I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 23:1-21

23  Ngonyaka wesixhenxe uYehoyada+ wazibonakalisa enesibindi waza wathabatha iintloko zamakhulu,+ ezizezi, uAzariya unyana kaYeroham, noIshmayeli unyana kaYehohanan noAzariya unyana kaObhedi noMahaseya unyana ka-Adaya noElishafati unyana kaZikri, wenza nabo umnqophiso.  Emva koko bajikeleza lonke elakwaYuda baza babaqokelela ndawonye abaLevi+ kuzo zonke izixeko zakwaYuda neentloko+ zezindlu+ zakwaSirayeli. Ngoko beza eYerusalem.  Yaye lonke ibandla lenza umnqophiso+ nokumkani endlwini+ kaTHIXO oyinyaniso, waza emva koko wathi: “Khangela! Unyana+ kakumkani ngokwakhe uza kulawula,+ kanye njengoko wathembisayo uYehova ngokuphathelele oonyana bakaDavide.+  Yiyo le into eniya kuyenza: isahlulo sesithathu senu nina bangenayo ngesabatha,+ nesababingeleli,+ nesabaLevi+ siya kuba sesabagcini-mnyango;+  yaye esinye isahlulo sesithathu siya kuba kwindlu kakumkani;+ esinye isahlulo sesithathu siya kuba kwiSango lesiSeko;+ yaye bonke abantu baya kuba sezintendelezweni+ zendlu kaYehova.  Yaye ungavumeli nabani na ukuba angene endlwini kaYehova+ ngaphandle kwababingeleli nabo balungiselelayo kubaLevi.+ Aba ngabo baya kungena, ngenxa yokuba baliqela elingcwele,+ bonke abantu baya kugcina imbopheleleko kuYehova.  Yaye abaLevi bamele bamrhawule ukumkani macala onke,+ ngamnye enezixhobo ezandleni zakhe; ke lowo uzayo endlwini, ufanele abulawe. Nize niqhubeke nikunye nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.”  AbaLevi nawo onke amaYuda benza ngokuvumelana nako konke oko uYehoyada+ umbingeleli wayekuyalele.+ Ngoko bathabatha ngamnye amadoda akhe awayengena ngesabatha kunye nalawo ayephuma ngesabatha,+ kuba uYehoyada umbingeleli akazange azikhulule+ kwizabelo ezi zahlulo.  Ngaphezu koko, uYehoyada umbingeleli wanika iintloko zamakhulu+ imikhonto namakhakha abusazinge+ awayengakaKumkani uDavide,+ awayesendlwini kaTHIXO oyinyaniso.+ 10  Wahlabela mgama wabamisa bonke abantu,+ ngamnye enomjukujelwa esandleni sakhe, ukususela kwicala lasekunene lendlu ukuya kufikelela kwicala lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, macala onke kufuphi nokumkani. 11  Bandula ke bamkhupha unyana kakumkani+ baza bambeka isithsaba+ neSingqino+ bamenza ukumkani, yaye uYehoyada noonyana bakhe bamthambisa+ bathi: “Makaphile ukumkani!”+ 12  Wathi akusiva uAtaliya isandi sokubaleka kwabantu yaye bedumisa ukumkani,+ kwaoko weza ebantwini endlwini kaYehova. 13  Wandula wabona, nanko ukumkani emi ecaleni kwentsika yakhe+ ekungeneni, iinkosana+ namaxilongo+ engakukumkani, yaye bonke abantu belizwe baba nemihlali+ bakhalisa amaxilongo,+ neemvumi+ nezixhobo zengoma nabo banikela umqondiso ukunikela indumiso. Ngoko nangoko uAtaliya wazikrazula izambatho zakhe waza wathi: “Liyelenqe! Liyelenqe!”+ 14  Kodwa uYehoyada umbingeleli wazikhupha iintloko zamakhulu, abo bamiselweyo bomkhosi wamajoni, waza wathi kubo: “Mkhupheni eluhlwini;+ nabani na omlandelayo, ufanele abulawe ngekrele!” Kuba umbingeleli wathi: “Ningambulaleli endlwini kaYehova.” 15  Ngoko babeka izandla zabo kuye. Uthe akufika ekungeneni kwesango lendlu kakumkani, wabulawelwa kanye apho.+ 16  Wandula uYehoyada wenza umnqophiso phakathi kwakhe nabo bonke abantu nokumkani wokuba baya kuqhubeka njengabantu+ bakaYehova. 17  Emva koko bonke abantu beza endlwini kaBhahali baza bayidiliza;+ nezibingelelo zakhe+ nemifanekiso yakhe bayiqhekeza,+ yaye uMatan+ umbingeleli kaBhahali bambulalela+ phambi kwezibingelelo. 18  Ngapha koko, uYehoyada wabeka izigxina zendlu kaYehova esandleni sababingeleli nesabaLevi, abo uDavide+ wababeka baba zizahlulo kwindlu kaYehova ukunikela imibingelelo etshiswayo kaYehova ngoko kwakubhaliwe emthethweni kaMoses,+ ngemihlali nangengoma ngezandla zikaDavide. 19  Ngoko wamisa abagcini-masango+ bendlu kaYehova ukuze kungangeni nabani na ongacocekanga. 20  Waza wathabatha iintloko zamakhulu+ nabo baziinkosi nabalawuli babantu nabo bonke abantu belizwe, ukuze behlise ukumkani endlwini kaYehova.+ Bandula bangena ngesango eliphezulu ukuya endlwini kakumkani baza bamhlalisa ukumkani etroneni+ yobukumkani. 21  Bonke abantu belo lizwe baqhubeka benemihlali;+ yaye isixeko sasingenasiphazamiso, uAtaliya babembulele ngekrele.+

Umbhalo osemazantsi