I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Kronike 1:1-17

1  USolomon unyana kaDavide waqhubeka efumana amandla ebukumkanini bakhe,+ yaye uYehova uThixo wakhe wayenaye+ waza waqhubeka emenza mkhulu ngokugqwesileyo.+  Wathetha uSolomon namaSirayeli onke, neentloko zamawaka+ nezamakhulu+ nabagwebi+ nazo zonke izikhulu zikaSirayeli wonke,+ iintloko zezindlu zooyise.+  Wandula uSolomon nalo lonke ibandla elalikunye naye baya kwindawo ephakamileyo eyayiseGibheyon;+ kuba yayilapho intente yokuhlangana+ kaTHIXO oyinyaniso, awayenzayo uMoses umkhonzi+ kaYehova entlango.  Noko ke, ityeya+ kaTHIXO oyinyaniso uDavide awayeyinyuse eKiriyati-yarim+ wayisa kwindawo uDavide abeyilungiselele yona,+ kuba wayeyimisele intente eYerusalem.+  Isibingelelo sobhedu+ awasenzayo uBhetsaleli+ unyana kaUri unyana kaHure+ sabekwa phambi komnquba kaYehova; yaye uSolomon nebandla babeqhele ukucela kuso.  Ke kaloku uSolomon wenza iminikelo apho phambi kukaYehova phezu kwesibingelelo sobhedu sentente yokuhlangana, wanikela iwaka leminikelo etshiswayo phezu kwaso.+  Ebudeni bobo busuku uThixo wabonakala kuSolomon waza wathi kuye: “Cela! Ndingakupha ntoni na?”+  Koko uSolomon wathi kuThixo: “Wena unguLowo wenzela uDavide ubawo+ ububele bothando obukhulu waza wandenza ukumkani esikhundleni sakhe.+  Ke kaloku, Yehova Thixo, masingqineke sithembekile isithembiso sakho owasenza kuDavide ubawo,+ kuba wena undenze ukumkani+ kwisizwana esininzi njengamasuntswana othuli lomhlaba.+ 10  Ndinike ke ubulumko nolwazi+ ukuze ndiphume ndingene phambi kwesi sizwana,+ kuba ngubani onokugweba esi sizwana sakho sikhulu kangaka?”+ 11  Waza wathi uThixo kuSolomon: “Ngenxa yokuba oko kusentliziyweni yakho+ yaye ungacelanga ndyebo, butyebi nambeko okanye ubomi babo bakuthiyayo, yaye akucelanga mihla mininzi,+ kodwa ucele ubulumko nokwazi ukuze ubagwebe abantu bam endikwenze ukuba ube ngukumkani kubo,+ 12  ubulumko nolwazi uzinikiwe;+ kwanendyebo nobutyebi nembeko ndiya kukunika ekungabangakho unazo kookumkani ababekho phambi kwakho,+ nekungekho bani uya kuba nazo emva kwakho.”+ 13  Ngoko uSolomon wabuya kwindawo ephakamileyo eyayiseGibheyon,+ ententeni yokuhlangana,+ weza eYerusalem waza waqhubeka elawula uSirayeli.+ 14  USolomon waqhubeka ehlanganisa iinqwelo namahashe emfazwe waza waba neenqwelo eziliwaka elinamakhulu amane namahashe emfazwe alishumi elinesibini lamawaka,+ wawabeka kwizixeko zeenqwelo+ nakufuphi nokumkani eYerusalem. 15  Kwaye ukumkani wenza isilivere negolide eYerusalem njengamatye;+ wenza nomsedare omninzi njengemithi yesikamore+ eseShefela.+ 16  Yaye amahashe abenawo uSolomon evela eYiputa+ ayethunyelwa ngaphandle, kwaye iqela labarhwebi bakakumkani lalithabatha umhlambi wamahashe ngexabiso.+ 17  Babenyusa baze bathumele ngaphandle kweYiputa inqwelo ngamaqhosha esilivere angamakhulu amathandathu nehashe ngekhulu namashumi amahlanu; leyo yindlela ababesenza ngayo bonke ookumkani bamaHiti nookumkani baseSiriya.+ Kwakusetyenziswa bona ukuthumela ngaphandle.

Umbhalo osemazantsi