I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 16:1-14

16  Ngonyaka wamashumi amathathu anesithandathu wolawulo luka-Asa, uBhahasha+ ukumkani wakwaSirayeli wenyuka nxamnye noYuda waza waqalisa ukwakha iRama,+ ukuze kungavunyelwa namnye ukuba aphume okanye angene kuAsa ukumkani wakwaYuda.+  Wayikhupha uAsa isilivere negolide ebuncwaneni bendlu kaYehova nasendlwini+ kakumkani+ waza wazithumelela uBhen-hadadi+ ukumkani waseSiriya,+ owayehlala eDamasko,+ esithi:  “Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe naphakathi kukabawo noyihlo. Yabona ndikuthumelela isilivere negolide. Hamba, uze waphule umnqophiso wakho noBhahasha+ ukumkani wakwaSirayeli, ukuze emke kum.”+  Ngoko uBhen-hadadi wamphulaphula uKumkani uAsa waza wathumela iintloko zomkhosi wakhe wamajoni nxamnye nezixeko zakwaSirayeli, ngoko ayixabela I-Iyon+ neDan+ neAbheli-mayim+ nazo zonke iindawo+ ezingoovimba bezixeko zakwaNafetali.+  Yaye kwathi kamsinya nje akukuva oko uBhahasha, wayeka ngoko nangoko ukwakha iRama waza wawuyeka umsebenzi wakhe.+  Ke yena ukumkani uAsa, wathabatha wonke uYuda,+ waza wathwala amatye namaplanga aseRama+ awayesakha ngawo uBhahasha,+ yaye wakha ngawo iGebha+ neMizpa.+  Ngelo xesha uHanani+ imboni weza kuAsa ukumkani wakwaYuda waza wathi kuye: “Ngenxa yokuba wayame kukumkani waseSiriya+ ungayamanga kuYehova uThixo wakho,+ ngenxa yeso sizathu umkhosi wamajoni kakumkani waseSiriya ubalekile esandleni sakho.  AmaTiyopiya+ namaLibhiya+ ebengengomkhosi omkhulu wamajoni amaninzi kakhulu, eneenqwelo nabakhweli-mahashe;+ yaye ngenxa yokwayama kwakho kuYehova akazange awanikele esandleni sakho?+  Kuba, ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe+ asingasinga emhlabeni wonke+ ukuba ababonise amandla abo bantliziyo+ ziphelele kuye. Wenze ngobudenge+ ngenxa yoku, ngoko ukususela ngoku kuse phambili kuya kubakho iimfazwe nxamnye nawe.”+ 10  Noko ke, uAsa wayicaphukela imboni leyo waza wayifaka kwindlu yesitokisi,+ waba nomsindo kuyo ngenxa yoku.+ UAsa waqalisa ukutyumza+ abanye abantu ngelo xesha. 11  Yaye, khangela! Imicimbi ka-Asa, eyokuqala neyokugqibela, ibhaliwe kwiNcwadi+ yooKumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli. 12  Yaye uAsa ngonyaka wamashumi amathathu anethoba wokulawula kwakhe waba nesifo ezinyaweni zakhe waza wagula kakhulu;+ kwanasekuguleni kwakhe akamfunanga uYehova+ wafuna abaphilisi.+ 13  Ekugqibeleni uAsa walala kookhokho bakhe+ waza wafa kunyaka wamashumi amane ananye wokulawula kwakhe. 14  Ngoko bamngcwabela kwindawo ezukileyo yokungcwaba+ awazimbela yona kwisiXeko sikaDavide;+ yaye bambeka emandlalweni owawuzaliswe yioli yebhalsam+ neentlobo ezahlukeneyo zezithambiso+ ezixutywe ngezithambiso zohlobo olukhethekileyo.+ Ngapha koko, babasa umlilo omkhulu ngokungaqhelekanga womngcwabo+ ngenxa yakhe.

Umbhalo osemazantsi