I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Korinte 2:1-17

2  Mna ke ndigqibe kwelokuba ndingaphindi ndize kuni ndibuhlungu.+  Kuba ukuba ndinenza buhlungu,+ ngubani eneneni oya kundichwayitisa ngaphandle kwalowo wenziwa buhlungu kwandim?  Yaye ngoko ndayibhala le nto, ukuze, xa ndisiza, ndingabi buhlungu+ ngenxa yabo ndifanele ndibe nemihlali ngabo;+ ngenxa yokuba ndinentembelo+ kuni nonke yokuba uvuyo endinalo lolo ninalo nonke.  Kuba ndanibhalela ndikwimbandezelo enkulu nokubandezeleka kwentliziyo ndineenyembezi ezininzi,+ kungekhona ukuze nibe buhlungu,+ kodwa ukuze nilwazi uthando endinalo ngani.  Ke kaloku ukuba ubani wenze buhlungu,+ wenze buhlungu, kungekhona mna, kodwa nina nonke ukusa kumkhamo othile—nditsho ukuze ndingabi ngqwabalala gqitha koko ndikuthethayo.  Oku kumkhalimela+ kwabaninzi kumlingene loo mntu,  ngoko ke, nifanele nimxolele+ ngobubele nize nimthuthuzele, ukuze angadliwa kukuba buhlungu kwakhe ngokugqithiseleyo.+  Ngoko ke ndiyanibongoza ukuba niluqinisekise uthando lwenu+ ngaye.  Kwakhona ndibhalela nokuqinisekisa enoba niyathobela kusini na ezintweni zonke.+ 10  Xa sukuba nixolela nabani na ngobubele,  nam ndiyamxolela.+ Enyanisweni, mna ke, nakuphi na endikuxolele ngobubele, ukuba ndiye ndaxolela ngobubele, bekungenxa yenu emehlweni kaKristu; 11  ukuze singabi zizisulu zikaSathana,+ kuba siyawazi amacebo akhe.+ 12  Ke kaloku xa ndakufika eTrowa+ ukuya kuvakalisa iindaba ezilungileyo ngoKRISTU, ndaza ndavulelwa umnyango omkhulu eNkosini,+ 13  andizange ndikhululeke emoyeni wam ngenxa yokungamfumani uTito+ umzalwana wam, ndasuka ndacela indlela, ndaya eMakedoni.+ 14  Makubulelwe ke kuThixo osoloko esikhokela+ kumngcelele woloyiso kunye+ noKRISTU, nolibonakalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe kuyo yonk’ indawo!+ 15  Kuba kuThixo silivumba elimnandi+ likaKristu phakathi kwabo basindiswayo naphakathi kwabo batshabalalayo;+ 16  kwabo batshabalalayo silivumba lokufa elisa ekufeni,+ kwabo basindiswayo silivumba lobomi elisa ebomini. Yaye ngubani na ozifanelekele ngokwaneleyo ezi zinto?+ 17  Sithi; kuba asingobathengisi belizwi likaThixo+ njengoko abantu abaninzi benjalo,+ kodwa sithetha ngokunyaniseka, phambi kwamehlo kaThixo, njengabathunywa bakaThixo, sikunye noKristu.+

Umbhalo osemazantsi