I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 19:1-11

19  Wandula uYehoshafati ukumkani wakwaYuda wabuyela ngoxolo+ endlwini yakhe eYerusalem.  UYehu+ unyana kaHanani+ imboni+ waphuma phambi kwakhe waza wathi kuKumkani uYehoshafati: “Ngaba uncedo lumele lunikwe+ abantu abangendawo, ngaba ufanele ubathande+ abo bamthiyayo+ uYehova? Yaye ngenxa yesi senzo umcaphukisile+ uYehova.  Noko ke, kukho izinto ezilungileyo+ ezifunyenweyo kuwe, ngenxa yokuba uye wazitshayela izibonda ezingcwele elizweni+ yaye wayilungisa intliziyo yakho ukuba ufune uTHIXO oyinyaniso.”+  UYehoshafati waqhubeka ehlala eYerusalem; waza waqalisa ukuphuma kwakhona phakathi kwabantu baseBher-shebha+ ukuya kummandla weentaba wakwaEfrayim,+ ukubabuyisela kuYehova uTHIXO wookhokho babo.+  Yaye wamisa abagwebi kulo lonke ilizwe kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda, kwisixeko ngesixeko.+  Wahlabela mgama wathi kubagwebi: “Kulumkeleni oko nikwenzayo,+ ngenxa yokuba anigwebi ngenxa yomntu kodwa kungenxa kaYehova;+ yaye unani ke kumbandela wokugweba.+  Ke kaloku vumelani ukunkwantya+ kuYehova kube kuni.+ Lumkani nize nithabathe inyathelo,+ kuba uYehova uThixo wethu akanantswela-bulungisa+ nakukhetha buso+ okanye kuthabatha sinyobo.”+  Yaye eYerusalem uYehoshafati wamisa abathile kubaLevi+ nakubabingeleli+ nezinye iintloko zezindlu zooyise+ zakwaSirayeli ukuba bagwebele+ uYehova bachophele namatyala+ abemi baseYerusalem.  Ngaphezu koko, wabeka umyalelo kubo, esithi: “Niya kwenjenjalo ukumoyika+ uYehova ngokuthembeka nangentliziyo epheleleyo. 10  Ke wona onke amatyala aza kuza kuni awabazalwana benu abahlala ezixekweni zabo, abandakanya ukuphalazwa kwegazi,+ abandakanya umthetho+ nomyalelo+ nemimiselo+ nezigwebo,+ nimele nibalumkise ukuba bangenzi okubi nxamnye noYehova nokucaphuka+ kungabikho nxamnye nani nabazalwana benu. Leyo yindlela enifanele nenze ngayo ukuze ningabangeli tyala. 11  Yabona nanku uAmariya umbingeleli oyintloko phezu kwenu kwimibandela yonke kaYehova;+ noZebhadiya unyana kaIshmayeli inkokeli yendlu kaYuda kwimibandela yonke kakumkani; yaye njengamagosa abaLevi bakho phambi kwenu. Yomelelani+ nize nenze, yaye uYehova+ makangqineke enokulungileyo enikwenzayo.”+

Umbhalo osemazantsi