I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 8:1-18

8  Kwathi ekupheleni kweminyaka engamashumi amabini,+ uSolomon awayeyakhe ngayo indlu kaYehova+ nendlu yakhe,+  izixeko uHiram+ awayezinike uSolomon—uSolomon wabuya wazakhela oonyana bakaSirayeli ukuba bahlale khona.  Ngaphezu koko, uSolomon waya eHamati-tsobha wayoyisa.  Wandula wakha iTademore entlango nazo zonke izixeko ezingoovimba+ awayezakhe eHamati.+  Wahlabela mgama wakha iBhete-heron engaseNtla+ neBhete-heron eseZantsi,+ nezixeko ezinqatyiswe ngeendonga,+ iingcango nemivalo,+  neBhahalati+ nazo zonke izixeko ezingoovimba ezaba zezikaSolomon nazo zonke izixeko zeenqwelo+ nezixeko zabakhweli-mahashe+ nayo yonke into enqwenelekayo uSolomon+ awayenqwenela ukuyakha eYerusalem naseLebhanon+ nakulo lonke ilizwe awayelilawula.  Ke bonke abantu ababesele kumaHiti+ nama-Amori+ namaPerizi+ namaHivi+ namaYebhusi,+ ababengeyiyo inxalenye kaSirayeli,+  koonyana babo ababesele emva kwabo elizweni, abo bangazange bakwazi ukubatshabalalisa oonyana bakaSirayeli,+ uSolomon waqhubeka ewabiza+ amadoda ukuba asebenze ngokuqhutywa ngebhaxa de kube namhla.+  Kodwa akukho namnye koonyana bakaSirayeli uSolomon awamenza ikhoboka emsebenzini wakhe;+ kuba babengamadoda okulwa+ neentloko zabaphathi-mkhosi bakhe neentloko zabaqhubi beenqwelo zakhe+ nabakhweli-mahashe bakhe.+ 10  Aba babeziintloko zamasekela+ kaKumkani uSolomon, amakhulu amabini anamashumi amahlanu, abaphathi babasebenzi ababephethe abantu.+ 11  USolomon wayinyusa intombi kaFaro+ yaphuma kwisiXeko sikaDavide+ wayisa endlwini awayeyakhele yona,+ kuba wathi: “Nangona ingumfazi wam, ayifanele ihlale endlwini kaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba iindawo eyeza kuzo ityeya kaYehova ziyinto engcwele.”+ 12  Kungelo xesha uSolomon awanikela imibingelelo etshiswayo+ kuYehova phezu kwesibingelelo+ sikaYehova awayesakhe phambi kweveranda,+ 13  kwanjengokulindelekileyo mihla le+ ukuba kwenziwe iminikelo ngokomyalelo kaMoses weesabatha+ nowokuthwasa kweenyanga+ nangemithendeleko emisiweyo+ izihlandlo ezithathu ngonyaka,+ emthendelekweni wamaqebengwana angenagwele+ nasemthendelekweni weeveki+ nasemthendelekweni weminquba.+ 14  Ngaphezu koko, wamisa izahlulo+ zababingeleli kwiinkonzo zabo ngokommiselo kaDavide uyise,+ nabaLevi+ kwizigxina ababesebenza kuzo, ukudumisa+ nokulungiselela+ phambi kwababingeleli njengokulindelekileyo mihla le,+ nabagcini-masango kwizahlulo zabo kumasango awahlukeneyo,+ kuba lowo yayingumyalelo kaDavide umntu kaTHIXO oyinyaniso. 15  Abazange baphambuke kumyalelo kakumkani kubabingeleli nakubaLevi kuwo nawuphi na umbandela nangokuphathelele izixa.+ 16  Ngoko walungiswa+ wonke umsebenzi kaSolomon ukususela ngemini esabekwa ngayo isiseko sendlu kaYehova de yagqitywa.+ Ngoko indlu kaYehova yagqitywa.+ 17  Kungelo xesha uSolomon awaya e-Etsiyon-gebhere+ nase-Eloti+ kunxweme lolwandle kwilizwe lakwaEdom.+ 18  Kwaye uHiram+ wathumela rhoqo kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa nabakhonzi ababenolwazi ngolwandle,+ babesiza nabakhonzi bakaSolomon eOfire+ baze apho bathabathe iitalente+ ezingamakhulu amane namashumi amahlanu egolide+ bazizise kuKumkani uSolomon.+

Umbhalo osemazantsi