Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2Kr 24:1-27

24  UYehowashe wayeneminyaka esixhenxe ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula,+ yaye walawula eYerusalem+ iminyaka engamashumi amane. Igama likanina lalinguTsibhiya waseBher-shebha.+  UYehowashe+ waqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova+ yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.+  UYehoyada wamthabathela abafazi ababini, waza wazala oonyana neentombi.+  Ke kaloku kwakusentliziyweni kaYehowashe ukuhlaziya indlu kaYehova.+  Ngako oko waqokelela ndawonye ababingeleli+ nabaLevi waza wathi kubo: “Phumani niye kwizixeko zakwaYuda niqokelele imali kuye wonke uSirayeli ukulungisa+ indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka;+ nina nimele niwuthabathele inyathelo ngokukhawuleza lo mbandela.” AbaLevi abazange bathabathe inyathelo ngokukhawuleza.+  Ngoko ukumkani wabiza uYehoyada intloko waza wathi kuye:+ “Kutheni na ungayifunanga ingxelo kubaLevi ukuba bazise irhafu engcwele evela kwaYuda naseYerusalem ngokomyalelo kaMoses+ umkhonzi kaYehova, kwaneyebandla likaSirayeli, yentente yeSingqino?+  Kuba ngokubhekisele kuAtaliya umfazi ongendawo, oonyana bakhe+ baqhekeza endlwini kaTHIXO oyinyaniso,+ kwanazo zonke izinto ezingcwele+ zendlu kaYehova baye bazinikela kooBhahali.”+  Waza ukumkani wathetha la mazwi, ngoko benza inkongozelo+ bayibeka ngaphandle kwesango lendlu kaYehova.  Emva koko bathumela ubizo kulo lonke elakwaYuda naseYerusalem ukuba kuziswe kuYehova irhafu engcwele+ ngokomyalelo kaMoses+ umkhonzi kaTHIXO oyinyaniso phezu koSirayeli entlango. 10  Yaye zonke iinkosana+ nabo bonke abantu baba nemihlali,+ baqhubeka besizisa yaye beyiphosa esikhongozelweni+ bada babe banikele bonke. 11  Kwathi ngexesha elifanelekileyo wazisa isikhongozelo ukuba sinyanyekelwe ngukumkani ngesandla sabaLevi,+ yaye, ngokukhawuleza bakubona ukuba kwakukho imali eninzi+ unobhala+ kakumkani nomveleli wombingeleli oyintloko beza bayikhupha kwisikhongozelo basiphakamisa baza basibuyisela endaweni yaso. Leyo yindlela ababesenza ngayo imihla ngemihla, kangangokuba bahlanganisa imali eninzi. 12  Wandula ukumkani noYehoyada bayinikela kubenzi+ bomsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova,+ bona baqesha abaxholi bamatye+ neengcibi+ zokuhlaziya indlu kaYehova,+ kwanabasebenzi ngentsimbi nobhedu ukulungisa indlu kaYehova.+ 13  Abenzi bomsebenzi baqalisa ukusebenza,+ umsebenzi wokulungisa wahambela phambili ngesandla sabo, yaye ekugqibeleni benza indlu kaTHIXO oyinyaniso yema ngendlela efanele yakhiwe ngayo bayenza yomelela. 14  Kwangoko bakugqiba ukuyakha bazisa phambi kukakumkani noYehoyada yonke enye imali eyasalayo, baza benza impahla yendlu kaYehova, impahla yokulungiselela+ neyokwenza iminikelo neendebe+ nempahla yegolide+ neyesilivere; yaye kwabakho abanikela imibingelelo etshiswayo+ endlwini kaYehova rhoqo ngayo yonke imihla kaYehoyada. 15  UYehoyada wayekhulile anelisekile eminyakeni+ yaye wafa, eneminyaka elikhulu elinamashumi amathathu ubudala ukufa kwakhe. 16  Ngoko wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide kunye nookumkani,+ ngenxa yokuba wenza okulungileyo kwaSirayeli+ nakuTHIXO oyinyaniso nendlu Yakhe. 17  Emva kokufa kukaYehoyada iinkosana+ zakwaYuda zeza zaqubuda kukumkani. Ngelo xesha ukumkani waziphulaphula.+ 18  Zayishiya indlu kaYehova uTHIXO wookhokho bazo zaza zakhonza izibonda ezingcwele+ nezithixo,+ kangangokuba kwabakho ukucaphuka nxamnye noYuda neYerusalem ngenxa yetyala lazo.+ 19  Waqhubeka ethumela abaprofeti+ kuzo ukuba bazibuyisele kuYehova; baqhubeka benikela ubungqina nxamnye nazo, kodwa azizange zibabekele ndlebe.+ 20  Umoya+ kaThixo wagubungela+ uZekariya+ unyana kaYehoyada+ umbingeleli, kangangokuba wema phambi kwabantu wathi kubo: “Utsho uTHIXO oyinyaniso ukuthi, ‘Kutheni nigqitha umyalelo kaYehova, nize ningabi nampumelelo?+ Ngenxa yokuba nimshiyile uYehova, naye, uya kunishiya.’”+ 21  Ekugqibeleni bamenzela iyelenqe+ bamgibisela ngamatye+ ngokomyalelo kakumkani entendelezweni yendlu kaYehova. 22  UYehowashe ukumkani akazange abukhumbule ububele bothando uYehoyada uyise awamenzela bona,+ kangangokuba wambulala unyana wakhe, owathi xa wayekwinqanaba lokufa, wathi: “UYehova makakubone aze acele ukuba ubuyiswe.”+ 23  Kwathi ekuqaleni+ konyaka umkhosi wamajoni waseSiriya+ wenyuka nxamnye naye,+ wangenela uYuda neYerusalem. Waza wonakalisa zonke iinkosana+ zabantu phakathi kwabantu, namaxhoba azo wazithumela kukumkani waseDamasko.+ 24  Kuba unenani elincinane lamadoda umkhosi wamaSiriya wangenela,+ yaye uYehova ngokwakhe wanikela esandleni sawo umkhosi wamajoni omninzi kakhulu,+ ngenxa yokuba babemshiyile uYehova uTHIXO wookhokho babo; waphumeza izenzo zomgwebo kuYehowashe.+ 25  Ekumkeni kwawo kuye (kuba amshiya enezifo ezininzi),+ abakhonzi bakhe benza iyelenqe+ nxamnye naye ngenxa yegazi+ loonyana bakaYehoyada+ umbingeleli; yaye bambulalela kwisingqengqelo sakhe, wafa.+ Bamngcwabela kwisiXeko sikaDavide,+ kodwa abazange bamngcwabele kwindawo yokungcwaba ookumkani.+ 26  Ngabo aba abenzi beyelenqe nxamnye naye: UZabhadi+ unyana kaShimeyati umAmonikazi noYehozabhadi unyana kaShimriti umMowabhikazi. 27  Ke bona oonyana bakhe nezibhengezo ezininzi nxamnye naye+ nokusekwa+ kwendlu kaTHIXO oyinyaniso, nako kubhaliwe kwinkcazelo yeNcwadi+ yooKumkani. Waza uAmatsiya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi