2 Kronike 34:1-33
34 UYosiya+ wayeneminyaka esibhozo+ ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka engamashumi amathathu ananye eYerusalem.+
2 Waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova+ waza wahamba ezindleleni zikaDavide ukhokho wakhe;+ yaye akazange aphambukele ngasekunene okanye ngasekhohlo.+
3 Ngonyaka wesibhozo wokulawula kwakhe, ngoxa wayeseyinkwenkwe,+ waqalisa ukufuna+ uTHIXO kaDavide ukhokho wakhe; waza kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuhlambulula+ uYuda neYerusalem ukususela kwiindawo eziphakamileyo+ nezibonda ezingcwele+ nemifanekiso eqingqiweyo+ nemifanekiso etyhidiweyo.
4 Ngokubhekele phaya, badiliza phambi kwakhe izibingelelo+ zikaBhahali;+ neziganga+ zeziqhumiso ezibe ziphezu kwazo wazigawula kuzo; nezibonda ezingcwele+ nemifanekiso eqingqiweyo+ nemifanekiso etyhidiweyo wayiqhekeza yaziingceba waza wayicola yangumgubo,+ wafefa ngayo phezu kwendawo yokungcwabela abo babebingelela kuzo.+
5 Yaye wawatshisela phezu kwezibingelelo+ zabo amathambo+ ababingeleli. Ngaloo ndlela wamhlambulula uYuda neYerusalem.
6 Kwakhona, kwizixeko zakwaManase+ nezakwaEfrayim+ nezakwaSimeyon ukuya kufikelela kwaNafetali, neendawo zazo eziphanzileyo macala onke,
7 wadiliza kwanezibingelelo+ nezibonda ezingcwele,+ nemifanekiso eqingqiweyo+ wayityumza wayicola yaba ngumgubo;+ nazo zonke iziganga zeziqhumiso+ wazigawula kulo lonke ilizwe lakwaSirayeli, emva koko wabuyela eYerusalem.
8 Ngonyaka weshumi elinesibhozo+ wokulawula kwakhe, esakube elihlambulule ilizwe nendlu, wathumela uShafan+ unyana ka-Atsaliya noMahaseya intloko yesixeko noYowa unyana kaYowahazi owayegcina ingxelo ukuya kulungisa+ indlu kaYehova uThixo wakhe.
9 Baya kuHilekiya+ umbingeleli omkhulu baza bamnika imali eyayisiziswa kwindlu kaThixo, abayihlanganisayo abaLevi abagcini-masango+ esandleni sikaManase+ noEfrayim+ nakuSirayeli+ wonke nakuYuda wonke nakuBhenjamin nakubemi baseYerusalem.
10 Baza bayinikela esandleni sabasebenzi ababemiselwe ukongamela indlu kaYehova.+ Bona abesebenzi ababesebenza endlwini kaYehova bayisebenzisela ukulungisa nokuhlaziya indlu.
11 Ngoko bayinika iingcibi nabakhi+ ukuthenga amatye aqingqiweyo+ namaplanga okubamba nokwakha ngemiqadi yezindlu abazonakalisayo ookumkani+ bakwaYuda.
12 Amadoda awenza ngokuthembeka+ umsebenzi lowo; yaye ababewaphethe yayinguYahati no-Obhadiya abaLevi, koonyana bakaMerari,+ noZekariya noMeshulam, koonyana bamaKohati,+ ukuba babe ngabaveleli. Yaye abaLevi, ngamnye kubo wayeyingcali ngezixhobo zengoma,+
13 babephethe abathwali bemithwalo,+ nabaveleli+ babo bonke abasebenzi kwiinkonzo ezahlukeneyo; yaye kubaLevi+ kwakukho oonobhala+ namagosa nabagcini-masango.+
14 Ke kaloku ngoxa kwakukhutshwa imali+ eyayisiziswa endlwini kaYehova, uHilekiya+ umbingeleli wafumana incwadi+ yomthetho kaYehova+ ngesandla sikaMoses.+
15 Ngoko uHilekiya waphendula wathi kuShafan+ unobhala: “Ndifumene kanye incwadi yomthetho endlwini kaYehova.” UHilekiya wayinika uShafan incwadi leyo.
16 Wandula uShafan wayisa incwadi leyo kukumkani waza waphendula ngokubhekele phaya, esithi: “Konke oko kubekwe esandleni sabakhonzi bakho bayakwenza.
