I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Korinte 10:1-18

10  Ke kaloku mna, Pawulos, ndiyanibongoza ngobulali+ nobubele+ bukaKRISTU, nakuba ndithobekile ngembonakalo+ phakathi kwenu, kanti xa ndingekho ndingokhaliphileyo kuni.+  Eneneni ndiyabongoza ukuba, ndakuba ndifikile, kungabikho mfuneko yokuba ndithabathe amanyathelo+ enkalipho nxamnye nabathile abasigqala ngokungathi sahamba ngokoko thina sikuko enyameni.  Kuba nakuba sisenyameni,+ asilwi mfazwe ngokoko sikuko enyameni.+  Kuba izixhobo zethu zemfazwe ayizizo ezenyama,+ kodwa ngaye uThixo+ zinamandla okubhukuqa izinto ezinqatyisiweyo.  Kuba sibhukuqa iingcinga nayo yonke into ephakamileyo ephakanyiswa nxamnye nolwazi lukaThixo;+ yaye sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKRISTU;  ibe silungele ukuphumeza isohlwayo ngenxa yako konke ukungathobeli,+ kamsinya nje nakuba intobelo yenu niyiphumeze ngokuzeleyo.+  Izinto nizikhangela ngokwembonakalo yazo.+ Ukuba ubani ukholose ngokuthi ungokaKristu, makasiqwalasele kwakhona esi sibakala, sokuba, kanye njengoko yena engokaKristu, nathi sinjalo.+  Kuba kwanokuba ndingaqhayisa+ kakhulu ngegunya esalinikwa yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi,+ bendingayi kuba neentloni,  ukuze ndingabonakali ndifuna ukuninkwantyisa ngeencwadi zam. 10  Kuba, bona bathi: “Iincwadi zakhe zinzima yaye zinamandla, kodwa ubukho bakhe ngobuqu bubuthathaka,+ nentetho yakhe idelekile.”+ 11  Abo batshoyo mabaqonde ukuba oko sikuko elizwini lethu ngeencwadi xa singekho, siya kuba kuko nangesenzo xa sikho.+ 12  Kuba asinabuganga bakuzihlela phakathi kwabathile okanye sizithelekise nabathile abazincomela ngokwabo.+ Ngokuqinisekileyo bona ngokuzilinganisa kwabo nokuzithelekisa kwabo abaqondi.+ 13  Thina siza kuqhayisa, kungekhona ngaphaya kwemida esiyabelweyo,+ kodwa ngokwemida esiyibekelwe nguThixo, efikelela nakuni.+ 14  Ngokwenene asizoluli ngokugqithiseleyo ngokungathi asizange sifikelele kuni, kuba sasingabokuqala ukufika kuni sivakalisa iindaba ezilungileyo ezingoKRISTU.+ 15  Hayi, asiqhayisi ngemisebenzi yabanye+ ngaphaya kwemida esiyabelweyo, kodwa sinethemba lokuba, lwakukhula ukholo lwenu,+ siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu kummandla wethu.+ Siya kwandula ke siphuphume kwanangakumbi, 16  ukuze sivakalise iindaba ezilungileyo kumazwe angaphaya kwenu,+ khon’ ukuze singaqhayisi ngommandla womnye apho izinto sele zilungisiwe. 17  “Kodwa lowo uqhayisayo, makaqhayise ngoYehova.”+ 18  Kuba okholekileyo asinguye lowo uzincomelayo,+ kodwa ngulowo uYehova+ amncomelayo.+

Umbhalo osemazantsi