I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 33:1-25

33  UManase+ wayeneminyaka elishumi elinesibini ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu.+  Wenza okubi emehlweni kaYehova,+ ngokwezinto ezicekisekayo+ zeentlanga ezo uYehova wazigxothayo phambi koonyana bakaSirayeli.+  Ngoko waphinda wazakha iindawo eziphakamileyo+ ezo uHezekiya uyise wayezidilizile,+ wamisa nezibingelelo+ zooBhahali+ wenza nezibonda ezingcwele,+ waqubuda+ kuwo wonke umkhosi wamazulu+ waza wawukhonza.+  Wakha izibingelelo+ endlwini kaYehova, leyo uYehova wayethe ngayo: “Ndiya kulibeka eYerusalem igama lam ukusa kwixesha elingenammiselo.”+  Waqhubeka esakhela wonke umkhosi wamazulu+ izibingelelo kwiintendelezo ezimbini+ zendlu kaYehova.+  Yaye wadlulisa oonyana bakhe emlilweni+ entlanjeni yonyana kaHinom,+ waza waqhelisela umlingo+ wasebenzisa ukuvumisa+ waqhelisela nokukhafula+ wenza abaneshologu+ nabaxeli-ziganeko kwangaphambili+ abaziinkunkqele. Wenza okubi emehlweni kaYehova ngokomlinganiselo omkhulu, ukuze amcaphukise.+  Ngaphezu koko, wabeka umfanekiso oqingqiweyo+ awayewenzile endlwini kaTHIXO oyinyaniso,+ leyo uThixo wayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Kule ndlu naseYerusalem, leyo ndiyinyuleyo+ kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, ndiya kubeka igama lam+ kuse kwixesha elingenammiselo.+  Andiyi kulushenxisa kwakhona unyawo lukaSirayeli emhlabeni endawunika+ ookhokho bakhe,+ ukuba nje kuphela anganyamekela ukukwenza konke endimyalele+ kona ngawo wonke umthetho+ nemimiselo+ nezigwebo+ ngesandla sikaMoses.”+  Yaye uManase+ waqhubeka emlukuhla uYuda+ nabemi baseYerusalem ukuba benze okubi ngakumbi+ kuneentlanga ezo uYehova wayezibhubhisile phambi koonyana bakaSirayeli.+ 10  UYehova waqhubeka ethetha kuManase nakubantu bakhe, kodwa abazange baphulaphule.+ 11  Ekugqibeleni uYehova wabazisela+ iintloko zomkhosi zikakumkani waseAsiriya,+ zamthimba uManase emigongxweni+ zambopha+ ngamakhamandela amabini obhedu zamsa eBhabhiloni. 12  Kwathi ekubandezelekeni kwakhe,+ wambongoza uYehova uThixo+ wakhe waqhubeka ezithoba+ kakhulu ngenxa kaTHIXO wookhokho bakhe. 13  Yaye waqhubeka ethandaza Kuye, kangangokuba Yena wasabela kwisibongozo+ sakhe ibe Yena wakuva ukucela kwakhe ubabalo wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe;+ wamazi ke uManase uYehova ukuba unguTHIXO oyinyaniso.+ 14  Emva koko wakha udonga lwangaphandle+ lwesiXeko sikaDavide+ ukusa entshona yeGihon+ kwintlambo efikelela kwiSango Leentlanzi,+ yaye wazunguleza iOfeli+ waza wayenza yaphakama kakhulu. Ngapha koko, wabeka iintloko zomkhosi wamajoni kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda.+ 15  Wabashenxisa oothixo basemzini+ nomfanekiso wesithixo+ endlwini kaYehova nazo zonke izibingelelo+ awazakhayo entabeni yendlu kaYehova naseYerusalem waziphosa ngaphandle kwesixeko. 16  Ngaphezu koko, walungisa isibingelelo sikaYehova+ waza wabingelela phezu kwaso imibingelelo yobudlelane+ nemibingelelo yokubulela+ waza wahlabela mgama wathi kuYuda makakhonze uYehova uTHIXO kaSirayeli.+ 17  Noko ke, abantu babesabingelela kwiindawo eziphakamileyo;+ kuphela nje babebingelela kuYehova uThixo wabo. 18  Ke yona eminye imicimbi kaManase nomthandazo+ wakhe kuThixo wakhe namazwi eemboni+ ezaziqhubeka zithetha kuye egameni likaYehova uTHIXO kaSirayeli, yiyo leyo phakathi kwemicimbi yookumkani bakwaSirayeli.+ 19  Ke wona umthandazo wakhe+ nendlela esamkelwa ngayo isibongozo+ sakhe naso sonke isono sakhe+ nokungathembeki kwakhe+ neendawo awakha kuzo iindawo eziphakamileyo+ wabeka izibonda ezingcwele+ nemifanekiso eqingqiweyo+ phambi kokuba azithobe,+ nazo zibhaliwe phakathi kwamazwi eemboni zakhe. 20  Ekugqibeleni uManase walala kookhokho bakhe,+ wangcwatyelwa+ endlwini yakhe; yaye uAmon+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. 21  UAmon+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka emibini eYerusalem.+ 22  Yaye waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova+ kanye njengoko wenzayo+ uManase; uAmon wabingelela+ kuyo yonke imifanekiso eqingqiweyo+ eyayenziwe nguyise uManase,+ waza waqhubeka eyikhonza.+ 23  Akazithobanga+ ngenxa kaYehova njengoko uManase uyise wazithobayo,+ kunoko uAmon walandisa ityala.+ 24  Ekugqibeleni abakhonzi bakhe bamenzela iyelenqe+  baza bambulalela endlwini yakhe.+ 25  Kodwa abantu belo lizwe babaxabela+ bonke abo babemenzele iyelenqe+ uKumkani uAmon,+ bandula abantu+ belo lizwe benza uYosiya+ unyana wakhe ukumkani esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi