Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2Kr 7:1-22

7  Ngoko ngokukhawuleza nje akugqiba ukuthandaza uSolomon,+ kwehla umlilo uvela emazulwini+ waza wadla umnikelo otshiswayo+ nemibingelelo, baza ubuqaqawuli bukaYehova+ bayizalisa indlu.  Yaye ababingeleli abazange bakwazi ukungena endlwini kaYehova+ kuba ubuqaqawuli bukaYehova babuyizalisile indlu kaYehova.  Bonke oonyana bakaSirayeli babebukele xa umlilo wawusihla nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, ngokukhawuleza bathoba+ babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kwendlela egangathiweyo baza baqubuda+ babulela uYehova, “kuba elungile,+ kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+  Yaye ukumkani nabo bonke abantu babenikela umbingelelo phambi koYehova.+  UKumkani uSolomon wabingelela ngamashumi amabini anesibini amawaka eenkomo nekhulu elinamashumi amabini amawaka ezimvu.+ Ngaloo ndlela ukumkani nabo bonke abantu bayisungula+ indlu kaTHIXO oyinyaniso.  Ababingeleli+ babemi kwizigxina ababesebenza kuzo, nabaLevi+ bephethe izixhobo zengoma+ kaYehova awazenzayo uDavide+ ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, “kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo,” ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo; nababingeleli babekhalisa amaxilongo+ ngokuvakalayo phambi kwabo, ngoxa onke amaSirayeli ayemile.  Wandula uSolomon wangcwalisa+ umphakathi wentendelezo eyayiphambi kwendlu kaYehova, ngenxa yokuba wayenzela apho iminikelo etshiswayo+ namanqatha emibingelelo yobudlelane, kuba isibingelelo sobhedu+ awasenzayo uSolomon sasingenako ukuwuqulatha umnikelo otshiswayo nomnikelo wokudla okuziinkozo+ namanqatha.+  Yaye ngelo xesha uSolomon waqhuba umthendeleko+ iintsuku ezisixhenxe, yaye wonke uSirayeli ekunye naye,+ ibandla elikhulu kakhulu+ ukususela ekungeneni eHamati+  kuse kwintlambo yaseYiputa.+  Kodwa ngosuku lwesibhozo baba nendibano engcwele,+ ngenxa yokuba ukusungulwa kwesibingelelo babekwenze iintsuku ezisixhenxe nomthendeleko iintsuku ezisixhenxe. 10  Ngosuku lwamashumi amabini anesithathu ngenyanga yesixhenxe wabandulula abantu baya emakhayeni abo, bevuya+ yaye bechwayitile ezintliziyweni ngako konke ukulunga+ awayekwenzile uYehova kuDavide nakuSolomon nakumaSirayeli abantu bakhe.+ 11  Ngaloo ndlela uSolomon wayigqiba indlu kaYehova+ nendlu kakumkani;+ nayo yonk’ into eyafika entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze ngokuphathelele indlu kaYehova nendlu yakhe wayiphumeza. 12  UYehova wabonakala+ kuSolomon ngobo busuku waza wathi kuye: “Ndiwuvile umthandazo wakho,+ yaye ndizikhethele+ le ndawo njengendlu yam yokubingelela.+ 13  Xa ndivala amazulu ukuba imvula ingabikho+ naxa ndiyalela iintethe ukuba zidle ilizwe ziligqibe+ nokuba ndithumela indyikitya yokufa phakathi kwabantu bam,+ 14  baze abantu bam+ ababizwa ngegama lam+ bazithobe+ bathandaze+ bafune ubuso bam+ yaye babuye ezindleleni zabo ezimbi,+ ke mna ndiya kuva ndisemazulwini+ ndisixolele isono sabo,+ ndiliphilise ilizwe labo.+ 15  Ke kaloku aya kuvuleka amehlo am+ neendlebe zam+ ziwuphulaphule umthandazo kule ndawo. 16  Ke ndiyinyule+ ndayingcwalisa le ndlu ukuba libe kuyo igama lam+ ukusa kwixesha elingenammiselo,+ ngokuqinisekileyo amehlo am nentliziyo yam ziya kusoloko zilapho.+ 17  “Ukuba wena uya kuhamba phambi kwam, kanye njengoko uDavide+ uyihlo wahambayo, wenze ngokuvumelana nako konke endikuyalele kona,+ uyigcine imimiselo yam+ nezigwebo zam,+ 18  nam ndiza kuyimisela itrone yobukumkani bakho,+ kanye njengoko ndandenze umnqophiso noDavide uyihlo,+ ndisithi, ‘Akukho ndoda kumadoda akho eya kunqunyulwa ekulawuleni kwaSirayeli.’+ 19  Kodwa ukuba niya kujika+ nize niyishiye imimiselo yam+ nemiyalelo yam+ endiyibeke phambi kwenu, nize nikhonze abanye oothixo+ kwaye niqubude kubo,+ 20  nam ndiza kubancothula kumhlaba wam endabanika wona;+ nale ndlu endiyingcwalisele+ igama lam, ndiya kuyilahla phambi kwam,+ yaye ndiya kuyenza umzekelo+ nesingcikivo phakathi kwezizwana zonke.+ 21  Ke yona le ndlu eyimfumba yamanxuwa,+ wonk’ ubani odlula ngakuyo uya kuyijonga ethe manga+ aze ngokuqinisekileyo athi, ‘Kungenxa yasiphi isizathu ukuba uYehova enjenje kweli lizwe nakule ndlu?’+ 22  Kuya kufuneka bathi, ‘Kungenxa yokuba bamshiya uYehova+ uTHIXO wookhokho babo owabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ yaye babambelela kwabanye oothixo+ baza baqubuda kubo babakhonza.+ Kungenxa yoko le nto eye wabazisela yonke le ntlekele.’”+

Umbhalo osemazantsi