I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 17:1-19

17  UYehoshafati+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe waza wasiqinisa isikhundla sakhe kwaSirayeli.  Wabeka imikhosi yamajoni kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda waza wabeka iinkampu zomkhosi kwilizwe lakwaYuda nakwizixeko zakwaEfrayim ezo uAsa uyise awazithimbayo.+  Waza uYehova waqhubeka enoYehoshafati,+ ngenxa yokuba wayehamba ezindleleni zangaphambili zikaDavide ukhokho wakhe+ yaye akazange afune ooBhahali.+  Kuba wafuna+ uTHIXO kayise waza wahamba ngomyalelo wakhe,+ akenza ngokwesenzo sikaSirayeli.+  UYehova waqhubeka ebumisela ngokuqinileyo ubukumkani esandleni sakhe;+ yaye wonke uYuda waqhubeka ezisa izipho+ kuYehoshafati, waba nobutyebi nozuko olukhulu.+  Intliziyo yakhe yaba nenkalipho ezindleleni+ zikaYehova, wasusa kwaneendawo eziphakamileyo+ kwanezibonda ezingcwele+ kwaYuda.  Ngonyaka wesithathu wokulawula kwakhe wathumela kwiinkosana zakhe, oko kukuthi, uBhen-hayili no-Obhadiya noZekariya noNetaneli noMikaya, ukufundisa kwizixeko zakwaYuda,  benabaLevi, uShemaya noNetaniya noZebhadiya noAsaheli noShemiramoti noYehonatan noAdoniya noTobhiya noTobhi-adoniya abaLevi, ababekunye nabo yayinguElishama noYehoram ababingeleli.+  Yaye bafundisa+ kwaYuda, benencwadi yomthetho kaYehova;+ bazijikeleza zonke izixeko zakwaYuda befundisa phakathi kwabantu. 10  Yaye ukunkwantya+ kuYehova kwabakho kubo bonke ubukumkani bamazwe awayemacala onke akwaYuda, abazange balwe nxamnye noYehoshafati.+ 11  NakumaFilisti babekho abazisa kuYehoshafati izipho+ nemali njengonikelo.+ Ama-Arabhu+ amzisela imihlambi, amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeebhokhwe.+ 12  UYehoshafati waqhubeka ehambela phambili ekhula+ ngokomlinganiselo owongamileyo; waqhubeka esakha iindawo ezinqatyisiweyo+ nezixeko ezingoovimba+ kwaYuda. 13  Waba nengeniso eninzi eyaba yeyakhe kwizixeko zakwaYuda; namadoda okulwa+ namakroti, namadoda anamandla,+ awayeseYerusalem. 14  Ezi yayizizigxina zabo ngokwezindlu zookhokho babo: KwaYuda iintloko zamawaka, uAdenahi intloko, yaye ababenaye yayingamakhulu amathathu amawaka amakroti, amadoda anamandla.+ 15  Yaye phantsi kolawulo lwakhe kwakukho uYehohanan intloko, ababenaye yayingamakhulu amabini namawaka asibhozo. 16  Phantsi kolawulo lwakhe kwakukho uAmasiya unyana kaZikri owazinikela ngokuzithandela+ kuYehova, ababenaye apho yayingamakhulu amabini amawaka amakroti, amadoda anamandla. 17  KwaBhenjamin+ kwakukho uEliyada, ikroti, indoda enamandla, yaye ababenaye yayingamadoda angamakhulu amabini amawaka axhobe ngesaphetha nekhaka.+ 18  Yaye phantsi kolawulo lwakhe yayinguYehozabhadi, amadoda awayenaye ayelikhulu elinamashumi asibhozo amawaka axhotyiselwe umkhosi. 19  Ngabo abo ababelungiselela ukumkani ngaphandle kwabo ukumkani wababeka kwizixeko ezinqatyisiweyo+ kulo lonke elakwaYuda.

Umbhalo osemazantsi