Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 10:1-19

10  URehobhoham+ waya kwaShekem,+ kuba onke amaSirayeli ayeze kumenza ukumkani kwaShekem.  Yaye kwathi kamsinya nje akuba uYerobhoham+ unyana kaNebhati ekuvile oko ngoxa wayeseseYiputa,+ (ngenxa yokuba wayebaleke ukumkani uSolomon,) uYerobhoham ngokukhawuleza wabuya eYiputa.+  Ngoko bathumela baza bambiza, yaye uYerobhoham naye wonke uSirayeli beza ukuze bathethe noRehobhoham, besithi:+  “Uyihlo wayenza lukhuni idyokhwe yethu;+ ke wena yenze khaphukhaphu inkonzo enzima kayihlo nedyokhwe yakhe enzima+ awayibeka phezu kwethu, yaye siya kukukhonza.”+  Yena ke wathi kubo: “Hambani iintsuku zibe ntathu. Nandule nibuyele kum.” Ngoko abantu bemka.  Yaye uKumkani uRehobhoham wafuna icebo+ kumadoda amakhulu awayeqhubeka enyamekela uSolomon uyise ngoxa wayesaphila, esithi: “Nicebisa ukuba siphendulwe njani esi sizwana?”+  Ngako oko athetha kuye, esithi: “Ukuba namhlanje unokuzingqina ulungile kwesi sizwana yaye usikholise uze ngokwenene uthethe amazwi alungileyo kuso,+ naso ngokuqinisekileyo siya kuhlala singabakhonzi bakho.”+  Noko ke, waliyeka icebo awayemcebise+ lona amadoda amakhulu, wafuna icebo kubafana awayekhule nabo,+ abo babemnyamekela.+  Yaye wahlabela mgama wathi kubo: “Nicebisa+ ukuba sisiphendule sithini esi sizwana sithethe nam, sisithi, ‘Yenze khaphukhaphu idyokhwe eyabekwa nguyihlo phezu kwethu’?”+ 10  Aba bafana babekhule naye bathetha naye, besithi: “Yithi kwaba bantu bathethe nawe, besithi, ‘Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa, ke wena, yenze ibe khaphukhaphu phezu kwethu’; yithi kubo,+ ‘Ngokuqinisekeliyo ucikicane wam uya kuba mkhulu ngakumbi kunesinqe sikabawo.+ 11  Yaye ke ubawo, wanithwalisa idyokhwe enzima; kodwa mna, ndiya kuyongeza idyokhwe yenu.+ Ubawo yena, wanibetha ngezabhokhwe, kodwa mna, ndiya kunibetha ngeekatsi.’”+ 12  UYerobhoham nabo bonke abantu beza kuRehobhoham ngosuku lwesithathu, kanye njengoko ukumkani wayethethile, esithi: “Buyelani kum ngosuku lwesithathu.”+ 13  Yaye ukumkani wabaphendula ngqwabalala.+ Ngaloo ndlela uKumkani uRehobhoham waliyeka icebo+ awayecetyiswe lona ngamadoda amakhulu,+ 14  wahlabela mgama wathetha kubo ngokwecebo labafana,+ esithi: “Ndiya kuyenza nzima ngakumbi idyokhwe yenu, yaye mna, ndiya kongeza kuyo. Ubawo, wanibetha ngezabhokhwe, kodwa mna, ndiya kunibetha ngeekatsi.”+ 15  Yaye ukumkani akazange abaphulaphule abantu; kuba ukuguquka kwemicimbi kwakuphuma kuTHIXO oyinyaniso+ ukuze uYehova aliphumeze ilizwi lakhe+ awayelithethe ngoAhiya+ umShilo+ kuYerobhoham unyana kaNebhati.+ 16  Ke yena wonke uSirayeli, ngenxa yokuba ukumkani engazange amphulaphule, abantu bamphendula ukumkani, besithi: “Sinasabelo sini na kuDavide?+ Yaye akukho lifa kunyana kaYese.+ Ngamnye makaye koothixo bakhe,+ Sirayeli! Ngoko zibonele indlu yakho, Davide.”+ Ke wonke uSirayeli waya ezintenteni zakhe. 17  Ke bona oonyana bakaSirayeli ababehlala kwizixeko zakwaYuda, uRehobhoham waqhubeka ebalawula.+ 18  Kamva uKumkani uRehobhoham wathumela uHadoram,+ owayephethe abo babebhaliselwe ukusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa, kodwa oonyana bakaSirayeli bamgibisela ngamatye,+ kangangokude afe. Yaye uKumkani uRehobhoham waba nako ukukhwela enqwelweni wasabela eYerusalem.+ 19  Kwaye amaSirayeli aqhubeka nemvukelo yawo+ nxamnye nendlu kaDavide de kube namhla.

Umbhalo osemazantsi