I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 11:1-23

11  Ekufikeni kukaRehobhoham eYerusalem,+ ngoko nangoko wahlanganisa indlu kaYuda nekaBhenjamin,+ amadoda omeleleyo okulwa imfazwe alikhulu elinamashumi asibhozo amawaka,+ ukuba alwe noSirayeli ukuze abuyisele ubukumkani kuRehobhoham.  Kwandula kwafika ilizwi likaYehova kuShemaya+ umntu kaTHIXO oyinyaniso, lisithi:  “Yitsho kuRehobhoham unyana kaSolomon ukumkani wakwaYuda+ nakuSirayeli wonke kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,  ‘Utsho uYehova ukuthi: “Ningenyuki niye kulwa nabazalwana benu.+ Buyelani ngamnye endlwini yakhe, kuba le nto yenzeka ngokuphuma kum.”’”+ Ngoko balithobela ilizwi likaYehova baza babuya abaya kulwa noYerobhoham.+  Yaye uRehobhoham waqhubeka ehlala eYerusalem waza wakha izixeko ezinqatyisiweyo kwaYuda.  Ngaloo ndlela wabuya wayakha iBhetelehem+ ne-Etam+ neTekowa,+  neBhete-tsure+ neSoko+ neAdulam,+  neGati+ neMereshaha+ neZifi,+  neAdorayim neLakishe+ neAzeka,+ 10  neTsora+ neAyalon+ neHebron,+ izixeko ezinqatyisiweyo, ezazikwaYuda nakwaBhenjamin. 11  Ngapha koko, waqinisa iindawo ezinqatyisiweyo+ wabeka iinkokeli+ kuzo nezixa zokutya neoli newayini, 12  yaye kuzo zonke izixeko ezahlukahlukeneyo wabeka amakhaka amakhulu+ neencula;+ waza wahlabela mgama eziqinisa ukusa kumlinganiselo omkhulu. Yaye uYuda noBhenjamin baqhubeka ingabakhe. 13  Ababingeleli nabaLevi ababekuye wonke uSirayeli bema ngakuye bevela kuyo yonke imimandla yabo. 14  Kuba abaLevi bashiya amadlelo+ abo nelifa+ labo baza beza kwaYuda naseYerusalem,+ ngenxa yokuba uYerobhoham+ noonyana bakhe babayekisa+ ekusebenzeni njengababingeleli kuYehova. 15  Yaye wazibekela kwizigxina ababingeleli beendawo eziphakamileyo+ nabeedemon ezimilise okweebhokhwe+ nabamathole eenkomo awayewenzile.+ 16  Emva kwabo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli abo bazinikelayo iintliziyo zabo ekumfuneni uYehova uTHIXO kaSirayeli beza eYerusalem+ ukuza kubingelela+ kuYehova uTHIXO wookhokho babo. 17  Baqhubeka bebomeleza ubukumkani bukaYuda+ yaye bemqinisa uRehobhoham unyana kaSolomon iminyaka emithathu, kuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.+ 18  Wandula ke uRehobhoham wathabatha uMahalati intombi kaYerimoti unyana kaDavide yaba ngumfazi wakhe, noAbhihali intombi kaEliyabhi+ unyana kaYese. 19  Ekuhambeni kwexesha wamzalela oonyana, uYewushe noShemariya noZaham. 20  Emva koko wathabatha uMahaka+ umzukulwana ka-Abhisalom.+ Ekuhambeni kwexesha wamzalela uAbhiya+ noAtayi noZiza noShelomiti. 21  URehobhoham wayemthanda ngakumbi uMahaka umzukulwana ka-Abhisalom kunabo bonke abanye abafazi bakhe+ namashweshwe akhe; kuba wayethabathe abafazi abalishumi elinesibhozo, kwanamashweshwe angamashumi amathandathu; ngoko wazala oonyana abangamashumi amabini anesibhozo neentombi ezingamashumi amathandathu. 22  Ngenxa yoko uRehobhoham wabeka uAbhiya unyana kaMahaka kwisigxina njengentloko, njengenkokeli phakathi kwabantakwabo, kuba wayecinga ukumenza ukumkani. 23  Noko ke, wenza ngokuqonda+ waza wabasasaza oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBenjamin,+ nakuzo zonke izixeko+ ezinqatyisiweyo, waza wabanika intabalala yokutya+ yaye wabafunela inkitha yabafazi.+

Umbhalo osemazantsi