17 Bayithulula imali efumaneke endlwini kaYehova baza bayinikela esandleni samadoda amiselweyo nasesandleni sabo benza umsebenzi.”+
18 Yaye uShafan unobhala wahlabela mgama enikela ingxelo kukumkani, esithi: “Kukho incwadi+ uHilekiya umbingeleli andinike yona.”+ UShafan wayifunda phambi kukakumkani.+
19 Kwathi kamsinya nje akuweva ukumkani amazwi omthetho, ngoko nangoko wazikrazula izambatho zakhe.+
20 Wandula ke ukumkani wayalela uHilekiya+ noAhikam+ unyana kaShafan noAbhedon unyana kaMika noShafan+ unobhala+ noAsaya+ umkhonzi kakumkani, esithi:
21 “Hambani, niye kubuza+ kuYehova ngenxa yam+ nangenxa yabaseleyo kwaSirayeli nakwaYuda ngokuphathelele amazwi ale ncwadi+ efunyenweyo, kuba kukhulu ukuvutha komsindo kaYehova+ nxamnye nathi ngenxa yokuba ookhokho bethu bengazange baligcine ilizwi likaYehova ngokuvisisana nako konke okubhalwe kule ncwadi.”+
22 Ngako oko uHilekiya kunye nabo ukumkani wayethe mabahambe kunye naye baya kuHulida+ umprofetikazi,+ umfazi kaShalum unyana kaTikiva unyana kaHarehasi umgcini wezambatho,+ njengoko wayehlala eYerusalem kwisahlulo sesibini; bathetha kuye ngolo hlobo.
23 Yena wathi kubo:
“Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi, ‘Yithini kwindoda enithume kum:
24 “Utsho uYehova ukuthi, ‘Yabona ndiyizisela intlekele+ le ndawo nabemi bayo,+ zonke iziqalekiso+ ezibhaliweyo encwadini efundwe phambi kokumkani wakwaYuda,+
25 ngenxa yokuba beye bandishiya+ baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo,+ ukuze bandicaphukise+ ngawo wonke umsebenzi wezandla zabo+ yaye umsindo wam+ uyavutha nxamnye nale ndawo kwaye uwuyi kucinywa.’”+
26 Yaye kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuze kuYehova, naku enifanele nikuthethe kuye: “Utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli ukuthi,+ ‘Ngokubhekisele kumazwi+ owavileyo,
27 ngenxa yokuba intliziyo yakho+ ibithambile kangangokuba uye wazithoba+ ngenxa kaThixo ekuveni kwakho amazwi akhe ngokuphathelele le ndawo nabemi bayo, waza wazithoba phambi kwam+ wazikrazula+ izambatho zakho walila phambi kwam, mna, ndikuvile,+ utsho uYehova.
28 Yabona ndikuhlanganisela kookhokho bakho, yaye uya kuhlanganiselwa engcwabeni lakho unoxolo,+ yaye amehlo akho akayi kuyibona yonke le ntlekele+ ndiyizisela le ndawo nabemi bayo.’”’”+
Bandula bayizisa impendulo kukumkani.
29 Yaye ukumkani wathumela waza wahlanganisa onke amadoda amakhulu akwaYuda naseYerusalem.+
30 Ke ukumkani wenyuka waya endlwini kaYehova+ nawo onke amadoda akwaYuda nabemi baseYerusalem nababingeleli+ nabaLevi nabantu bonke, ukuthabathela komkhulu ukusa komncinane; waza wafunda+ ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyayifunyenwe endlwini kaYehova.+
31 Ukumkani waqhubeka emi endaweni yakhe+ waza wenza umnqophiso+ phambi kukaYehova wokulandela uYehova nokugcina imiyalelo yakhe+ nezingqino zakhe+ nemimiselo yakhe+ ngentliziyo yakhe yonke+ nangomphefumlo wakhe+ wonke, ukuba enze+ amazwi omnqophiso awayebhalwe kule ncwadi.+
32 Ngaphezu koko, wenza bonke abo bafunyanwa eYerusalem nakwaBhenjamin ukuba beme kuwo. Nabemi baseYerusalem benza ngokomnqophiso kaThixo, uTHIXO wookhokho babo.+
33 Emva koko uYosiya washenxisa zonke izinto ezicekisekayo+ kuwo onke amazwe oonyana bakaSirayeli,+ yaye wenza ukuba bonke ababefunyanwa kwaSirayeli bakhonze, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Yonke imihla yakhe abaphambukanga ekulandeleni uYehova uTHIXO wookhokho babo.+