I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 14:1-15

14  Ekugqibeleni uAbhiya walala kookhokho bakhe,+ yaye wangcwatywa kwisiXeko sikaDavide;+ waza uAsa+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe alizange libe naziphazamiso+ iminyaka elishumi.  UAsa wenza okufanelekileyo nokulungileyo emehlweni kaYehova uThixo wakhe.  Ngoko washenxisa izibingelelo+ zasemzini neendawo eziphakamileyo,+ waziqhekeza iintsika ezingcwele+ waza wagawula izibonda ezingcwele.+  Ngapha koko, wathi kuYuda makafune+ uYehova uTHIXO wookhokho bakhe aze enze umthetho+ nomyalelo.+  Washenxisa zonke izixeko zakwaYuda neendawo eziphakamileyo neziganga zeziqhumiso;+ baza ubukumkani baqhubeka bungaphazanyiswa+ phambi kwakhe.  Yaye wahlabela mgama wakha izixeko ezinqatyisiweyo kwaYuda,+ kuba ilizwe lalingenasiphazamiso; kwakungekho mfazwe nxamnye naye ngaloo minyaka, kuba uYehova wamnika ukuphumla.+  Ngoko wathi kuYuda: “Masizakhe ezi zixeko size senze iindonga+ ezijikelezileyo neenqaba,+ iingcango ezingambini nemivalo.+ Kuba ilizwe lisephambi kwethu, ngenxa yokuba siye safuna uYehova uThixo wethu.+ Simfunile, yena usinike ukuphumla macala onke.”+ Baqhubeka besakha baba nempumelelo.+  UAsa waba nomkhosi wamajoni athwala ikhakha elikhulu+ nencula,+ amakhulu amathathu amawaka akwaYuda.+ Yaye kwaBhenjamin abo baphatha ingweletshetshe nabagoba isaphetha+ babengamakhulu amabini anamashumi asibhozo amawaka.+ Onke la yayingamakroti, amadoda anamandla.  Kamva uZera umTiyopiya+ waphuma nxamnye nabo nomkhosi wamajoni isigidi samadoda+ neenqwelo ezingamakhulu amathathu, weza kufikelela eMareshaha.+ 10  Wandula uAsa waphuma nxamnye naye bakha uluhlu kwintlambo yaseTsefata eMareshaha. 11  UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe+ wathi: “Owu Yehova, ngokuphathelele ukunceda, akunamsebenzi kuwe enoba baninzi okanye ngabo bangenamandla.+ Khawusincede, Yehova Thixo wethu, kuba sayama ngawe,+ siza nxamnye nesi sihlwele ngegama lakho.+ Owu Yehova, unguThixo wethu.+ Musa ukuvumela umntu ofayo abe namandla nxamnye nawe.”+ 12  UYehova wawoyisa+ amaTiyopiya phambi kuka-Asa naphambi kukaYuda, aza asaba amaTiyopiya. 13  UAsa nabantu ababenaye bawasukela baya kufikelela eGerare,+ yaye abo baseTiyopiya baqhubeka besiwa de akwabakho uphilayo kubo; kuba baqotywa phambi koYehova+ naphambi kwenkampu yakhe.+ Emva koko bathabatha amaxhoba amaninzi kakhulu.+ 14  Ngapha koko, bazixabela zonke izixeko ezijikeleze iGerare, kuba babenkwantya+ kuYehova; yaye baziphanga zonke izixeko, ibe kwaba kuninzi gqitha abakuphangayo kubo.+ 15  Kwaneentente+ ezazinemfuyo bazixabela ukuze bathimbe+ imihlambi emininzi neenkamela,+ emva koko babuyela eYerusalem.

Umbhalo osemazantsi