I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 21:1-20

21  Ekugqibeleni uYehoshafati walala kookhokho bakhe+ waza wangcwatywa nookhokho bakhe+ kwisiXeko sikaDavide; yaye uYehoram+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.  Wayenabantakwabo, oonyana bakaYehoshafati, uAzariya, noYehiyeli noZekariya noAzariya noMikayeli noShefatiya, bonke aba yayingoonyana bakaYehoshafati ukumkani wakwaSirayeli.  Ngenxa yoko uyise wabanika izipho+ ezininzi zesilivere nezegolide nezinto ezintle kunye nezixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda;+ kodwa ubukumkani wabunika uYehoram,+ kuba wayelizibulo.+  Wathi uYehoram akuphakama ebukumkanini bukayise wasiqinisa isikhundla sakhe, ngoko wababulala abantakwabo+ ngekrele kwanezinye iinkosana zakwaSirayeli.  Wayeneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala uYehoram ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula+ iminyaka esibhozo eYerusalem.  Yaye wahamba endleleni yookumkani bakwaSirayeli,+ kanye njengoko benzayo abendlu ka-Ahabhi; kuba yintombi ka-Ahabhi eyaba ngumfazi wakhe,+ yaye waqhubeka esenza okubi emehlweni kaYehova.+  Yaye uYehova akazange afune ukuyonakalisa indlu kaDavide,+ ngenxa yomnqophiso+ awawenza noDavide, kanye njengoko wayeya kumnika+ isibane ngalo lonke ixesha yena noonyana bakhe.+  Ngemihla yakhe uEdom+ wamvukela uYuda+ wandula ke wazimisela ukumkani ukuba abalawule.+  Ngoko uYehoram kunye neentloko zakhe badlula nazo zonke iinqwelo. Yaye wavuka ngobusuku waza wawaxabela amaEdom awayemngqongile neentloko zeenqwelo. 10  Kodwa uEdom waqhubeka nokuvukela kwakhe uYuda de kube namhla. Kungelo xesha awathi uLibhena+ waqalisa ukuvukela, ngenxa yokuba wamshiya uYehova uTHIXO wookhokho bakhe.+ 11  Wenza iindawo eziphakamileyo+ phezu kweentaba zakwaYuda, ukuba abangele abemi baseYerusalem babe neentlobano zokuziphatha okubi,+ nokuba bawexule uYuda.+ 12  Ekugqibeleni kwafika umbhalo+ kuye uvela kuEliya+ umprofeti, usithi: “Utsho uYehova uTHIXO kaDavide ukhokho wakho ukuthi, ‘Ngenxa yokuba ungahambanga ezindleleni zikaYehoshafati+ uyihlo okanye ezindleleni zika-Asa+ ukumkani wakwaYuda, 13  kodwa nahamba endleleni yookumkani bakwaSirayeli+ nabangela uYuda nabemi baseYerusalem babe neentlobano zokuziphatha okubi+ ngendlela efana neka-Ahabhi eyabangela babe neentlobano zokuziphatha okubi,+ kwanabantakwenu abangabendlu kayihlo, ababelunge ngakumbi kunawe, ubabulele;+ 14  khangela! uYehova ubabetha ngesibetho esikhulu+ abantu bakho+ noonyana bakho+ nabafazi bakho nazo zonke iimpahla zakho. 15  Uya kuba nezifo ezininzi,+ nesifo samathumbu akho, de amathumbu akho aphume ngenxa yokugula kwakho imihla ngemihla.’”+ 16  Ngako oko uYehova wavuselela nxamnye noYehoram umoya+ wamaFilisti+ nowama-Arabhu+  awayengakwicala lamaTiyopiya.+ 17  Ngoko benyukela kwaYuda baza bavula ngesinyanzelo bathimba zonke iimpahla ezafumaneka endlwini kakumkani+ kwanakoonyana bakhe nabafazi bakhe,+ yaye akazange asalelwe nyana ngaphandle kukaYehowazi,+ unyana wakhe omncinane. 18  Emva kwako konke oku uYehova wambetha emathunjini akhe ngesifo esinganyangekiyo.+ 19  Kwathi ekuhambeni kwemihla, ekupheleni kwethuba leminyaka emibini, amathumbu akhe+ aphuma ngoxa wayegula, wafa ngenxa yezifo zakhe ezibi; abantu bakhe abamenzelanga lutshiso+ olufana nolookhokho bakhe. 20  Wayeneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye walawula iminyaka esibhozo eYerusalem. Ekugqibeleni wemka kungekho bani umnqwenelayo.+ Ngoko bamngcwaba kwisiXeko sikaDavide,+ kodwa kungekhona kwindawo ekwakungcwatywa kuyo ookumkani.+

Umbhalo osemazantsi