I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 12:1-16

12  Yaye kwathi kamsinya ubukumkani bukaRehobhoham bakumiselwa ngokuqinileyo+ yaye esakuba omelele, wawushiya umthetho kaYehova,+ kwanoSirayeli+ wonke ekunye naye.  Kwathi ngonyaka wesihlanu kaKumkani uRehobhoham+ wenyuka uShishaki+ ukumkani waseYiputa nxamnye neYerusalem, (kuba babeziphethe ngokungathembeki kuYehova,)+  enamakhulu alishumi elinesibni eenqwelo+ namashumi amathandathu amawaka abakhweli-mahashe; nabantu abangenakubalwa+ abaphuma naye eYiputa—amaLibhiya,+ amaSuki namaTiyopiya.+  Yaye wathimba izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda,+ ekugqibeleni waya kufikelela eYerusalem.+  Ngoko uShemaya+ umprofeti, weza kuRehobhoham neenkosana zakwaYuda ezazihlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kuzo: “Utsho uYehova ukuthi, ‘Nina, nindishiyile,+ nam ndinishiyile+ ndininikele esandleni sikaShishaki.’”  Iinkosana zakwaSirayeli nokumkani bazithoba+ baza bathi: “UYehova ulilungisa.”+  Akubona uYehova+ ukuba bazithobile, ilizwi likaYehova lafika kuShemaya,+ lisithi: “Bazithobile.+ Andiyi kubonakalisa, ndiya kubasindisa ixesha elincinane, umsindo wam awuyi kuthululelwa eYerusalem ngesandla sikaShishaki.+  Kodwa baya kuba ngabakhonzi bakhe,+ ukuze bawazi umahluko phakathi kwenkonzo yam+ nenkonzo yezikumkani zamazwe.”+  Ngoko uShishaki+ ukumkani waseYiputa waphuma nxamnye neYerusalem waza wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova+ nobuncwane bendlu kakumkani.+ Wathabatha yonke into; wathabatha amakhaka egolide awayenziwe nguSolomon.+ 10  Ngenxa yoko uKumkani uRehobhoham wenza amakhaka obhedu esikhundleni sawo, waza wawanikela ukuba alawulwe ziintloko zeembaleki,+ abalindi+ bomnyango wendlu kakumkani.+ 11  Kwakusithi ngokufuthi kangangoko wayesiza ukumkani endlwini kaYehova, iimbaleki ziwathwale ziwabuyisele kwigumbi labalindi beembaleki.+ 12  Yaye ngenxa yokuba wazithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye,+ akazange acinge ngokumonakalisa ngokupheleleyo.+ Yaye, ngaphandle koko, kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.+ 13  Ke yena uKumkani uRehobhoham waqhubeka esiqinisa isikhundla sakhe eYerusalem waza waqhubeka elawula; kuba uRehobhoham+ wayeneminyaka engamashumi amane ananye ubudala ukuqalisa kwakhe ukulawula, yaye iminyaka elishumi elinesixhenxe wayelawula eYerusalem, isixeko+ awasinyulayo uYehova kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli ukuze alibeke khona igama lakhe.+ Kwaye igama likanina lalinguNahama+ umAmonikazi.+ 14  Kodwa wenza okubi,+ kuba akazange akumisele ngokuqinileyo entliziyweni yakhe ukumfuna uYehova.+ 15  Ke yona imicimbi kaRehobhoham, eyokuqala neyokugqibela,+ ayibhalwanga na emazwini kaShemaya+ umprofeti noIdo+ imboni ngokubhaliswa ngokomlibo wokuzalwa? Yaye yayiziimfazwe phakathi kukaRehobhoham+ noYerobhoham+ amaxesha onke. 16  Ekugqibeleni uRehobhoham walala kookhokho bakhe,+ wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide;+ waza uAbhiya+ unyana wakhe walawula esikhundleni sakhe.

Umbhalo osemazantsi