandula wabona, nanko ukumkani emi ecaleni kwentsika+ ngokwesiko, neentloko namaxilongo+ engakukumkani, yaye bonke abantu belizwe benemihlali+ kwaye bevuthela amaxilongo. Ngoko nangoko uAtaliya+ wazikrazula izambatho zakhe waza wakhala esithi: “Liyelenqe! Liyelenqe!”+ 15  Kodwa uYehoyada umbingeleli wayalela iintloko zamakhulu, abo bamiselweyo bomkhosi wamajoni,+ waza wathi kubo: “Mkhupheni eluhlwini, yaye, nabani na oza emva kwakhe, makabulawe ngekrele!”+ Kuba umbingeleli wathi: “Makangabulawelwa endlwini kaYehova.” 16  Ngoko babeka izandla zabo kuye waza weza ngendlela yokungena amahashe+ endlwini kakumkani,+ yaye wabulawelwa apho.+ 17  Wandula uYehoyada wenza umnqophiso+ phakathi kukaYehova+ nokumkani+ nabantu, ukuze bazingqine bengabantu bakaYehova; naphakathi kukakumkani nabantu.+ 18  Emva koko bonke abantu belizwe beza endlwini kaBhahali baza bazidiliza izibingelelo zakhe;+ nemifanekiso yakhe bayiqhekeza ngokucokisekileyo,+ yaye uMatan+ umbingeleli kaBhahali bambulala phambi kwezibingelelo.+ Yaye umbingeleli wabeka abaveleli endlwini kaYehova.+ 19  Ngaphezu koko, wathabatha iintloko zamakhulu nabalindi bamaKariya+ neembaleki+ nabo bonke abantu belizwe, ukuze behlise ukumkani endlwini kaYehova; beza ngendlela yesango+ leembaleki lokuya endlwini kakumkani; yaye wahlala etroneni+ yookumkani. 20  Bonke abantu belo lizwe baqhubeka benemihlali;+ yaye isixeko sasingenasiphazamiso, uAtaliya babembulele ngekrele endlwini kakumkani.+ 21  UYehowashe+ wayeneminyaka esixhenxe ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula.+

Umbhalo osemazantsi