I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 2:1-18

2  USolomon wakhupha ilizwi lokuba lakhelwe indlu+ igama likaYehova+ nendlu yobukumkani bakhe.+  Waza ke uSolomon wabala amadoda angamashumi asixhenxe amawaka njengabathwali bemithwalo namadoda angamashumi asibhozo amawaka njengabaqingqi entabeni,+ nabaveleli babo abangamawaka amathathu anamakhulu amathandathu.+  Ngaphezu koko, uSolomon wathumela kuHiram+ ukumkani waseTire, esithi: “Kanye njengoko wawuqhubana noDavide+ ubawo waza waqhubeka umthumelela imithi yomsedare ukuba azakhele indlu yokuhlala,—  yabona ndilakhela+ indlu igama+ likaYehova uThixo wam ukuba ndiyingcwalisele+ yena, ukuze kutshiswe isiqhumiso sobulawu+ phambi kwakhe, nesonka esikrozisiweyo+ esibekwa rhoqo neminikelo etshiswayo kusasa nangokuhlwa,+ ngeesabatha+ nangokuthwasa kweenyanga+ nangamaxesha emithendeleko+ kaYehova uThixo wethu. Oku kuya kubakho ukusa kwixesha elingenammiselo+ kwaSirayeli.  Yaye le ndlu ndiyakhayo iya kuba nkulu,+ kuba uThixo wethu mkhulu kunabo bonke abanye oothixo.+  Ngubani na onamandla okumakhela indlu?+ Kuba amazulu nezulu lamazulu akamlingene,+ yaye bendingubani na mna+ ukuba ndimakhele indlu ngaphandle kokuqhumisa umbingelelo phambi kwakhe?+  Ke kaloku ndithumelele umntu onobuchule bokusebenza ngegolide nangesilivere nangobhedu+ nangentsimbi nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nobubomvu ngokungqombela nomsonto oluhlaza, nokwaziyo ukukrola, kunye nabo banobuchule abakunye nam kwaYuda naseYerusalem, abo wabalungiselelayo uDavide ubawo.+  Ndithumelele amaplanga omsedare,+ ijunipha+ nomalgumi+ waseLebhanon,+ kuba ndazi kakuhle ukuba abakhonzi bakho banamava okugawula imithi yaseLebhanon,+ (yabona abakhonzi bam bakunye nabakhonzi bakho,)  kwanasekundilungiseleleni amaplanga amaninzi, kuba indlu endiyakhayo iya kuba nkulu, ewe ngendlela emangalisayo. 10  Yaye, khangela! kubathezi beenkuni, nabagawuli bemithi, ndinikela ngengqolowa njengokutya kwabakhonzi bakho, iikore ezingamashumi amabini amawaka,+ nerhasi eziikore ezingamashumi amabini amawaka, neebhate zewayini ezingamashumi amabini amawaka,+ neebhate zeoli ezingamashumi amabini amawaka.” 11  UHiram ukumkani waseTire+ wathumela ilizwi kuSolomon ngokubhala athi: “Ngenxa yokuba uYehova ebathanda+ abantu bakhe uye wakwenza waba ngukumkani kubo.”+ 12  Wahlabela mgama uHiram wathi: “Makabongwe uYehova uTHIXO kaSirayeli,+ owenza amazulu nehlabathi,+ ngenxa yokuba unike uDavide ukumkani unyana osisilumko, onamava engqiqo nokuqonda,+ oya kumakhela indlu uYehova nendlu yobukumkani bakhe.+ 13  Ke ndithumela indoda enobuchule, enamava okuqonda, kaHiram-abhi,+ 14  unyana womfazi woonyana bakaDan kodwa uyise wayengumntu waseTire, owayenamava, ngokusebenza ngegolide nangesilivere, ngobhedu,+ ngentsimbi, ngamatye+ nangamaplanga, nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu,+ ngomsonto oluhlaza+ nangelaphu elicikizekileyo+ nangelibomvu bungqombela+ nangalo lonke uhlobo lokukrola+ nokuyila lonke uhlobo lwento ecetyiweyo+ ayinikwayo ndawonye namadoda akho anobuchule namadoda anobuchule enkosi yam uDavide uyihlo. 15  Ke yona ingqolowa nerhasi, ioli newayini inkosi yam ezithembisileyo, mayizithumelele kubakhonzi bayo.+ 16  Ke thina, siya kugawula imithi+ yaseLebhanon kangangoko ufuna,+ siya kuyizisa kuwe njengezihlenga ngolwandle+ eYopa,+ ke wena, uya kuyithabatha uyinyuse uyise eYerusalem.” 17  Wandula uSolomon wababala bonke abantu ababengabaphambukeli, ababekwilizwe lakwaSirayeli,+ emva kokubalwa kwabo nguDavide uyise;+ kwafunyanwa ikhulu elinamashumi amahlanu anesithathu amawaka namakhulu amathandathu. 18  Ngoko wenza abangamashumi asixhenxe amawaka kubo baba ngabathwali bemithwalo+ nabangamashumi asibhozo amawaka baba ngabaqingqi+ entabeni yaye abangamawaka amathathu anamakhulu amathandathu baba ngabaveleli ukuze kugcinwe abantu besebenza.+

Umbhalo osemazantsi