I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 22:1-12

22  Bandula abemi baseYerusalem bamenza ukumkani uAhaziya+ unyana omncinane kakumkani esikhundleni sakhe, (kuba amatutu eza nama-Arabhu+ ababulala bonke abakhulu,)+ waza uAhaziya unyana kaYehoram walawula njengokumkani wakwaYuda.  UAhaziya wayeneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula,+ yaye walawula eYerusalem unyaka omnye. Yaye igama likanina lalinguAtaliya+ umzukulwana kaOmri.+  Naye wahamba ngendlela yendlu ka-Ahabhi,+ kuba unina+ wayengumcebisi wakhe ekwenzeni okungendawo.  Waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova, ngendlela efanayo nendlu ka-Ahabhi, kuba baba ngabacebisi+ bakhe emva kokufa kukayise, bemonakalisa.  Wahamba ngecebo labo,+ wahamba noYehoram+ unyana ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli ukuya emfazweni nxamnye noHazayeli+ ukumkani waseSiriya eRamoti-giliyadi,+ abatoli bamxabela uYehoram.+  Ngenxa yoko wabuyela eYizereli+ ukuze aphiliswe amanxeba awaba nawo ekubethweni kwakhe eRama+ ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani waseSiriya. Ke yena uAzariya+ unyana kaYehoram+ ukumkani wakwaYuda, wehla waya kubona uYehoram+ unyana ka-Ahabhi eYizereli, kuba wayegula.+  Kodwa kwakuvela kuThixo+ ukuba ukuwa+ kuka-Ahaziya kwenzeke ngexesha lokuza kwakhe kuYehoram; yaye ekuzeni kwakhe, waphuma+ noYehoram baya kuYehu+ umzukulwana kaNimshi,+ awathi uYehova wamthambisa+ ukuba anqumle indlu ka-Ahabhi.+  Kwathi kwamsinya nje uYehu akungena kwimbambano nendlu ka-Ahabhi,+ wafumana iinkosana zakwaYuda noonyana babantakwabo Ahaziya,+ abalungiseleli baka-Ahaziya, waza wababulala.+  Bandula bahamba befuna uAhaziya, baza ekugqibeleni bamthimba,+ njengoko wayezifihle eSamariya,+ bamzisa kuYehu. Baza bambulala bamngcwaba,+ kuba bathi: “Wayengumzukulwana kaYehoshafati,+ owayemfuna uYehova ngentliziyo yakhe yonke.”+ Yaye kwakungekho bani wendlu ka-Ahaziya owaba namandla obukumkani. 10  UAtaliya+ unina ka-Ahaziya, wabona ukuba unyana wakhe ufile. Ngoko wasuka watshabalalisa yonke inzala yobukhosi bendlu kaYuda.+ 11  Noko ke, uYehoshabhati+ intombi kakumkani yathabatha uYehowashe+ unyana ka-Ahaziya yamba phakathi koonyana bakakumkani ababeza kubulawa, yaza yambeka yena nempelesi yakhe kwigumbi elingaphakathi lezingqengqelo. Yaye uYehoshabhati intombi kaKumkani uYehoram,+ umfazi kaYehoyada+ umbingeleli, (kuba wayengudade boAhaziya,) wamfihla ngenxa ka-Ataliya, akazange ambulale.+ 12  Yaye waqhubeka nabo endlwini kaTHIXO oyinyaniso efihliwe iminyaka emithandathu,+ ngoxa uAtaliya wayelawula njengokumkanikazi+ kwelo lizwe.+

Umbhalo osemazantsi