Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 5:1-14

5  Ekugqibeleni wonke umsebenzi uSolomon awayemele awenzele indlu kaYehova wagqityiwa,+ kwaye uSolomon waqalisa ukuzisa izinto ezingcwaliswe nguDavide uyise;+ isilivere negolide neempahla wazifaka kubuncwane bendlu kaTHIXO oyinyaniso.+  Wandula ke uSolomon wahlanganisela amadoda amakhulu akwaSirayeli,+ nazo zonke iintloko zezizwe,+ izikhulu zezindlu zooyise+ boonyana bakaSirayeli, eYerusalem, ukuze anyuse ityeya+ yomnqophiso kaYehova iphume+ kwisiXeko sikaDavide,+ oko kukuthi, eZiyon.+  Ngoko onke amadoda akwaSirayeli ahlanganisana kukumkani emthendelekweni, lowo wenyanga yesixhenxe.+  Ngoko onke amadoda amakhulu akwaSirayeli eza,+ nabaLevi baqalisa ukuthwala iTyeya.+  Yaye bayinyusa iTyeya+ nentente yokuhlangana+ nazo zonke iimpahla ezingcwele+ ezazisententeni. Ababingeleli abaLevi bazinyusa.+  Yaye uKumkani uSolomon nayo yonke indibano yamaSirayeli awayegcine idinga lawo lokuhlanganisana kunye naye phambi kweTyeya babebingelela+ ngezimvu neenkomo ezazingenakulinganiswa okanye zibalwe ngenxa yobuninzi.  Bandula ke ababingeleli bezisa ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, kwelona gumbi lingaphakathi+ endlwini, kweYona Ngcwele,+ phantsi kwamaphiko eekherubhi.+  Iikherubhi ngokuqhubekayo zazolule amaphiko azo phezu kwendawo yeTyeya, kangangokuba iikherubhi zagquma iTyeya nezibonda zayo+ ngaphezulu.+  Kodwa izibonda zazizide, kangangokuba iincam zezibonda zazibonakala kwiNgcwele ngaphambi kwelona gumbi lingaphakathi, kodwa zazingabonakali ngaphandle, yaye zisaqhubeka zilapho de kube namhla.+ 10  Kwakungekho nto kwiTyeya ngaphandle kwamacwecwe amabini+ awayebekwe nguMoses apho eHorebhe,+ xa uYehova wenza umnqophiso+ noonyana bakaSirayeli ngoxa babephuma eYiputa.+ 11  Yaye kwathi xa ababingeleli bephuma kwindawo engcwele (kuba bonke ababingeleli abafumanekayo, bona babezingcwalisile+—kwakungekho mfuneko yokugcina izahlulo);+ 12  abaLevi+ ababeziimvumi kubo bonke, abangaba, abakwa-Asafu,+ abakwaHeman+ abakwaYedutun+ naboonyana babo nababantakwabo ababembeswe ngelaphu elicikizekileyo bephethe amacangci+ nemirhubhe+ neehadi,+ bema ngasempuma esibingelelweni kunye nababingeleli belikhulu elinamashumi amabini bekhalisa amaxilongo;+ 13  yaye kwathi kamsinya nje bakuba abavutheli-maxilongo neemvumi bevakalise njengamntu mnye+ ngesandi esinye bedumisa bebulela uYehova, yaye bathi bakuphakamisa isandi ngamaxilongo nangamacangci nangezixhobo zengoma+ nangokudumisa+ uYehova, “kuba ulungile,+ kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo,”+ indlu yazaliswa lilifu,+ kanye indlu kaYehova,+ 14  kwaye ababingeleli abazange bakwazi ukuma belungiselela ngenxa yelifu;+ kuba ubuqaqawuli+ bukaYehova bazalisa indlu kaTHIXO oyinyaniso.

Umbhalo osemazantsi