I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 9:1-31

9  Yaye ukumkanikazi waseShebha+ weva ingxelo ngoSolomon, weza waza wamvavanya uSolomon ngemibuzo entsonkothileyo+ eYerusalem, kunye nomkhoko omkhulu kakhulu neenkamela+ zithwele ioli yebhalsam,+ negolide+ eninzi, namatye axabisekileyo.+ Ekugqibeleni wafika kuSolomon waza wathetha kuye ngako konke okwakusentliziyweni yakhe.+  USolomon wahlabela mgama emxelela yonke imibandela yakhe,+ akuzange kubekho mbandela ufihlakalayo kuSolomon angazange amxelele ngawo.+  Xa ukumkanikazi waseShebha wabubonayo ubulumko bukaSolomon+ nendlu awayeyakhile,+  nokutya kwetafile yakhe+ nokuhlala kwabakhonzi bakhe nenkonzo yasetafileni yabalungiseleli bakhe nesinxibo sabo+ nenkonzo yeziselo zakhe+ nesinxibo sabo, nemibingelelo+ yakhe etshiswayo awayeyinikela rhoqo endlwini kaYehova,+ wesuka wee khamnqa.  Ngoko wathi kukumkani: “Liyinyaniso ilizwi endilive kwilizwe lam ngale mibandela yakho nangobulumko bakho.+  Yaye andizange ndikholwe+ kumazwi abo de ndeza amehlo am abona;+ kwaye, khangela! Andixelelwanga nesiqingatha esi ngobulumko bakho obuninzi.+ Uyigqwesile ingxelo endiyivileyo.+  Banoyolo+ abantu bakho, banoyolo aba bakhonzi bakho abema phambi kwakho rhoqo baze baphulaphule ubulumko bakho.+  Wanga uYehova uThixo wakho angabongwa,+ oye wayoliswa+ nguwe ngokukubeka etroneni yakhe+ njengokumkani ngenxa kaYehova uThixo wakho;+ ngenxa yokuba uThixo wakho emthanda+ uSirayeli, ukuba ammise ukusa kwixesha elingenammiselo, ukuze akumisele njengokumkani+ wabo ukuba uphumeze izigwebo+ nobulungisa.”+  Wandula ke wanika ukumkani ikhulu elinamashumi amabini eetalente zegolide+ neoli yebhalsam+ eninzi kakhulu, namatye axabisekileyo;+ akuzange kuphinde kuziswe ioli yebhalsam enjengaleyo ukumkanikazi waseShebha awayika uKumkani uSolomon.+ 10  Ngapha koko, abakhonzi bakaHiram+ nabakhonzi bakaSolomon bezisa igolide+ eyayivela eOfire bezisa namaplanga omthi+ womalgumi namatye axabisekileyo.+ 11  Kwaye ukumkani wenzela indlu kaYehova nendlu kakumkani+ izinyuko+ ngamaplanga omthi womalgumi neehadi+ nemirhubhe+ yeemvumi,+ yaye anjengala awazange abonwe ngaphambili kwilizwe lakwaYuda. 12  UKumkani uSolomon wanika ukumkanikazi+ waseShebha konke okwamyolisayo awayekucelile, ngaphandle kwexabiso loko wayekuzisele ukumkani. Ngoko wajika waya elizweni lakhe, yena kunye nabakhonzi bakhe.+ 13  Ubunzima begolide eyeza kuSolomon ngonyaka omnye baba ngamakhulu amathandathu anamashumi mathandathu anesithandathu eetalente zegolide,+ 14  ngaphandle kweyamadoda akhenkethayo neyabarhwebi+ neyabo bonke ookumkani bama-Arabhu+ neyeerhuluneli zelizwe ezazisizisa igolide nesilivere kuSolomon. 15  UKumkani uSolomon wahlabela mgama wenza amakhaka amakhulu angamakhulu amabini egolide exutyiweyo+ (wabeka amakhulu amathandathu eeshekele zegolide exutyiweyo kwikhaka ngalinye elikhulu),+ 16  neengweletshetshe zegolide exutyiweyo ezingamakhulu amathathu (wabeka iimina ezintathu zegolide kwingweletshetshe nganye).+ Wandula ke ukumkani wazibeka kwiNdlu yeHlathi laseLebhanon.+ 17  Ngapha koko, ukumkani wenza itrone enkulu yophondo lwendlovu waza wayaleka ngegolide esulungekileyo.+ 18  Kwakukho izinyuko ezithandathu eziya etroneni, yaye kwakukho nesihlalo seenyawo segolide esisetroneni (ezazinamathelisiwe), kukho nendawo yokubeka iingalo kweli cala nakweliya cala lendawo yokuhlala, yaye kwakumi iingonyama ezimbini+ ecaleni kwendawo yokubeka iingalo.+ 19  Yaye kwakukho iingonyama ezilishumi elinesibini+ ezazimi apho kwizinyuko ezithandathu, kweli cala nakweliya cala. Akukho bukumkani bumbi benza enjengayo kanye.+ 20  Zonke izitya zokusela+ zikaKumkani uSolomon yayizezegolide,+ yaye zonke izitya zeNdlu yeHlathi laseLebhanon+ yayizezegolide esulungekileyo. Kwakungekho nto yesilivere; yayigqalwa njengengento konke konke+ ngemihla kaSolomon. 21  Kuba ukumkani wayeneenqanawa ezazisiya eTarshishe+ kunye nabakhonzi bakaHiram.+ Kanye kwiminyaka emithathu iinqanawa zaseTarshishe zazifika zithwele igolide nesilivere,+ uphondo lwendlovu,+ neenkawu neepikoko.+ 22  Ngoko uKumkani uSolomon wayemkhulu ngakumbi kunabo bonke abanye ookumkani bomhlaba ngobutyebi+ nangobulumko.+ 23  Bonke ookumkani bomhlaba babefuna+ ubuso bukaSolomon ukuze beve ubulumko bakhe,+ obabubekwe nguTHIXO oyinyaniso entliziyweni yakhe.+ 24  Yaye ngamnye wayezisa isipho sakhe,+ impahla yesilivere nempahla yegolide+ nezambatho,+ izikrweqe neoli yebhalsam, namahashe neemeyile minyaka le.+ 25  USolomon wayenamawaka amane ezitali zamahashe+ neenqwelo+ namahashe emfazwe alishumi elinesibini lamawaka, yaye wawabeka kwizixeko zeenqwelo+ nakufuphi nokumkani eYerusalem. 26  Kwaye waba ngumlawuli wabo bonke ookumkani ukususela eMlanjeni ukusa kwilizwe lamaFilisti kude kuse kumda waseYiputa.+ 27  Ngaphezu koko, ukumkani wenza isilivere eYerusalem njengamatye; wenza nomsedare omninzi+ njengemithi+ yesikamore eseShefela.+ 28  Yaye kwakukho abo babesizisa amahashe+ kuSolomon evela eYiputa+ nakuwo onke amanye amazwe. 29  Ke eminye imicimbi kaSolomon,+ eyokuqala neyokugqibela, ayibhalwanga na phakathi kwamazwi kaNatan+ umprofeti naseziprofetweni zika-Ahiya+ umShilo+ nakwingxelo yemibono kaIdo+ imboni ngokuphathelele uYerobhoham+ unyana kaNebhati?+ 30  USolomon waqhubeka elawula eYerusalem uSirayeli wonke iminyaka engamashumi amane. 31  Ekugqibeleni uSolomon walala kookhokho bakhe. Ngoko wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide uyise;+ waza uRehobhoham+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.+

Umbhalo osemazantsi