I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 36:1-23

36  Bandula abantu belo lizwe bathabatha uYehowahazi+ unyana kaYosiya bamenza ukumkani esikhundleni sikayise eYerusalem.+  UYehowahazi wayeneminyaka engamashumi amabini anesithathu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iinyanga ezintathu.+  Noko ke, ukumkani waseYiputa wamshenxisa eYerusalem+ wahlawulisa ilizwe ikhulu leetalente zesillivere+ netalente yegolide.  Ngaphezu koko, ukumkani+ waseYiputa wenza uEliyakim+ umtakwabo ukumkani kwaYuda naseYerusalem walitshintsha igama lakhe languYehoyakim; kodwa umtakwabo uYehowahazi, uNeko+ wamthabatha waza wamsa eYiputa.+  UYehoyakim+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem+ iminyaka elishumi elinanye; waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.+  UNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni wenyuka+ ukuze ambophe ngamakhamandela amabini obhedu wamthabatha wamsa eBhabhiloni.+  Nezinye iimpahla zendlu+ kaYehova uNebhukadenetsare+ wazizisa eBhabhiloni waza wazibeka ebhotwe laseBhabhiloni.+  Ke eminye imicimbi+ kaYehoyakim nezinto ezicekisekayo+ awazenzayo nezo zafunyanwayo nxamnye naye, zibhaliwe eNcwadini+ yooKumkani bakwaSirayeli nakwaYuda; waza unyana wakhe uYehoyakin+ walawula esikhundleni sakhe.  UYehoyakin+ wayeneminyaka elishumi elinesibhozo ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula iinyanga ezintathu+ neentsuku ezilishumi eYerusalem; waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova.+ 10  Ekuthwaseni+ konyaka uKumkani uNebhukadenetsare wathumela+ ukuba kuziswe eBhabhiloni+ iimpahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova.+ Ngapha koko, wenza uZedekiya+ uyisekazi ukumkani wakwaYuda naseYerusalem.+ 11  UZedekiya+ wayeneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, walawula iminyaka elishumi elinanye eYerusalem.+ 12  Waqhubeka esenza okubi+ emehlweni kaYehova uThixo wakhe. Akazange azithobe+ ngenxa kaYeremiya+ umprofeti+ ngokomyalelo kaYehova. 13  Wavukela+ uKumkani uNebhukadenetsare, owayemfungise ngoThixo;+ waqhubeka eyenza lukhuni+ intamo yakhe wayenza lukhuni+ intliziyo yakhe kangangokuba akazange abuyele kuYehova uTHIXO kaSirayeli. 14  Kwanazo zonke iintloko zababingeleli+ nabantu benza ukungathembeki ngomlinganiselo omkhulu, ngokwazo zonke izinto ezicekisekayo+ zeentlanga, kangangokuba bayenza inqambi indlu kaYehova awayingcwalisa eYerusalem.+ 15  UYehova uTHIXO wookhokho babo waqhubeka ethumela nxamnye nabo abathunywa bakhe,+ ebathumela kaninzi-ninzi, ngenxa yokuba waba nemfesane ngabantu bakhe+ nangendawo yakhe yokuhlala.+ 16  Kodwa baqhubeka bebagculela+ abathunywa bakaTHIXO oyinyaniso bewadelela amazwi akhe+ bebenza intlekisa+ abaprofeti bakhe, de wafika umsindo+ kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.+ 17  Ngoko wanyusa nxamnye nabo ukumkani wamaKhaledi,+ owabulala abafana babo ngekrele+ endlwini yabo engcwele,+ akabanga namfesane ngamfana nangantombi inyulu, omdala okanye owalupheleyo.+ Yonk’ into wayinikela esandleni sakhe. 18  Zonke iimpahla,+ ezinkulu+ nezincinane, zendlu kaTHIXO oyinyaniso nobuncwane+ bendlu kaYehova nobuncwane bukakumkani+ nobeenkosana zakhe, yonk’ into wayizisa eBhabhiloni. 19  Wayitshisa indlu kaTHIXO oyinyaniso+ wadiliza iindonga+ zeYerusalem; nazo zonke iinqaba zayo zokuhlala bazitshisa ngomlilo kwaneempahla zayo ezinqwenelekayo,+ ukuze bayonakalise.+ 20  Ngaphezu koko, wathabatha abaseleyo ekreleni wabathimbela eBhabhiloni,+ yaye baba ngabakhonzi bakhe+ naboonyana bakhe de ubukhosi bamaPersi+ baqalisa ukulawula; 21  ukuzalisekisa ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya,+ de ilizwe lahlawula iisabatha zalo.+ Yonke imihla yokuphanza kwalo lagcina isabatha, ukuzalisekisa iminyaka engamashumi asixhenxe.+ 22  Ngonyaka wokuqala kaKoreshi+ ukumkani wasePersi,+ ukuze ilizwi likaYehova+ ngomlomo kaYeremiya+ liphunyezwe, uYehova wavusa umoya+ kaKoreshi ukumkani wasePersi, kangangokuba wabangela ukuba kudluliswe isimemezo kubo bonke ubukumkani bakhe, wasibhala,+ esithi: 23  “Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi,+ ‘Zonke izikumkani zomhlaba uYehova uTHIXO wamazulu uzinike mna,+ yaye undimisele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.+ Nabani na ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke,+ uYehova uThixo wakhe makabe naye.+ Ngoko makanyuke.’”+

Umbhalo osemazantsi