Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2Kr 27:1-9

27  UYotham+ wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eYerusalem. Igama likanina lalinguYerusha+ intombi kaTsadoki.  Waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova,+ ngokuvisisana nako konke okwenziwa ngu-Uziya uyise.+ Kuphela akangenanga etempileni kaYehova.+ Noko ke, abantu babesenza ngokonakala.+  Nguye owakha isango eliphezulu+ lendlu kaYehova, naseludongeni lwaseOfeli+ wenza umsebenzi omkhulu wokwakha.  Wakha izixeko+ kummandla weentaba wakwaYuda,+ nakumahlathi+ wakha iindawo ezinqatyisiweyo+ neenqaba.+  Yena walwa nxamnye nokumkani woonyana baka-Amoni+ waza ekugqibeleni wangqineka omelele kunabo, kangangokuba oonyana baka-Amoni bamnika ngaloo nyaka ikhulu leetalente zesilivere neshumi lamawaka omlinganiselo wekore+ yengqolowa+ neshumi lamawaka erhasi.+ Oku koko oonyana baka-Amoni bamhlawula kona, kwanakunyaka wesibini nakowesithathu.+  Ngoko uYotham waqhubeka ezomeleza, kuba walungisa iindlela zakhe phambi kukaYehova uThixo wakhe.+  Ke eminye imicimbi kaYotham+ nazo zonke iimfazwe neendlela zakhe, zibhalwe eNcwadini+ yooKumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.  Wayeneminyaka engamashumi amabini anesihlanu ubudala ekuqaliseni kwakhe ukulawula, yaye walawula eYerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu.+  Ekugqibeleni uYotham walala kookhokho bakhe,+ baza bamngcwabela kwisiXeko sikaDavide.+ UAhazi+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi