Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2Kr 4:1-22

4  Wandula wenza isibingelelo sobhedu,+ saziikubhite ezingamashumi amabini ubude baso, saziikubhite ezingamashumi amabini ububanzi baso, saziikubhite ezilishumi ukuphakama kwaso.+  Yaye wenza ulwandle olutyhidiweyo+ oluziikubhite ezilishumi ukususela kolunye udini lwalo kuse kolunye udini, lusisazinge macala onke, nokuphakama kwalo kwakuziikubhite ezintlanu, yaye kwakuthabatha ulutya oluziikubhite ezingamashumi amathathu ukulujikeleza macala onke.+  Kwaye kwakukho izihombiso ezimilise okwethangazana+ ngaphantsi kodini lwalo macala onke, zilurhangqile, zilishumi kwikubhite, ziluvingcile ulwandle macala onke.+ Izihombiso ezimilise okwethangazana zazingezintlu ezimbini, ezityhidwe ngokutyhidwa kwalo.  Lwalumi phezu kweenkunzi zeenkomo ezilishumi elinesibini,+ ezintathu zijonge ngasentla, ezintathu zijonge ngasentshona, ezintathu zijonge ngasezantsi, ezintathu zijonge ngasempuma; kwaye ulwandle lwalungasentla phezu kwazo, yaye imiva yazo zonke yayijonge phakathi.+  Kwaye ubungqingqwa balo babungangobubanzi besandla; yaye udini lwalo lwalwenziwe lwanjengodini lwendebe, intyatyambo yenyibiba.+ Njengesikhongozelo, lwalunokuqulatha+ umlinganiselo weebhate ezingamawaka amathathu.+  Ngaphezu koko, wenza izitya ezilishumi, wazibeka zazihlanu ngasekunene zazihlanu nangasekhohlo,+ ukuze kuhlanjwe kuzo.+ Babeyalaza ngamanzi izinto ezazinento yokwenza nomnikelo otshiswayo.+ Kodwa ulwandle lwalulolwababingeleli ukuze bahlambe kulo.+  Wandula wenza iziphatho zezibane zegolide,+ ezilishumi zazo ngokuyilwa kwazo,+ waza wazibeka etempileni, ezihlanu ngasekunene ezihlanu ngasekhohlo.+  Ngaphezu koko, wenza iitafile ezilishumi, wazibeka etempileni, ezintlanu ngasekunene ezintlanu ngasekhohlo,+ wenza izitya ezilikhulu zegolide.  Wandula wenza intendelezo+ yababingeleli+ nentendelezo enkulu+ neminyango yentendelezo, neminyango yayo wayaleka ngobhedu. 10  Yaye ulwandle walubeka ngasekunene, ngasempuma, ukuya ngasezantsi.+ 11  Ekugqibeleni uHiram wenza iinkonkxa+ nemihlakulo+ nezitya zokufefa.+ Ngoko uHiram wagqiba ukuwenza umsebenzi awayewenzela uKumkani uSolomon kwindlu yoTHIXO oyinyaniso. 12  Iintsika ezimbini+ neengqukuva+ ezaziphezu kweentsika ezimbini neminatha emibini+ ephinyeneyo yokugubungela iingqukuva ezimbini ezaziphezu kweentsika 13  neerharnati zeminatha ephinyeneyo engamakhulu amane, nezintlu ezimbini zeerharnati+ zeminatha ephinyeneyo ngaminye, yokugubungela iingqukuva ezimbini ezaziphezu kweentsika,+ 14  neenqwelwana ezilishumi+ nezitya ezilishumi+ eziphezu kwezo nqwelwana; 15  ulwandle+ olunye neenkunzi zeenkomo ezilishumi elinesibini eziphantsi kwalo,+ 16  neenkonkxa nemihlakulo+ neefolokhwe+ nayo yonke impahla+ yabo yendlu kaYehova uHiram-abhivi+ awayenzela uKumkani uSolomon, ngobhedu olukhazimlisiweyo. 17  Ukumkani wazityhida emhlabeni wodongwe kwiSithili saseYordan, phakathi kweSukoti+ neTsereda.+ 18  USolomon wayenza yonke le mpahla yaninzi kakhulu, kangangokuba ubunzima bobhedu abuzange buqinisekiswe.+ 19  Kwaye uSolomon wenza zonke iimpahla+ zendlu kaTHIXO oyinyaniso nesibingelelo segolide+ neetafile+ ekwakukho izonka zokubonisa phezu kwazo, 20  neziphatho zezibane+ nezibane+ zazo zegolide esulungekileyo, ukukhanyisa phambi kwelona gumbi lingaphakathi+ ngokommiselo; 21  neentyatyambo nezibane nezifinyiso+ zegolide, (yayiyeyona golide isulungekileyo,) 22  nezicima-mlilo nezitya zokufefa neendebe neengcedevu, zegolide esulungekileyo,+ nezisekelo zeengcango zendlu+ ephakathi, oko kukuthi eYona Ngcwele, neengcango+ zendlu yetempile zegolide.

Umbhalo osemazantsi