I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Korinte 13:1-14

13  Esi sisihlandlo sesithathu+ ndisiza kuni. “Wonke umbandela umele umiselwe ngomlomo wamangqina amabini okanye amathathu.”+  Ndandikhe ndatsho ngaphambili yaye, ngokungathi ndikho okwesihlandlo sesibini ndiyaphinda ndithi kwabo bonileyo ngaphambili nakubo bonke abanye, ukuba ndikhe ndeza kwakhona andiyi kubaconga,+  ekubeni nifuna ubungqina bokuthetha kukaKristu kum,+ uKristu ongekho buthathaka kuni kodwa onamandla phakathi kwenu.  Eneneni, wabethelelwa+ ngenxa yobuthathaka,+ kodwa uyaphila ngenxa yamandla kaThixo.+ Enyanisweni, sibuthathaka kunye naye, kodwa siya kuphila ndawonye naye+ ngenxa yamandla kaThixo+ kuni.  Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.+ Okanye aniqondi na ukuba uYesu Kristu umanyene nani?+ Ngaphandle kokuba anikholekanga.  Eneneni ndiyathemba ukuba niya kwazi ukuba thina asingabo abangakholekanga.  Ke kaloku siyathandaza+ kuThixo ukuba ningenzi nto imbi, kungekuko ukuze sibonakale sikholekile thina, kodwa ukuze nina nenze oko kuhle, nakuba thina sisenokubonakala singabangakholekanga.  Kuba asinakwenza nto nxamnye nenyaniso, kodwa kuphela sinokwenza okuvumelana nenyaniso.+  Ngokuqinisekileyo siba nemihlali xa sukuba sibuthathaka kodwa nina ninamandla;+ yaye sithandazela+ ukuba nilungiswe. 10  Kungenxa yoko le nto ndibhala ezi zinto ngoxa ndingekho, ukuze, xa ndikho, ndinganiphathi ngokuqatha+ ngokwegunya endalinikwa yiNkosi, ukuba ndakhe,+ ndingachithi. 11  Okokugqibela, bazalwana, qhubekani ninemihlali, nilungiswa, nithuthuzelwa,+ nicinga ngokuvumelanayo,+ nihlala ngoxolo;+ yaye uTHIXO wothando nowoxolo+ uya kuba kunye nani. 12  Bulisanani ngolwango olungcwele.+ 13  Bayanibulisa bonke abangcwele. 14  Ububele obungasifanelanga beNkosi uYesu Kristu nothando lukaThixo nokwabelana kumoya oyingcwele makube nani nonke.+

Umbhalo osemazantsi