I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 26:1-23

26  Bandula bonke abantu+ bakwaYuda bamthabatha u-Uziya,+ yena eneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala, baza bamenza+ ukumkani esikhundleni sikayise uAmatsiya.+  Nguye owabuya wayakha iEloti+ wayibuyisela kwaYuda emva kokuba ukumkani elele kookhokho bakhe.+  Wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala u-Uziya+ ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka engamashumi amahlanu anesibini eYerusalem. Igama likanina lalinguYekoliya+ waseYerusalem.  Waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova,+ ngokuvisisana nako konke okwenziwa nguAmatsiya uyise.+  Waqhubeka ethambekele ekufuneni+ uThixo ngemihla kaZekariya, umyaleli wokoyika uTHIXO oyinyaniso;+ yaye, ngemihla yokufuna kwakhe uYehova, uTHIXO oyinyaniso wamenza waphumelela.+  Waphuma walwa namaFilisti+ watyhoboza udonga lwaseGati+ nodonga lwaseYabhine+ nodonga lwaseAshdode,+ emva koko wakha izixeko kummandla waseAshdode+ naphakathi kwamaFilisti.  Yaye uTHIXO oyinyaniso waqhubeka emnceda+ nxamnye namaFilisti nanxamnye nama-Arabhiya+ awayehlala eGurbhahali naseMehun.+  Nama-Amoni+ aqalisa ukunikela+ ku-Uziya. Ekugqibeleni udumo lwakhe+ lwaya kufikelela naseYiputa, kuba wabonakalisa amandla ngokomlinganiselo ongaqhelekanga.  Ngaphezu koko, u-Uziya wakha iinqaba+ eYerusalem ngakwiSango leMbombo+ nangakwiSango Lentlambo+ nangakuDonga Olungaphandle, wazenza zomelela. 10  Ngapha koko, wakha iinqaba+ entlango, waza wemba amaqula amaninzi (kuba wayenemfuyo eninzi), kwanaseShefela+ kumhlaba othe thabalala. Kwakukho abalimi nabasebenzi-zidiliya ezintabeni naseKarmele, kuba wayengumthandi wezolimo. 11  Ngaphezu koko, u-Uziya waba nomkhosi obandakanyeka emfazweni, lowo wawusiya kwinkonzo yasemkhosini nabaphumi-mkhosi,+ ngenani lobhaliso+ ngesandla sikaYeyeli unobhala+ noMahaseya igosa phantsi kolawulo+ lukaHananiya weenkosana zikakumkani.+ 12  Inani liphela leentloko zezindlu zooyise,+ amakroti,+ amadoda anamandla,+ yayingamawaka amabini anamakhulu amathandathu. 13  Phantsi kolawulo lwabo imikhosi yolawulo yayingamakhulu amathathu anesixhenxe amawaka anamakhulu amahlanu amadoda abandakanyeka emfazweni ngamandla omkhosi wamajoni ukunceda ukumkani nxamnye notshaba.+ 14  Yaye u-Uziya waqhubeka ewalungiselela, umkhosi uphela, amakhaka+ neencula+ nezigcina-ntloko+ nezambatho zentsimbi+ nezaphetha+ namatye okusawula.+ 15  Ngapha koko, wenza oomatshini bemfazwe eYerusalem, wayila iinjineli, ukuba zibe phezu kweenqaba+ naphezu kweembombo, ukutola ngamatolo namatye amakhulu. Ngenxa yoko udumo lwakhe+ lwaya kufikelela kude, kuba wancedwa ngokumangalisayo de womelela. 16  Noko ke, wathi kamsinya nje akomelela, intliziyo yakhe yaba nekratshi+ ukusa kwinqanaba lokonakala,+ kangangokuba wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.+ 17  Ngoko nangoko uAzariya umbingeleli kunye nababingeleli bakaYehova, amadoda angamakroti angamashumi asibhozo, eza emva kwakhe. 18  Bandula bema nxamnye noUziya ukumkani+ baza bathi kuye: “Asingomsebenzi wakho,+ Uziya, ukutshisa isiqhumiso kuYehova, ngumsebenzi wababingeleli oonyana baka-Aron,+ abo bangcwaliselwe ukutshisa isiqhumiso. Phuma engcweleni; kuba wenze ngokungathembeki, yaye akukwenzeli nolunjani na uzuko+ oluvela kuYehova uThixo.” 19  Kodwa u-Uziya waba nomsindo+ ngoxa ephethe ngesandla sakhe isiqhumiselo+ ukutshisa isiqhumiso, yaye, ebudeni bokuba nomsindo kwakhe nxamnye nababingeleli, kwaphuma+ iqhenqa+ ebunzini lakhe phambi kwababingeleli endlwini kaYehova ecaleni kwesibingelelo sokuqhumisa. 20  Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko nabo bonke ababingeleli bakumkhangela, tyhini, wayebethwe ngeqhenqa ebunzi!+ Ngoko baqala ukumshenxisa ngokungxama apho, naye wangxama ukuphumela ngaphandle, ngenxa yokuba wayebethwe nguYehova.+ 21  U-Uziya+ ukumkani waqhubeka eneqhenqa de kwayimini yokufa kwakhe, yaye wahlala endlwini ekhululekile kwizabelo zakhe, njengoneqhenqa;+ kuba wayahlukanisiwe nendlu kaYehova, ngoxa uYotham unyana wakhe wayongamele indlu kakumkani, egweba abantu belo lizwe. 22  Eminye imicimbi kaUziya,+ eyokuqala neyokugqibela, wayibhala uIsaya+ unyana ka-Amotsi+ umprofeti. 23  Ekugqibeleni u-Uziya walala kookhokho bakhe; ngoko bamngcwaba nookhokho bakhe, kodwa emhlabeni wokungcwaba ookumkani,+ kuba bathi: “Uneqhenqa.” Waza uYotham+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi