I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 15:1-19

15  Ke kaloku, uAzariya unyana kaOdedi,+ wafikelwa ngumoya+ kaThixo.  Ngako oko waphuma waya phambi kuka-Asa waza wathi kuye: “Ndiphulaphule, Asa nawe wonke Yuda noBhenjamin! UYehova unani logama nje nani ninaye;+ nokuba nithe namfuna,+ uya kufumaneka kuni, kodwa ukuba nithe namshiya uya kunishiya.+  USirayeli+ wayenemihla emininzi engenaye uTHIXO oyinyaniso engenambingeleli ofundisayo+ yaye engenaMthetho.  Kodwa wathi ekubandezelekeni kwakhe+ wabuyela kuYehova uTHIXO kaSirayeli+ wamfuna, wazenza wafumaneka kuye.+  Yaye ngaloo maxesha kwakungekho luxolo kophumayo nakongenayo,+ ngenxa yokuba kwakukho izidubedube ezininzi phakathi kwabo bonke abemi bamazwe.+  Yaye batyunyuzwa ngokupheleleyo, uhlanga nxamnye nohlanga+ nesixeko nxamnye nesixeko, ngenxa yokuba uThixo wabayekela kwisidubedube salo lonke uhlobo lokubandezeleka.+  Ke nina, yibani nesibindi+ mazingawi izandla zenu,+ ngenxa yokuba kukho umvuzo emsebenzini wenu.”+  Ngokukhawuleza nje akuweva uAsa loo mazwi nesiprofeto sikaOdedi+ umprofeti, waba nesibindi waza wazitshitshisa izinto ezilizothe+ kulo lonke ilizwe lakwaYuda nelakwaBhenjamin nakwizixeko awayezithimbile kummandla weentaba wakwaEfrayim,+ waza wasihlaziya isibingelelo sikaYehova esasiphambi kweveranda kaYehova.+  Waqokelela ndawonye wonke uYuda noBhenjamin+ nabaphambukeli+ ababekunye nabo bakwaEfrayim nabakwaManase nabakwaSimeyon, kuba baqhweshela kuye besuka kwaSirayeli bebaninzi bakuba bebonile ukuba uYehova uThixo wakhe wayenaye.+ 10  Baqokelelana ndawonye eYerusalem ngenyanga yesithathu kunyaka weshumi elinesihlanu wokulawula kuka-Asa. 11  Bandula babingelela kuYehova ngalo mhla emaxhobeni ababewazisile, iinkomo ezingamakhulu asixhenxe nezimvu ezingamawaka asixhenxe. 12  Ngapha koko, benza umnqophiso+ wokufuna uYehova uTHIXO wookhokho babo ngentliziyo yabo yonke nangomphefumlo wabo wonke;+ 13  ukuze nabani na ongayi kumfuna uYehova uTHIXO kaSirayeli abulawe,+ enoba mncinane okanye mkhulu,+ enoba yindoda okanye ngumfazi.+ 14  Ngoko bafunga+ kuYehova ngelizwi elikhulu nangemikhwazo yemivuyo nangamaxilongo nangezigodlo. 15  Wonke uYuda waba nemihlali+ ngenxa yesifungo eso; kuba wayefunge ngentliziyo yakhe yonke yaye wakholiswa ngokupheleleyo kukumfuna, ngokokukude abe nokufunyanwa nguye;+ yaye uYehova waqhubeka emnika ukuphumla macala onke.+ 16  KwanoMahaka+ uninakhulu, uAsa ukumkani ngokwakhe+ wamshenxisa ekubeni linenekazi,+ ngenxa yokuba wenza isithixo esilisikizi sesibonda esingcwele;+ uAsa wasigawula eso sithixo silisikizi+ waza wasicola wasitshisa+ kwintlambo yaseKidron.+ 17  Ke zona iindawo eziphakamileyo+ azithanga shwaka kwaSirayeli.+ Kuphela nje yona intliziyo ka-Asa yayiphelele yonke imihla yakhe.+ 18  Yaye wazizisa endlwini kaTHIXO oyinyaniso izinto ezazingcwaliswe nguyise nezinto awayezingcwalise+ ngokwakhe, isilivere negolide neempahla.+ 19  Ke yona imfazwe, ayizange yabakho kwada kwaba ngunyaka wamashumi amathathu anesihlanu wolawulo luka-Asa.+

Umbhalo osemazantsi