I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 13:1-22

13  Ngonyaka weshumi elinesibhozo kaKumkani uYerobhoham nguAbhiya owalawula kwaYuda.+  Walawula iminyaka emithathu eYerusalem, yaye igama likanina lalinguMikaya+ intombi kaUriyeli waseGibheya.+ Yaye kwabakho imfazwe phakathi kuka-Abhiya noYerobhoham.+  Ngoko uAbhiya walwa imfazwe nomkhosi wamajoni angamakhulu amane amawaka amadoda emfazwe anamandla,+ amadoda anyuliweyo. UYerobhoham yena wakha uluhlu lwedabi nxamnye naye namadoda angamakhulu asibhozo amawaka anyuliweyo, angamakroti, amadoda anamandla.+  Wesuka wema uAbhiya kwiNtaba yeTsemarayim, ekummandla weentaba wakwaEfrayim,+ waza wathi: “Ndiphulaphule, Yerobhoham noSirayeli wonke.  Anazi na ukuba uYehova uTHIXO kaSirayeli ubukumkani kuSirayeli wabunika uDavide+ ukusa kwixesha elingenammiselo,+ kuye nakoonyana bakhe,+ ngomnqophiso wetyuwa?+  Waza uYerobhoham+ unyana kaNebhati, umkhonzi+ kaSolomon unyana kaDavide, wasuka wayivukela+ inkosi yakhe.+  Amadoda angoongantweni,+ amatshivela,+ aqokelelana ndawonye ngakuye. Ekugqibeleni wazingqina ongamile kuRehobhoham unyana kaSolomon, ekubeni uRehobhoham+ wayeselula yaye enedyudyu,+ akazange amelane nawo.  “Ngoku nicinga ukumelana ngokwenu nobukumkani bukaYehova esandleni soonyana bakaDavide,+ ekubeni nisisihlwele esikhulu+ yaye ninamathole eegolide awanenzela wona uYerobhoham njengoothixo.+  Anibagxothanga na ababingeleli bakaYehova,+ oonyana baka-Aron, nabaLevi, nina aniqhubekanga nizenzela ababingeleli njengezizwana zeli lizwe?+ Enoba ngubani na ozayo azimisele ngethole lenkomo eliyinkunzi neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, ube ngumbingeleli kwabangengothixo.+ 10  Ke thina, uYehova nguThixo wethu,+ asimshiyanga; kodwa ababingeleli balungiselela kuYehova, oonyana baka-Aron, kwanabaLevi emsebenzini.+ 11  Yaye baqhumisa umnikelo otshiswayo kuYehova rhoqo kusasa nangokuhlwa+ kwanesiqhumiso sobulawu;+ kwanesonka esicwangciswe kakuhle phezu kwetafile yegolide esulungekileyo,+ kukho nesiphatho sezibane segolide+ nezibane zazo ukukhanyisa iingokuhlwa zonke;+ ngenxa yokuba thina sigcina imbopheleko+ yethu kuYehova uThixo wethu, kodwa nina nimshiyile.+ 12  Yaye, khangela! uTHIXO oyinyaniso+ unathi kunye nababingeleli bakhe+ namaxilongo okuduma+ ukuvakalisa isandi sokulumkisa ngedabi nxamnye nani. Owu bonyana bakaSirayeli, musani ukulwa nxamnye noYehova uTHIXO wookhokho benu,+ kuba aniyi kuba nampumelelo.”+ 13  Ke yena uYerobhoham, wathumela abalaleli ukuba bajikele emva kwakhe, baba ngaphambi kukaYuda bona aza amalalela aba semva kwakhe.+ 14  Wathi akujika uYuda, khangela, wayenedabi ngaphambili nangasemva.+ Yaye wakhala kuYehova,+ ngoxa ababingeleli babekhalisa amaxilongo ngokuvakalayo. 15  Amadoda akwaYuda aduma ehlaba umkhosi.+ Yaye kwathi, xa amadoda akwaYuda ehlaba umkhosi, wandula ke uTHIXO oyinyaniso wamoyisa+ uYerobhoham naye wonke uSirayeli phambi kuka-Abhiya+ noYuda. 16  Oonyana bakaSirayeli basaba basuka phambi kukaYuda, waza uThixo wabanikela esandleni sakhe.+ 17  UAbhiya nabantu bakhe babaxabela bebabulala ngogonyamelo olukhulu; yaye ababuleweyo bakwaSirayeli baqhubeka besiwa, amadoda anyuliweyo angamakhulu amahlanu amawaka. 18  Leyo yindlela oonyana bakaSirayeli abathotywa ngayo ngelo xesha, kodwa oonyana bakaYuda bangqineka bongamile ngenxa yokuba babayame+ ngoYehova uTHIXO wookhokho babo. 19  UAbhiya waqhubeka emsukela uYerobhoham waza wathimba izixeko kuye, iBheteli+ needolophu eziphantsi kwayo, neYeshana needolophu eziphantsi kwayo, ne-Efrayin needolophu eziphantsi kwayo.+ 20  Akaba saba namandla+ uYerobhoham ngemihla ka-Abhiya; kodwa uYehova wambetha ngesibetho,+ ngokokude afe. 21  UAbhiya waqhubeka ezomeleza.+ Ekuhambeni kwexesha wazithabathela abafazi abalishumi elinesine,+ waza wazala oonyana abangamashumi amabini anesibini+ neentombi ezilishumi elinesithandathu. 22  Yonke eminye imicimbi ka-Abhiya, kwaneendlela zakhe namazwi akhe, abhaliwe kwinkcazelo yomprofeti uIdo.+

Umbhalo osemazantsi