I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 3:1-17

3  Ekugqibeleni uSolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova+ eYerusalem kwiNtaba yaseMoriya,+ apho [uYehova] wabonakala khona kuDavide uyise,+ kwindawo awayilungisayo uDavide esandeni sikaOrnan+ umYebhusi.  Waqalisa ukwakha ngenyanga yesibini ngomhla wesibini, ngonyaka wesine wolawulo lwakhe.+  Oku uSolomon wakubeka njengesiseko sokwakha indlu kaTHIXO oyinyaniso, ubude ngokomlinganiselo weekubhite  wangaphambili babuziikubhite ezingamashumi amathandathu, ububanzi buziikubhite ezingamashumi amabini.+  Iveranda+ eyayingaphambi kwecala elide yayiziikubhite ezingamashumi amabini ngaphambi kwecala elibanzi lendlu, ukuphakama kwayo kwakulikhulu elinamashumi amabini; wayaleka ngaphakathi ngegolide esulungekileyo.  Yaye indlu enkulu+ wayigubungela ngomthi wejunipha, waza wawugubungela ngegolide,+ wandula waleka phezu kwayo umthi wamasundu+ nemixokelelwane.+  Ngaphezu koko, waleka indlu ngamatye axabisekileyo ukuze ibe ntle;+ igolide+ yayiyigolide evela kwilizwe legolide.  Wahlabela mgama wagubungela indlu, imiqadi, imibundu neendonga zayo neengcango zayo ngegolide;+ waza wakrola iikherubhi ezindongeni.+  Wenza indlu yeYona Ngcwele,+ ubude bayo ngangobubanzi bendlu babuziikubhite ezingamashumi amabini, ububanzi bayo babuziikubhite ezingamashumi amabini;+ waza wayigubungela ngegolide entle engamakhulu amathandathu eetalente.  Ubunzima bezikhonkwane+ babuziishekele ezingamashumi amahlanu zegolide; yaye igumbi eliseluphahleni waligubungela ngegolide. 10  Waza endlwini yeYona Ngcwele wenza imifanekiso yeekherubhi ezimbini,+ wayaleka ngegolide.+ 11  Amaphiko eekherubhi,+ ubude bawo babuziikubhite ezingamashumi amabini, elinye iphiko liziikubhite ezintlanu lifikelela eludongeni lwendlu, nelinye iphiko liziikubhite ezintlanu lifikelela kwiphiko lenye ikherubhi.+ 12  Ke iphiko lekherubhi elizikubhite ezintlanu lalifikelela kudonga lwendlu, yaye elinye iphiko eliziikubhite ezintlanu lalihlangana nephiko lenye ikherubhi.+ 13  Amaphiko ezo kherubhi oluleka iikubhite ezingamashumi amabini; zema ngeenyawo zikhangele ngaphakathi. 14  Ngaphezu koko, wenza ikhuselo+ ngomsonto oluhlaza+ nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nobomvu bungqombela nelaphu elicikizekileyo, wenza iikherubhi kuwo.+ 15  Wandula wenza phambi kwendlu iintsika ezimbini,+ eziziikubhite ezingamashumi amathathu anesihlanu ubude, neengqukuva+ ezaziphezu kwayo nganye yazo zaziziikubhite ezintlanu. 16  Ngaphezu koko, wenza imixokelelwane+ yentsimbi yomqala waza wayibeka phezu kweentsika, wenza iirharnati ezilikhulu+ wazibeka kwimixokelelwane leyo. 17  Wazimisa iintsika ngaphambi kwetempile, enye yangasekunene enye yangasekhohlo, emva koko wathi igama leyasekunene nguYakin negama leyasekhohlo nguBhohazi.+

Umbhalo osemazantsi