I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Korinte 3:1-18

3  Ngaba kwakhona siqala ukuzincomela ngokwethu?+ Okanye ngaba, mhlawumbi, njengabantu abathile, sifuna iincwadi+ zoncomelo eziya kuni okanye ezivela kuni?  Nina ngokwenu niyincwadi yethu,+ ebhalwe ezintliziyweni zethu neyaziwayo nefundwa luluntu lonke.+  Kuba nibonakaliswa niyincwadi kaKristu ebhalwe sithi njengabalungiseleli,+ engabhalwanga ngainki kodwa ngomoya+ kaThixo ophilayo, kungekhona kumacwecwe amatye,+ kodwa kumacwecwe enyama, ezintliziyweni.+  Ke kaloku ngaye uKRISTU sithembele+ kuThixo.  Asikuko ukuba thina ngokwethu sikufanelekele ngokwaneleyo ukucinga ukuba nantoni na iphuma kuthi,+ kodwa ukufaneleka ngokwaneleyo kwethu kuphuma kuThixo,+  oye eneneni wasenza sakufanelekela ngokwaneleyo ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha,+ kungekhona owengqokelela yemithetho ebhaliweyo,+ kodwa owomoya;+ kuba ingqokelela yemithetho ebhaliweyo igwebela+ isohlwayo sokufa, kodwa umoya uyaphilisa.+  Ngaphezu koko, ukuba ingqokelela yemithetho edlulisela ukufa+ neyakrolwa ngoonobumba ematyeni+ yeza ngozuko,+ kangangokuba oonyana bakaSirayeli babengenakubuqwalasela ubuso bukaMoses ngenxa yozuko lobuso bakhe,+ zuko olo olwaluza kubhangiswa,  kutheni ukudlulisela komoya+ kungenakuba kukhulu ngakumbi ngozuko?+  Kuba ukuba ingqokelela yemithetho edlulisela umgwebo wesohlwayo+ yayizukile,+ kokukhona ukudlulisela kobulungisa+ kuphuphuma kakhulu ngakumbi ngozuko.+ 10  Enyanisweni, kwanoko bekukhe kwenziwa kwazuka kuye kwahlutywa uzuko+ kule nkalo, ngenxa yozuko olugqwesileyo.+ 11  Kuba ukuba oko kwakuza kubhangiswa kwaziswa ngozuko,+ kokukhona bekuya kuba nozuko olukhulu ngakumbi oko kuza kuhlala kukho.+ 12  Ngoko ke, njengoko sinethemba elinjalo,+ sisebenzisa inkululeko enkulu yokuthetha, 13  yaye singenzi njengaxa uMoses wayebeka isigqubuthelo+ ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni+ soko kwakuza kubhangiswa. 14  Kodwa amandla abo engqondo enziwa buthuntu.+ Kude kube namhla eso sigqubuthelo asiphakanyiswa ekufundweni komnqophiso omdala,+ ngenxa yokuba ubhangiswa ngoKristu.+ 15  Enyanisweni, ukuza kutsho namhlanje xa sukuba kufundwa uMoses,+ isigqubuthelo sihlala ezintliziyweni zabo.+ 16  Kodwa xa kukho ukuphethukela kuYehova, isigqubuthelo siyasuswa.+ 17  Ke kaloku uYehova unguMoya;+ yaye apho ukhoyo umoya+ kaYehova,+ kukho inkululeko.+ 18  Thina sonke,+ silubonakalisa njengezipili uzuko lukaYehova+ ngobuso obungagqutyuthelwanga, siyaguqulwa+ sifane+ naye sisuka eluzukweni sise eluzukweni,+ yaye oku kwenziwe nguYehova+ ngoMoya.

Umbhalo osemazantsi